Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukudingeka Kokuzincama

    Eyona ngozi inkulu emntwini kukuzikhohlisa, ukuziyekela ekwanelisekeni, abe ngolo hlobo uzahlula kuThixo, ithende lamandla wakhe. Ukuthanda kwethu kwemveli, kungalungiswanga nguMoya Oyingcwele kaThixo, kunembewu kuko yokufa ngasekuziphatheni. Ngaphandle kokuba sihlanganiswe ngendlela ephilileyo noThixo, asingeke sikwazi ukumelana nempembelelo engangcwalisekanga yokuziyekela, nokuzithanda, nesihendo sesono.UL 366.1

    Ukuze sikwazi ukuzuza uncedo kuKristu, kufuneka siyiqonde intswelo yethu. Kufuneka sibe nolwazi oluyinyaniso lweziqu zethu. Kuphela, ngozaziyo ukuba ungumoni onako ukusindiswa nguKristu. Kuphela xa sikubona ukungabi nakuzinceda ngokupheleleyo nokushiya konke ukuzithemba, esiya kuthi sibambelele kumandla ezulu.UL 366.2

    Akukho ekuqalekeni kobomi bobuKristu kuphela apho oku kushiywa kukamna kufuneka kwenziwe khona. Kwinyathelo ngalinye lokubheka phambili ezulwini kumele ukuba kuhlaziywe. Yonke imisebenzi yethu elungileyo ixhomekeke kumandla angaphandle kwethu; kungoko ke, kudingeka ukolulelwa phezulu okungapheliyo kwentliziyo kuThixo, kwakunye nokuvunywa kwesono okuzingisileyo, nokunyanisekileyo, kwanokuthotywa komphefumlo phambi kwaKhe. Iingozi zisijikelezile; kwaye sikhuseleke kuphela xa sibuva ubuthakathaka bethu size sitshele ngokubambelela ngokholo kuMhlanguli wethu oligorha.UL 366.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents