Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    17—Ukusetyenziswa Kwamachiza

    Isifo asize sibekho engekho unobangela. Indlela iyalungiswa, isifo simenywe, ngokungahoywa kwemithetho yempilo. Abaninzi bagula ngokusisiphumo sokreqo lwabazali babo. Nangona bengenatyala bona ngoko kwenziwa ngabazali, basenalo uxanduva lokuqinisekisa ukuba ziyintoni abazenzileyo okanye abangazenzanga ezikukugqitha imithetho yempilo. Bafanele ukuyiphepha imikhwa engalunganga yabazali babo baze, ngokuphila ngendlela elungileyo, bazibeke kwiimeko ezintle kakhulu.UL 180.1

    Phofu, iqela elikhulu ligula ngenxa yekhondo lalo lokwenza izinto ezingalunganga. Ngabantu aba abangayihoyanga imithetho-siseko yokutya, yokusela, yokunxiba, nokusebenza. Ukugqitha kwabo imithetho yendalo kuveza isiphumo esiqinisekileyo; kuze kuthi xa kufikile ukugula phezu kwabo, abaninzi bangakubaleli ukubulaleka kwabo koyena nobangela unguye, kodwa bakhalazele uThixo ngenxa yokuthuthunjiswa. Phofu Yena uThixo akanatyala ngokuphatheka kwabo kakubi okulandela ukungakhathali kwabo ngomthetho wendalo.UL 180.2

    UThixo usinike isixa esithile samandla empilo. Ukwasenze sanamalungu alungele ukuxhasa imisebenzi eyahlukeneyo yobomi, waza wenza ukuba la malungu asebenze kunye ngokuhambelanayo. Ukuba siwagcina ngononophelo la mandla obomi, sikugcine ngendlela efanelekileyo ukwakhiwa okuethe-ethe komzimba, isiqhamo yimpilo; kodwa ukuba amandla empilo akhawuleze agqitywa, ulwakhiwo lwemithambo-luvo luboleka amandla okuba awasebenzise ngoku kuvimba wawo wamandla, kuze kuthi xa elinye ilungu lilimele, onke achukumiseke. Indalo inyamezela ukuphathwa kakubi kakhulu ingabonakalisi kuxhathisa; emva koko ivuke yenze umzamo ngokuzimisela wokususa iziphumo zempatho-mbi eyivileyo. Umzamo wayo wokulungisa ezi meko ukholisa ukubonakalaliswa kwifiva nezinye iintlobo zezigulo ezahlukeneyo.UL 180.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents