Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    16—Ukuthandazela abagulayo

    IsiBhalo sithi abantu “bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla” (Luka 18:1); kwaye ukuba lakha lakho ixesha apho babeziva benentswelo yomthandazo, kuxa amandla esilela nobomi ngokwabo bubonakla buphuncuka ekububambeni kwabo. Kukholisa ngokuba abo basempilweni bazilibale iinceba ezimangalisayo eziqhubekayo kubo imihla ngemihla, umnyaka ngomnyaka, banginiki nentwana yokubonga kuThixo ngezipho zaKhe. Xa amandla abantu ephela, abantu baye bazive beludinga uncedo lukaThixo. Akaze ke uThixo wethu ozele yinceba awushiye umphefumlo othi, ulufune uncedo ngokunyanisekileyo. Uyindawo yethu yokubalekela ekuguleni kwanasempilweni.UL 172.1

    “Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,
    Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
    Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu,
    Ekhumbula ukuba siluthuli.”
    UL 172.2

    INdumiso 103:13, 14.

    “Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo,
    Nangenxa yobugwenxa babo, [abantu] ba[ya]cinezelwa;
    Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumo wabo,
    Bafika emasangweni okufa.”
    UL 172.3

    INdumiso 107:17.

    “Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,
    Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.
    Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa,
    Wabasiza ezihogweni zabo.”
    UL 172.4

    Indima 19, 20.

    UThixo ukulungele nangoku ukubuyisela abagulayo empilweni njengexesha uMoya Oyingcwele wayethetha la mazwi ngomdumisi. UKristu usengugqirha onemfesane ngoku njengoko wayenguye ngexesha lokulungisela kwaKhe esemhlabeni. KuYe kukho umathunga ophilisa sonke isifo, abuyisele amandla kuko konke ukuphelelwa ngamandla. Abafundi baKhe kweli xesha kufuneka bathandazele abagulayo ngokwenene njengoko abafundi bakudala babethandaza. Ukubuyiselwa kuya kulandela; kuba “umthandazo wokholo uya kumsindisa ogulayo.” Sinamandla kaMoya Oyingcwele, ingqiniseko ezolileyo yokholo, olunokuzibanga izithembiso zikaThixo. Isithembiso seNkosi, “Baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.” (Marko 16:18), sisathembeke ngoku njengakwimihla yabapostile. Sinika ilungelo abantwana bakaThixo, kwaye ukholo lwethu lumele lubambe konke esikuqulathileyo. Abakhonzi bakaKristu balijelo lokusebenza kwaKhe, kwaye ngabo ulangazelela ukusebenzisa amandla waKhe okuphilisa. Ngumsebenzi wethu ukunikela abagulayo nababulalekayo kuThixo ezingalweni zokholo lwethu. Kufuneka sibafundise ukukholelwa kuMphilisi omKhulu.UL 173.1

    UMsindisi unga singabakhuthaza abagulayo, abangenathemba, abangcungcuthekayo, ukuba babambelele kumandla waKhe. Ngokholo nomthandazo, igumbi labaglayo lingokuguqulwa libe yiBheteli. Ngelizwi nesenzo, oogqirha nabongikazi banako ukuthi, ngokucace kangangokuba kungabi nakuphazanywa, “UThixo ukho kule ndawo” ukuba sindise, angabulali. UKristu ulangazelela ukubutyhila ubukho baKhe egumbini labagulayo, ezalise iintliziyo zoogqirha nabongikazi ngobumnandi bothando lwaKhe. Ukuba ubomi babajonge abagulayo bukwimeko yokuba uKristu angahamba kunye nabo ukuya ecaleni lomandlalo wogulayo, kuya kubakho kuye ukuqiniseka ukuba imfesane yoMsindisi ikho, kwaye le ngqondo ngokwayi iya kwenza okuninzi ekuphiliseni kokubini-umzimba kwanomoya.UL 173.2

    UThixo uyawuva umthandazo. UKristu uthe, “Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza.” Uphinda athi, “Ukuba ubani uthi andikhonze, uBawo wombeka.” Yohane 14:14; 12:26. Ukuba siphila ngokwelizwi laKhe, sonke isithembiso esinesabiso siya kuzalisekiswa kuthi. Asiyifanelanga inceba yaKhe. Uya kubasebenzela ekwasebenza ngabo abo bamlandelayo.UL 173.3

    Kanti ke, kuphela xa siphila ngokuthobela ilizwi laKhe esinokukwazi ukukubanga ukuzalisekiswa kwezithembiso zaKhe. Umdumisi uthi, “Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, iNkosi ibingayi kuphulaphula.” INdumiso 66:18. Ukuba sibeka phambi kwaKhe inxalenye nje, nentliziyo engaphelelanga yokuzinikela, izithembiso zaKhe azisayi kuzalisekiswa kuthi.UL 174.1

    Elizwini likaThixo, sinomyalelo olunge kuye wonke umthandazo wokubuyiselwa okanye wokuphiliswa kwabagulayo. Ukunikelwa komthandazo onjalo sesona senzo sibalulekileyo nesinesithozela, kwaye kufuneka kungangenwa nje kuso kungakhange kuqatshelwe ngononophelo. Kwiimeko ezininzi umthandazo wokuphiliswa kwabagulayo, obizwa ngokuthi lukholo, awunto ngaphandle kokuba ibubuganga nje bodwa.UL 174.2

    Abantu abaninzi bazisa isifo phezu kwabo ngokuziyekela [ngozibhodloza]. Abaphili ngokuhambelana nemithetho yendalo okanye nemithetho—siseko yobunyulu obungqongqo. Abanye bayayityeshela imithetho yempilo kwimikhwa yabo yokutya nokusela, ukunxiba, okanye ukusebenza. Kuye kubekho uhlobo oluthile lobubi oluye lube ngunobangela wokufa kwamandla engqondo okanye omzimba. Ukuba aba bantu bangazuza intsikelelo yempilo, abaninzi kubo bangaqhubeka nokulandlela kwaelo khondo linye lokuthi ngokungakhathali bayigqithe imithetho kaThixo yendalo neyasemoyeni, benika izizathu ezithi, ukuba uThixo uyabaphilisa ukuphendula umthandazo, bakhululekile ukuba baqhubeke nezenzo zabo ezingenampilo nokuba baziyekele kwilithe eligqwethekileyo ngaphandle kokuzibamba. Ukuba uThixo ebengasebenza ummangaliso wokubabuyisela empilweni aba bantu, angaba ukhuthaza isono.UL 174.3

    Ngumsebenzi olahliweyo ukufundisa abantu ukuba bakhangele kuThixo njengomphilisi wobulwelwe babo, ngaphandle kokuba bafundisiwe nokuba bakubeke bucala ukwenza kwabo konke okungenampilo. Ukuze bayizuze intsikelelo yaKhe iyimpendulo emthandazweni, kufuneka bayeke ukwenza okubi bafunde okulungileyo. Iindawo ezibajikelezileyo kufuneka zicocekile, imikhwa yobomi ilungisiwe. Kufuneka baphile ngendlela ehambelana nomthetho kaThixo, owendalo nowasemoyeni.UL 174.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents