Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    12—Ukunceda Abangasebenziyo Nabangenamakhaya

    Kukho amadoda neentokazi abantliziyo zibanzi abayicinga ngenkathalo enkulu imeko yamahlwempu nokuba yintoni enokwenziwa ukuze afumane uncedo. Indlela abanokuncedwa ngayo abangasebenziyo nabangenamakhaya ukuba bafumane iintsikelelo eziqhelekileyo zokubonelela kukaThixo nokuba baphile ubomi obufanele ukuphilwa ngumntu, yingxaki le abaninzi abazamana nokufumana impendulo yayo. Ababaninzi ke kodwa, naphakathi kwabafundisayo nabaphathi bezwe, abaziqondayo izizathu ezingqengqe ngaphantsi kwemo egqubayo ngoku yesizwe. Abo babambe iintambo zolawulo abakwazi ukuyisombulula ingxaki yokuhlupheka, ubuhlwempu, nokwanda kolwaphulo-mthetho.Baya kuzama ngelize ukumisa amashishini kumgangatho ozinzileyo.UL 136.1

    Ukuba abantu bebenganika ingqalelo ethe xaxe kwimfundiso yelizwi likaThixo, bebeya kusifumana isisombululo sezingxaki zibadidayo. Kuninzi okunokufundwa kwiTestamente eNdala ngokubhekiselele kumba womsebenzi nokuncedwa kwabantu abangamahlwempu.UL 136.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents