Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umkhwa Wecuba

    Icuba lisebenza ngendlela ecothayo nefihlakeleyo kanti lileyona tyhefu iyingozi kakhulu. Ngayo nayiphi indlela elisetyenziswa ngayo, liyabonakala emzimbeni; liyingozi kakhulu ngakumbi kuba igalelo lalo alikhawulezi kwaye alibonakali kwangoko. Liyayiphaphamisa libuye liyitheze amandla imithambo-luvo. Liyayidodobalisa, kwaye libe liyenze ibone mfiliba ingqondo. Likholisa ukuyihlasela imithambo-luvo ngamandla amakhulu ukudlula isiselo esinxilisayo. Lingena ngokunyebeleza kodwa iziphumo zalo kunzima ukuzisusa emzimbeni. Ukulisebenzisa kudala ukunxanelwa isiselo esinxilisayo kangangokuba, kumaxesha amaninzi kuye kwakheke isiseko somkhwa wokusela utywala.UL 254.3

    Ukusetyenziswa kwecuba kuyinto engumthwalo, iindleko, ukumngcolisa lowo ulisebenzisayo, kwaye kusisikhubekiso kwabanye abantu. Abazinikele kulo bafumaneka kwiindawo zonke. Kunqabile ukudlula esihlweleni sabantu engekho ompakuzayo ekhupha umsi ongumoya onukayo phambi kwabanye. Kuyaphazamisa kwaye akuyiyo impilo ukuhlala kuvalelwene kwinto ekhwelwayo okanye egumbini apho umoya uzele livumba lotywala necuba. Nangona abantu bezingisa ukusebenzisa ezi tyhefu bona ngokwabo, balifumana phi ilungelo lokungcolisa umoya ekufuneka uphefumlwe ngabanye abantu?UL 255.1

    Kubantwana nolutsha ukusetyenziswa kwecuba kuyingozi engathethekiyo. Izenzo ezingenampilo zezizukulwana ezadlulayo zinegalelo kubantwana nolutsha lwangoku. Ukungasebenzi kwengqondo, ukungabi namandla, ukuphazamiseka kwemithambo-luvo, nokunqanqatheka okungeyondalo zizinto ezidluliselwa zililifa ebantwaneni ngabazali. Kwazona ezo zenzo, ezithi zilandelwe ngabantwana, ziyanda ziqhubele phambili iziphumo zenkohlakalo. Yile meko eyenza ukuhla kakhulu komgangatho okothusayo, ekuziphatheni ngokwasemzimbeni, nasengqondweni, nokungakwazi ukuzoyisa.UL 255.2

    Amakhwenkwe alisebenzisa kwasebuncinaneni kakhulu icuba. Umkhwa lo othi uqalwe umzimba nengqondo zisoyiswa lula koko kwenziwa licuba, uyawaqoba amandla omzimba, luwenze udodobale, uyidengise ingqondo, uyonakalise indlela yokuziphatha [ngokwenza izinto eziphantsi].UL 255.3

    Yintoni, ke ngoko, enokwenziwa ukufundisa abantwana nolutsha ngobubi bokwenza izinto abathi abazali, ootitshala, nabafundisi bazishiya zingumzekelo kubo? Kulula ukubona iintwana ezisencinane zitshaya umdiza [isigarethi]. Zithi zakukhalinyelwa ziphendule zithi, “Utata uyalisebenzisa icuba.” Zalatha kumfundisi okanye kumphathi ozifundisayo enkonzweni, zithi, “Lo uyatshaya; yintoni ingozi kum xa ndisenza le nto ayenzayo?” Abaninzi kumsebenzi wozilo banesigulo sokunqanqathekela icuba. Abantu abanjalo bawafumana phi amandla okuthintela ukubheka phambili kokungakwazi ukuzoyisa?UL 255.4

    Ndibhenela kwabo bathi bayakholwa kwaye bayalithobela ilizwi likaThixo: Kungenzeka ukuba nina ningamaKristu nenze umkhwa obulala ingqondo unihluthe amandla okuqikelela ngokulungileyo iinyaniso zikanaphakade? Ninako yini ukuvuma yonke imihla ukuba niqhathe uThixo inkonzo eyiyeyaKhe, nokuba niqhathe abazalwana benu, inkonzo ebeningabanika yona kwakunye namandla omzekelo [enifanele ukuba nguwo]?UL 256.1

    Niluqaphele na uxanduva eninalo njengamagosa kaThixo, ngezinto azibeke ezandleni zenu? Ingakanani imali yeNkosi eniyichitha ecubeni? Balani ukuba nichithe kangakanani lonke ixesha lokuphila kwenu. Ingakanani le nkcitho niyenze ngale nkanuko ingcolisayo xa ithelekiswa noko nikunikeleyo ukuba kuncedwe abahluphekileyo nokuba kusasazwe iindaba ezilungileyo?UL 256.2

    Akakho umntu olidingayo icuba, kodwa inyambalala iyatshabalala kukufuna imali ethi ngokuyisebenzisa ecubeni ibe ichithwe ngaphaya kokuqonda. Aniyisebenzisi gwenxa impahla yeNkosi? Aninabo yini ubutyala bokumqhatha uThixo kwakunye nabantu bakuni? “Anazi na, . . . [ukuba] aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.” 1 Korinte 6:19, 20.UL 256.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents