Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuzinikela; Ukuthembela

    Xa sithobekile sityumkile, simi apho uThixo anako kwaye eya kuzibonakalalisa kuthi. Ukholiseka kakhulu xa sibalula iinceba neentsikelelo ezadlulayo njengesizathu sokuba sifune ukuba nathi asinike iintsikelelo ezingaphezulu. Uya kwenza ngokungaphezulu koko kulindelwe ngabo bathembele ngokupheleleyo kuYe. INkosi uYesu uyazi kakuhle into abayidingayo abantwana baKhe, nokubalingakanani igunya esiya kulisebenzisa ekusikeleleni uluntu; kwaye ubeka phezu kwethu sonke oko siya kusebenzisa ekusikeleleni abanye nasekuphakamiseni eyethu imiphefumlo.UL 415.2

    Kufuneka sikuthembe kancinane oko thina ngokwethu sinako ukukwenza, size sithembe kakhulu oko iNkosi inokukwenza ngenxa yethu nangathi. Anixakekanga ngumsebenzi wenu; nenza umsebenzi kaThixo. Nikelani intando nendlela yenu kuYe. Makungabikho nentwana eniyigcinayo, kungabikho nentwana yokuvumelana nomna. Yazini ukuba kukuthini ukukhululeka kuKristu.UL 415.3

    Ukuva nje kwethu iintshumayelo ngeSabatha neSabatha, ukufunda iBhayibhile yonke iphela, okanye ukuchazwa kwayo indima nendima, akuyi kusinceda, thina okanye abo basivayo, ngaphandle kokuba sizizise iinyaniso zeBhayibhile kumava wethu ngabanye [okanye siziphile]. Ukuqonda, intando, ukuthanda, kufuneka kunikelwe kulawulo lwelizwi likaThixo. Kuya kuthi, ke ngoko, ngokusebenza kukaMoya Oyingcwele, imithetho yelizwi ibe yimithetho-siseko yobomi.UL 415.4

    Xa nicela iNkosi ukuba inincede, mzukiseni uMsindisi wenu ngokukholwa ukuba niyayifumana intsikelelo yaKhe. Onke amandla, bonke ubulumko, zizinto ezisemandleni olawulo lwethu. Okwethu nje kukucela.UL 416.1

    Hambani ningayeki ekukhanyeni kukaThxo. Manicamngce imini nobusuku ngesimilo saKhe. Niya kuthi ngoko nibone ubuhle baKhe nigcobe ngokulunga kwaKhe. Intliziyo yenu iya kuba nobushushu bokuva uthando lwaKhe. Niya kuphakanyiswa ngokungathi nithwelwe ziingalo ezingunaphakade. Ngamandla nokukhanya aninikayo uThixo, ninako ukuqonda ngakumbi, nifeze ngaphezulu koko nakha nacinga ukuba ninganako ngaphambili.UL 416.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents