Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuvuma Isono

    Abo banga bangathandazelwa ukuba babuyele empilweni, kufuneka kubekwe kucace ukuba ukwaphula umthetho kaThixo, nokuba ngowendalo okanye owasemoyeni, kusisono, kanti ukuze bayifumane intsikelelo yaKhe, isono kufuneka sivunywe sishiywe.UL 175.1

    IsiBhalo siya siyalela sisithi, “Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe.” Yakobi 5:16. Kocela umthandazo, iingcinga ezinjengezi mazibekwe: “Asikwazi ukuyifunda intliziyo, okanye sazi iimfihlelo zobomi. Ezi zizinto ezaziwa kuphela nguwe nanguThixo. Ukuba uyaguquka ezonweni zakho, ngumthwalo wakho ukuzivuma.” Isono sohlobo lwasemfihlekweni kufuneka sivunywe kuKristu, ekuphela kwaKhe umthetheleli phakathi kukaThixo nomntu. Kuba “ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.” 1 Yohane 2:1. Sonke isono sisisikhubekiso kuThixo kwaye kufuneka sivunywe kuYe ngoKristu. Sonke isono esisekuhleni kufuneka sivunywe ekuhleni. Okungalunganga okwenziwe komnye umntu kufuneka kulungiswe nalowo woniweyo. Ukuba kukho ofuna impilo ebenetyala lokuthetha kakubi, ukuba ebehlwayele imbewu yesiphithiphithi ekhaya, ebumelwaneni, okanye ebandleni, waza waxhokonxa ukungavani nengxabano, ukuba ngaso nasiphi isenzo esingalunganga athe wakhokelela abanye esonweni, ezi zinto kufuneka zivunywe phambi kukaThixo naphambi kwabo boniweyo. “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile ulilungisa ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 Yohane 1:9.UL 175.2

    Zakuba iziphoso zilungisiwe, singazibeka iintswelo zabagulayo kuYehova ngokholo olupholileyo, ngokokuboniswa nguMoya waKhe. Wazi umntu ngamnye ngegama, kwaye umkhathalele ngamnye ngokungathi akukho wumbi emhlabeni awathi ngaye wanikela uNyana waKhe oyintanda. Kuba uthando lukaThixo lulukhulu kangaka kwaye lungapheli mandla, abagulayo bamelwe ukuba bakhuthazwe ukuba bathembele kuYe babe novuyo. Ukuzixhalela kukholisa ukubangela ukuphelelwa ngamandla nokuba nesifo. Ukuba bangaphakama ngaphaya koxinzelelo nokudakumba, amathuba abo okuphila angaba ngcono; kuba “iliso likaYehova likubo . . . abalindele inceba yakhe.” INdumiso 33:18.UL 175.3

    Ekuthandazeleni abagulayo kufuneka kukhunjulwe ukuba “esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi.” Roma 8:26. Asazi nokuba intsikelelo esiyilangazelelayo yeyona nto ilungileyo na okanye hayi. Ngoko ke, imithandazo yethu kufuneka iquke le ngcamango: “Nkosi, wazi yonke ingontsi yomphefumlo. Uqhelene naba bantu. UYesu, uMthetheleli wabo, wanikela ubomi baKhe ngenxa yabo. Uthando lwaKhe kubo lukhulu kunokuba olwethu lunokuba lunjalo. Ukuba, ke ngoko, kuya kuba luzuko kuwe nokulungelwa kwabathuthunjelwayo, siyacela, egameni likaYesu, ukuba babuyiselwe empilweni. Xa ingeyiyo intando yaKho ukuba babuyiselwe, sicela ukuba ubabalo lwaKho lubathuthuzele buze ubukho bakho bubaxhase ekubulalekeni kwabo.”UL 176.1

    UThixo usazi isiphelo kwasekuqaleni. Uqhelene neentliziyo zabo bonke abantu. Ufunda yonke imfihlelo yomphefumlo. Uyazi nokuba abo bathandazelwayo baya kukwazi ukuzinyamezela, okanye abayi kukwazi, izilingo eziya kuza phezu kwabo ukuba bangaphila. Uyazi nokuba ubomi babo buya kuba yintsikelelo okanye isiqalekiso kubo nasehlabathini. Sesinye isizathu esi, sokuba, nangona sizibeka sinyanisekile izikhungo zethu, kufuneka sithi, “Kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.” Luka 22:42. UYesu wongeza la mazwi okuzinikela kubulumko nentando kaThixo xa, eGetsemane, wayebongoza, esithi, “Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum.” Mateyu 26:39. Ukuba la mazwi ayefanelekile kuNyana kaThixo, anokubekisa phi ukudlulisa kwimilebe yabantu abafayo, abangaboni!UL 176.2

    Ikhondo elingaguquguqukiyo kukuyekela iminqweno yethu kuBawo osemazulwini onabo bonke ubulumko, size emva koko, ngokuthemba okugqibeleleyo, silahlele kuYe konke. Siyazi ukuba uThixo uyasiva xa sicela ngokwentando yaKhe. Kona ukunyanzela izicelo zethu isingenawo umoya wokuzithoba akulunganga; imithandazo yethu kufuneka ibe kwimo engeyiyo eyokuyalela kodwa eyokucela [kuba sicela okanye sicelela].UL 176.3

    Zikho iimeko apho uThixo asebenza kuphela ngegunya laKhe likaThixo, ekubuyiseleni impilo. Kanti ke, asingabo bonke abagulayo abaphiliswayo. Abaninzi bavunyelwa balale kuYesu. UYohane kwisiqithi sePatimo wayalelwa ukuba abhale: “Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ilandelana nabo.” IsiTyhilelo 14:13. Koku siyabona ukuba, xa abantu bengathanga babuyiselwe empilweni, akufuneki ukuba, ngenxa yoko, babonwe njengabangenalo ukholo.UL 177.1

    Sisonke siyazilangazelela iimpendulo ezikhawulezileyo nezithi zize ngqo emithandazweni yethu, kwaye siyalingeka ukuba sityhafe xa impendulo ilibazisa okanye ingafiki ngale ndlela siyilindeleyo. Phofu ke uThixo ulumke kakhulu kwaye elungile ukuba ayiphendule imithandazo yethu ngamaxesha onke kanye ngexesha nangale ndlela siyilangazelelayo. Uya kusenzela ngaphezulu nangokuhle kunokuba afezekise yonke iminqweno yethu. Kanti ke, ngenxa yokuba sinokuthembela kubulumko baKhe nothando lwaKhe, akufuneki simcele ukuba avume kwintando yethu, kodwa sifune ukungena nokuba siyifeze injongo yaKhe. Ulangazelelo lwethu nesikuthandayo kufuneka konke kulahleke kwintando yaKhe. La mava avavanya ukholo angawokulungelwa kwethu. Ngawo la mava lwenziwa lucace ukholo lwethu ukuba ngenene lunyanisekile na, luhleli elizwini likaThixo kuphela na, okanye luxhomekeke kwiimeko, lona lungaqinisekanga lwaye luguquguquka. Ukholo luqiniswa ngokusetyenziswa. Kufuneka siwuyekele umonde ukuba wenze umsebenzi wawo ogqibeleleyo, sikhumbula ukuba kukho amadinga axabisekileyo eziBhalweni kwabo balindele eNkosini.UL 177.2

    Asingabo bonke abayiqondayo le mithetho-siseko. Abaninzi abafuna inceba ephilisayo yeNkosi bacinga ukuba kufuneka bafumane impendulo etsolileyo nekhawulezileyo emithandazweni yabo okanye, kungenjalo, ukholo lwabo luneziphako. Ngenxa yesi sizathu, abo batyhafiswe sisifo badinga ukululekwa ngobulumko, ukuze benze konke ngobulumko. Akufuneki bangawuhoyi umsebenzi wabo kubahlobo abanokubashiya ngasemva, okanye batyeshele ukusebenzisa izenzeleli zendalo ukubuyisela impilo.UL 177.3

    Kuyakholisa ukuba kubekho ingozi yempazamo apha. Bathi ngokukholelwa ukuba baya kuphiliswa yimpendulo emthandazweni, abaninzi bayoyika ukwenza nantoni enokubonakala ngokungathi iveza ukungabi nalukholo kwabo. Kanti ke, akufuneki bakutyeshele ukuyimisa imicimbi yabo ngendlela xa belindele ukususwa kukufa. Akufuneki kanjalo ukuba boyike ukuthetha amazwi enkuthazo okanye engcebiso abanqwenela ukuba kuthi ngeyure yokumka kwabo bawathethe kwiintandane zabo.UL 177.4

    Abo bazama ukuphila ngomthandazo akufuneki bangakukhathaleli ukuzisebenzisa izenzeleleli ezinyangayo abanako ukufikelela kuzo. Asikuko ukukhanyela ukholo ukusebenzisa amayeza anjalo njengoko uThixo awenze akho ukuze athothise okanye asuse intlungu nokunceda indalo emsebenzini wayo wokubuyisela. Asikuko ukukhanyela ukholo ukusebenzisana noThixo, nokubabeka kwimeko efanelene kakhulu nokuphiliswa. UThixo ukubeke emandleni ethu ukuzuza ulwazi lwemithetho yobomi. Olu lwazi lubekwe kwindawo esinokufikekela kuyo ukuba silusebenzise. Kufuneka sisebenzise lonke ulwazi ukuze kubuyiselwe impilo, sisebenzise lonke ithuba esinalo, sisebenza ngokuhambelana nemithetho yendalo. Sakuba sikuthandazele ukuphila kwabagulayo, sinako ukuwasebenzisa ngakumbi amandla, simbulela uThixo ngokuba sibe nelungelo lokusebenzisana naYe, sicela intsikelelo yaKhe kwizinto athe Yena ngokwaKhe wasinika.UL 178.1

    Sinemvume yelizwi likaThixo ukuba sisebenzise izenzeleleli zonyango. UHezekiya, ukumkani wakwaIsrayeli, wayegula, waza umprofeti kaThixo wazisa kuye isigidimi sokuba umele afe. Wakhala kuYehova, waza uYehova wamva ukhonzi waKhe wathumela kuye isigidimi sokuba ishumi elinesihlanu leminyaka liya kongezwa ebomini bakhe. Makuqatshelwe oku, ilizwi elinye elivela kuThixo lalinako ukumphilisa uHezekiya ngesiquphe; kodwa wanikwa imiyalelo ekhethekileyo amakalandele yona eyile: “Mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile.” Isaya 38:21. UL 178.2

    Kwesinye isiganeko, uKristu wathambisa amehlo endoda eyimfama ngodaka wayiyalela, wathi, “Yiya kuhlamba echibini leSilowa. . . . Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.” Yohane 9:7. Unyango lwalunokwenziwa kuphela ngamandla oMphilisi Mkhulu, kodwa uKristu wasebenzisa izenzeleli nje ezilula zendalo. Nangona engazange anike imbonakalo yeyeza eliyobisayo, wakuvumela ukusetyenziswa kwamayeza aqhelekileyo endalo.UL 178.3

    Xa sithandazile ukuba kubekho ukuphila kogulayo, nokuba sithini isiphumo semeko, thina masingalulahli ukholo lwethu kuThixo. Ukuba sibizwe ukuba sihlangane nokufa, masiyamkele indebe ekrakra, sikhumbula ukuba isandla sikaBawo sixhomekeke kwesikuthethayo. Ukuba impilo ibuyiselwe, akufuneki kulityalwe ukuba ofumene inceba yokuphiliswa ubekwe phantsi komqathango ohlaziyiweyo kuMdali. Akuba amadoda alishumi awayeneqhenqa ehlanjululwe, yabanye kuphela eyabuyayo ukumkhangela uYesu, yaza yamzukisa. Makungabikho namnye kuthi othi afane nesithoba esingacingiyo, esintliziyo yaso ingazange ichukunyiswe yinceba kaThixo. “Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhayiso, onganabuyambo nasithunzisakujika.” Yakobi 1:17.UL 179.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents