Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubomi Obuxandileyo

    Ayikho into enokuvusa kakhulu inzondelelo yokuzincama, nokwenza banzi, nokomeleza isimilo njengokuxakeka kukusebenzela abanye. Abaninzi abathi bangamaKristu, ekufuneni ubudlelane nebandla, bacinga kuphela ngeziqu zabo. Banga bangonwabela ubulungu bebandla nokukhathalelwa ngumfundisi. Baba ngamalungu amabandla amakhulu anempumelelo, baze baneliswe kukubenzela okuncinane abanye. Ngale ndlela bazivimba ezona zixabiseke kakhulu iintsikelelo. Abaninzi bebeya kuzuza okukhulu ngokuncama imihlangano yolonwabo nokuthanda ukungenzi nto. Baya kudinga ukuhamba baye apho amandla wabo aya kubizelwa kumsebenzi wobuKristu baze bakwazi ukufuna ukuthwala imithwalo.UL 108.3

    Imithi exineneyo ehlangeneyo ayikhulu kakuhle yomelele. Umlimi wesitiya uyayisasaza ukuze ibe nendawo yokukhula kakuhle. Umsebenzi ofanayo ubungaba lulutho kumalungu amabandla amakhulu. Aya kudinga ukuba abekwe apho amandla awo aya kubizwa kumzamo womKristu osebenzayo. Alahlekelwa bubomi bawo basemoyeni, anqaphele angabi nampumelelo, ngenxa yokungakwazi kwawo ukusebenzela abanye ngokuzincama. Xa baye baya kutyalwa kwenye indawo yovangelo, bebeya kukhula bomelele bakhuthale.UL 108.4

    Kufuneka sikuve kungumsebenzi wethu ukusebenzela abo bahlala kwiindawo esihlala kuzo. Makufundwe ukuba banganceda njani abo bangabonisi mdla ezintweni zenkolo. Xa nihambela abahlobo benu nabamelwane, bonisani umdla ekuphileni kwabo ngasemoyeni njengoko kunjalo ngentlalontle yasemhlabeni. Makuthethwe nabo ngoKristu njengoMsindisi osixolelayo isono. Bamemele ekhayeni lakho abamelwane, ufunde kunye nabo iindawo ezixabisekileyo zeBhayibhile nakwezinye iincwadi ezicacisa iinyaniso zayo. Bameme ukuba bahlangane nawe ekuculeni nasekuthandazeni. Kule mihlangano mincinane, uKristu ngokwaKhe uya kubakho, njengoko athembisileyo, zaye iintliziyo ziya kuchukunyiswa lubabalo lwaKhe.UL 109.1

    Amalungu ebandla kufuneka azifundise ukuwenza lo msebenzi. Oku kubaluleke njengokusindiswa kwemiphefumlo esebumnyameni kumazwe angaphandle. Lo gama abanye beziva benomthwalo wemiphefumlo ekude kakhulu, abaninzi abasekhaya mabawuve umthwalo wemiphefumlo exabisekileyo ebajikelezileyo, baze bakusebenzele ngokukhuthala ukusindiswa kwayo.UL 109.2

    Abaninzi babuhlungu kukuhlala ubomi obucutheneyo. Ngabo ngokwabo abanokubenza ubomi babo bube banzi bube nempembelelo ukuba bebethanda. Abo bamthandayo uYesu ngentliziyo nangengqono nomphefumlo, nabamelwane babo njengoko bezithanda, banomhlaba obanzi abanokusebenzisa kuwo isakhono sabo nempembelelo yabo.UL 109.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents