Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    4—Ukuchukumisa Kokholo

    “Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.” Mateyu 9:21. Yayingumfazi olusizi owathetha la mazwi—umfazi owagula ishumi elinambini leminyaka sisifo esenza ukuba ubomi bakhe bube ngumthwalo. Wayichitha yonke into anayo koogqirha namayeza, kodwa axelelwe nje ukuba akanako ukunyangeka. Wathi kodwa akuva ngoMphilisi Omkhulu, amathemba wakhe avuseleleka. Engqondweni yakhe wathi, “Ukuba nje ndingasondela ndibe kufuphi ukuba ndithethe naYe, ndise nokuphiliswa.”UL 37.1

    UKristu wayesendleleni eya kwikhaya likaYayiro, umfundisi womYuda owayemcengile ukuba aye ekhayeni lakhe ukuya kuphilisa intwazana yakhe. Isibongozo esasiphuma kwintliziyo eyaphukileyo, sisithi, “Intombazana yam isindekile, khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe” (Marko 5:23) sayichukumisa intliziyo kaKristu ezaliswe luthando novelwano, waza wahamba nomlawuli lowo esiya ekhayeni lakhe.UL 37.2

    Bahamba ngokucotha kuba isihlwele sasimxine macala uKristu. Wathi ngokuzama ukuphumela kwisihlwele, uMsindisi wada wasondela kufuphi apho yayimi khona intokazi ehlaselekileyo. Yayikade izama ukusondela kuYe. Lalifikile ke ngoku nelayo ithuba. Yayingayiboni ndlela eyayingathi ibe nokuthetha naYe. Yayingafuni ukuluphazamisa olu hambo lwaKhe lucothayo. Yayikhe yeva ukuba ukuphila kubakho nangokuchukumisa nje iingubo zaKhe; yaza yathi, ngokoyika ukulahlekwa lithuba lokugqibela lokuncedwa kwayo, yatyhudisa yasondela, izixelele ukuthi, “Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yaKhe nje kodwa, ndophiliswa.”UL 37.3

    UKristu wayeyazi yonke ingcamango yayo, waye esenza wonke umgudu ukuba adlule apho yayimi khona. Wayiqonda intswelo yayo enkulu, waza wayinceda ukuba ilusebenzise ukholo lwayo.UL 37.4

    Wathi xa athi uyadlula, yasondela yaphumelela ukuchukumisa umqukumbelo wengubo yaKhe. Ngaloo mzuzu, yazi ukuba iphilisiwe. Koko kuchukumisa nje kunye, kwakuhlangene lonke ukholo lobomi bayo, kwathi ngesiquphe intlungu nokuphelelwa ngamandla kwathi shwaka. Ngephanyazo, yakuva ukubaleka kwento engathi ngumsinga wombaneiwutyhutyha wonke umzimba wayo. Yafikelwa kukuziva isempilweni epheleleyo. “Yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho.” Indima 29.UL 38.1

    Le ntokazi izaliswe ngumbulelo yalangazelela ukuba ingawubonisa umbulelo wayo kuMphilisi Onamandla, owayenzela okukhulu ngokuchukumisa nje kodwa okungaphezu koko oogqirha bakwenzayo kwiminyaka emide elishumi elinambini; phofu ayizange ikwazi. Izele ngumbulelo entliziyweni, yazama ukubuya umva kweso sihlwele. Kwangoko, uYesu wema, wabheka wabuza, “Ngubani na lo undichukumisileyo?”UL 38.2

    “Ukho ondichukumisileyo,” watsho uYesu, “kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.” Indima 46. Wakwazi ukwahlula ukuchukumisa kokholo kokunye nje okuqhelekileyo kwesihlwele. Ukho owayemchukumise enenjongo enzulu waza wayifumana impendulo.UL 38.3

    UKristu akazange awubuze lo mbuzo kuba wayefuna ukwazi. Apha kukho isifundo awayesinika abantu, abafundi, kunye nale ntokazi. Wayenga anganika ithemba kwabahlaselekileyo. Wayenga angabonisa ukuba lukholo olwazisa amandla okuphilisa. Ukuthemba kwale ntokazi akufuneki kudlulwe kungabakho ntetho. UThixo kufuneka ezukisiwe ngokuvuma kwayo okuzaliswe ngumbulelo. UKristu wayelangazelela ukuba iqonde ukuba usamkele isenzo zayo sokholo. Wayengasayi kuyiyeka imke iphethe isiqwentshana sentsikelelo. Kwakungafuneki ihlale ingazi ngokwazi kwaKhe ukungaphili kwayo, kunye nemfesane yothando lwaKhe kwakunye nokukwamkela kwaKhe ukukholelwa kwayo kumandla waKhe okusindisa ngokupheleleyo bonke abeza kuYe.UL 38.4

    Ekhangele ngakule ntokazi, wazingisa ukubuza ukuba ngubani owamchukumisayo. Yathi ngokuqonda ukuba ukuzifihla akuncedi nto, le ntokazi yeza ingcangcazela, yaziphosa ezinyaweni zaKhe. Izele ziinyembezi zombulelo, phambi kwabantu bonke, yamxelela isizathu sokuba ichukumise ingubo yaKhe, nendlela eyaphiliswa ngayo kwangoko. Yayisoyika hleze isenzo sayo sokuchukumisa ingubo yaKhe sasibubuganga; kodwa akukho zwi lakuyihlasela elaphuma kuKristu. Wathetha amazwi okuyamkela kuphela. Amazwi ayephuma entliziyweni enothando, ezaliswe yimfesane ngakwingxaki yoluntu. UL 38.5

    “Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba unoxolo.” Indima 48. Indlela awayevuyisa ngayo la mazwi kuyo, ayithetheki. Ngoku yayingenaloyiko njengoko ingamkhubekisanga.UL 39.1

    Kwisihlwele esasizinyanzele kuYesu ngokufuna ukuva iindaba, akazange anike mandla aphilisayo. Kanti ke intokazi eyayigula yamchukumisa ngokholo yona yazuza ukuphiliswa. Kukwanjalo kwizinto zasemoyeni ukuba, ukuhlangana nje kwesiqhelo kwahlukile ekuchukumiseni ngokholo. Ukukholwa nje kuYesu ukuba unguMsindisi wehlabathi akuze kuzise mpiliso emphefumlweni. Ukholo olusingisa elusindisweni asikuko ukuvuma nje inyaniso yeendaba ezilungileyo. Ukholo lwenene lolo umntu amamkela uKristu njengoMsindisi wakhe, yena siqu. UThixo wanikela uNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze mna, ngokukholelwa kuYe, “ndingatshabalali, koko ndibe nobomi obungunaphakade.” Yohane 3:16. Xa ndisiza kuKristu, ngokwelizwi laKhe, kufuneka ndikholwe ukuba ndamkela ubabalo lwaKhe olusindisayo. Ubomi endibuphilayo ngoku, “ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo wazinikela ngenxa yam.” Galati 2:20.UL 39.2

    Abaninzi balubamba ukholo njengento abayicingayo. Ukholo olusindisayo lusisenzo, ekuthi ngaso abo bamkela uKristu bazimanye ngolwalamano lomnqophiso kunye noThixo. Ukholo oluphilileyo luthetha ukukhula kwamandla, ukuthembela okuzinikeleyo, ekuthi ngalo, ngobabalo lukaKristu, umphefumlo ube ngamandla awoyisayo.UL 39.3

    Ukholo lungumoyisi oligorha ngaphezu kokufa. Ukuba abagulayo bancedwa ukuba bamilisele amehlo abo ekukholelweni kuMphilisi Oligorha, siya kubona iziphumo ezimangalisayo. Oko kuya kuzisa ubomi emzimbeni nasemphefumlweni.UL 39.4

    Ekusebenzeleni amaxhoba athinjwe yimikhwa emibi, endaweni yokuwakhombisa ekuncameni nakwintshabalalo izinto azizisa phezu kwawo ngokukhawuleza, mawajikwe amehlo awo akhangeliswe kuYesu. Mawamiliselwe kokuhle kwasemazulwini. Oku kuya kwenza okukhulu ukusindisa umzimba nomphefumlo kunokuba kunokwenziwa luloyiko nengcwaba eliphakanyiswa phambi kwabangenako ukuzinceda nababonakala bephelelwe lithemba.UL 39.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents