Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uncwadi Lweengqondi Zakudala

    Kwiikholeji neeyunivesithi, amawaka olutsha achitha isixa esikhulu seyona minyaka yobomi befunda isiGrike nesiLatina. Ngeli xesha kuxakekwe zezi zifundo, ingqondo nesimilo zibunjwa ziimvakalelo ezimbi zoncwadi lobuhedeni, ukufundwa kwalo lukholisa ukuthatyathwa njengenxalenye efunekayo ekufundeni kwezi lwimi.UL 354.4

    Abo baqheleneyo noncwadi lweengqondi zakudala bathi, “iintlekele zesiGrike zizele ngumbulo, ukubulala, nokubingelelwa kwabantu koothixo bombulo nempindezelo.” Bekungakuhle kakhulu ukuba le mithombo ezezi ncwadi ibinokususwa. “Unokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo, zingatyabuki na iinyawo zakhe?” IMizekeliso 6:28. “Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.” Yobhi 14:4. Singalindela na ukuba ulutsha luphuhlise isimilo sobuKristu lo gama imfundo yalo iqulunqwa yimfundiso yabo benza kudelelwe imithetho—siseko yomthetho kaThixo?UL 354.5

    Ekujuleni kude isithintelo kungenwe ngamandla kwiziyolo zokungakhathali, urheletyo, nobubi, abafundi abafundi nto ngaphandle kokulinganisa oko kubekwe phambi kweengqondo zabo zezi zifundo. Lukho ubizo oludingeka kulo ulwazi lwesiGrike nesiLatina. Abanye kufuneka bazifunde ezi lwimi. Kanti ke ulwazi lwazo olufuneka ekusetyenzisweni ngendlela ephathekayo lusenokuzuzwa ngaphandle kokufunda uncwadi olonakeleyo nolonakalisayo.UL 355.1

    Bahamba bephethe ntoni abafundi xa beshiya isikolo? Baya phi? Baza kwenza ntoni? Ingaba banalo ulwazi oluza kwenza bafundise abaye? Ingaba bafundiswe ukuba ngomama nootata abangabo? Bangema na babe ziintloko zeentsapho ezingabafundisi abanobulumko? Imfuno eyiyo efanele ukubizwa ngolo hlobo yekhokelela amadodana neentwazana ekufaneni noKristu, ethi ibenze bakufanele ukuthwala imithwalo yobomi, bakufanele ukuma beziintloko zeentsapho. Imfundo enjalo ayifunyanwa ngokufunda uncwadi lwakudala lweengqondi zabahedeni.UL 355.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents