Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iinyhunyhu Zesixeko

    Ezixekweni ezikhulu kukho iinginginya zabantu ezifumana inkathalo nokuqatshelwa okuncinane kunokuba kunikwa izilwanyana ezingakwazi kuthetha. Cinga ngeentsapho ezihlanganiswe ndawonye kumatyotyombe amdaka, amaninzi kuwo ingamagumbi angaphantsi amnyama, ezele kukufuma nokungcola. Kwezi ndawo zimbi, kuzalwa abantwana, bakhule, bafe. Akukho nto intle bayibonayo yezinto zendalo uThixo azidalele ukonwabisa izivo nokuphakamisa umphefumlo. Benxiba amadlavu, bekwicici lokufa yindlala, baphila phakathi kwemikhuba emibi nenkohlakalo, benesimilo esibunjwe yinkxwaleko nesono esibajikelezileyo. Abantwana baliva igama likaThixo kuphela xa kuthukwa. Intetho emdaka, izishwabulo, nezinyeliso zizalisa iindlebe zabo. Iphunga lotywala necuba, amavumba amabi kakhulu, ukuziphatha okuphantsi, zonke zigqwetha izivo zabo. Ngenxa yoko, inkumbula iqeqeshelwa ukuba zizikrelemnqa ezaphula umthetho, iintshaba zasekuhlaleni apho bathe bayekelwa kwintlupheko nokuphalala.UL 140.8

    Asingabo bonke abahluphekileyo ezixekweni abakule meko okanye abakolu didi. Amadoda neentokazi abamoyikayo uThixo ngabanye babantu abaziswe kwezi nzulu zokuhlupheka kukugula okanye ngamashwa, kaninzi ngokunganyaniseki kokuceba kwabo baphila ngokwenza amaxhoba abanye abantu. Abaninzi abathe tye bezimisele baye babe ngamahlwempu ngokuswela ukuqeqeshwa emsebenzini wezandla. Ngokungazi, baye bangakulungeli ukujijisana neenzima zobomi. Sebebalekele ezixekweni, baye bangakufumani ukuqeshwa. Bathi bejikelwezwe yimibono nezandi zemikhwa yobubi, babe phantsi kwesihendo esoyikekayo. Baluswe bathi maxa wambi bahlanganiswe nabakhohlakeleyo nabaphantsi, kube kuphela kukulwa ngamandla angaphezu kwendalo, angaphezulu kunamandla aphelayo, okwenza ukuba bagcinwe ekutshoneni, bekhetha ukuphatheka kakubi kunokuba bone. Olu didi, ngendlela eyodwa,luyaludinga uncedo, uvelwano nenkuthazo.UL 141.1

    Ukuba abahluphekileyo abaxinene ezixekweni ngoku bebengafumana amakhaya emaphandleni, bebengayi kuzuza ukuhlala kakuhle kuphela, kodwa bafumane impilo nolonwabo nto leyo abangayaziyo ngoku. Ukusebenza nzima, ukutya okungenaso nesondlo, imali engekhoyo, ubunzima nokungcungcutheka, yinto abaya kuphila yona. Kanti ke, inkulu kakhulu intsikeleloabebeza kubanayo ngokushiya isixeko, nezinto zaso ezitsalela ebubini, isiphithiphithi saso nolwaphulo lomthetho, intlupheko nokungcola, baxhamle ubomi basemaphandleni bokuthula, uxolo nokucoceka.UL 141.2

    Kwabaninzi kwabo bahlala ezixekweni abangenalo nebala lengca eluhlaza apho banokubeka iinyawo zabo, abathi kwiminyaka yonke bajongane neendawo ezimdaka nezixineneyo, iindonga zezitena neendledlana, nesibhakabhaka esimnyama luthuli nomsi—ukuba aba bebengathatyathwa basiwe kummandla wamafama, ojikelezwe luhlaza, amahlathi neenduli nemithombo yamanzi, izibhakabhaka ezityhilekileyo ezinomoya ohlaziyekileyo nococekileyo, omnandi wasemaphandleni, bekuya kubangathi basiwe ezulwini.UL 142.1

    Ukuba bebengasuswa kakhulu ekuxhomekekeni nasekuhlanganeni nabantu, behlulwe kwiintetho ezonakalisayo zobuciko behlabathi namasiko nokuthabatheka, bebengasondela kakhulu ngakumbi kwintliziyo yendalo. Ubukho bukaThixo bebuya kuba yinene kubo. Abaninzi bebeya kufunda isifundo sokuxhomekeka kuYe. Ngendalo, bebeya kuliva ilizwi laKhe lithetha ezintliziyweni zabo uxolo nothando, ize ingqondo nomphefumlo nomzimba zisabele kumandla aphilisayo, anika ubomi.UL 142.2

    Ukuze babe nokusebenza ngokukhuthala bazixhase, abaninzi kufuneka bazuze uncedo, inkuthazo, nemfundiso. Yinkungu nelanga iintsapho ezihluphekileyo ekungekho msebenzi wovangelo ungcono ezinokuwenzelwa kunokuzinceda ekuhlaleni emaphandleni nasekufundeni indlela yokuwenza umhlaba ukuba uzivelisele impiliso.UL 142.3

    Isidingo soncedo nemfundiso enjalo asiphelelanga ezidolophini. Nasemaphandleni, sekukhona konke okunokubakho bokwenza ubomi obungcono, amahlwempu amaninzi anesidingo esikhulu. Iilali zonke azinayo imfundo yomsebenzini wezandla nakwimiba yococeko —yogutyulo. Iintsapho zihlala kumaxhobongwana, kunqongophele iimpahla zendlu nezokunxiba, zingenazo nezixhobo zokusebenza, zingenazo iincwadi, kungekho zinto okanye iindawo zokuhlala ngokonwaba nokuzinceda, kungekho namacebo enkcubeko. Imiphefumlo enobulwanyana, imizimba etyhafileyo, engamilanga kakuhle ebonisa iziphumo zemfuza embi nemikhwa engalunganga. Aba bantu kufuneka befundiswe ukuqalela phantsi. Baphile ubomi obungenamacebo, bokungenzi nto, obonakeleyo, ngoko badinga ukuqeqeshwa kwimikhwa elungileyo.UL 142.4

    Bangavuswa njani ukuba bakubone ukufuneka kokuziphuhlisa? Bangakhokelelwa njani kumgangatho othe xaxe ngasentla wobomi? Bangancedwa njani ukuba baphakame? Yintoni enokwenziwa apho ubuhlwempu bugqubayokwaye kufuneka buliwe kwinyathelo ngalinye? Ngokuqinisekileyo, umsebenzi lo unzima. Uhlaziyo olufunekayo alusokuze lwenziwe ngaphandle kokuba amadoda neentokazi bancedwe ngamandla angaphandle kweziqu zabo. Yinjongo kaThixo ukuba abazizityebi nabangamahlwemphu bahlalelane baqanyangelwe kunye ngamaqhina ovelwano nokuncedisana. Abo banezinto, iitalente nezakhono kufuneka bezizebenzise ezi zipho ekusikeleleni abazalwana babo.UL 143.1

    Amafama angamaKristu anako ukuba ngabavangeli benene ekuncedeni amahlwempu ukuba afumane amakhaya emaphandleni nasekubafundiseni indlela yokulima umhlaba bawenze ube nemveliso. Mabafundiswe indlela yokusebenzisa izixhobo zokulima, indlela yokukhulisa iziqhamo ezahlukeneyo, indlela yokutyala nokukhathalela amabhoma.UL 143.2

    Abaninzi abalima umhlaba bayasilela ukuzuza imbuyekezo efanelekileyo ngenxa yokuwutyeshela kwabo. Amabhoma abo awahoywanga ngendlela efanelekileyo, iziqhamo azityalwa ngexesha elilungileo, kwaye kukrwelwa nje phazulu xa kulinywa. Batyhola umhlaba ngokungavezi nto ngempumelelo yabo engacacanga. Kuthi saa ubungqina bobuxoki bokuba umhlaba ubharhile, kanti ukuba ubunokusetyenzwa kakuhle, ubuya kunika isivuno esikhulu. Amacebo amancinane, amandla amancinane asetyenziswayo, ukufunda okuncinane ngezona ndlela zilungileyo, zizinto ezo ezikhwazayo ukuba zifuna ukuqatshelwa zenziwe ngezinye iindlela.UL 143.3

    Kufuneka kunikwe ingqwalaselo ekumiseni imisebenzi eyahlukeneyo ukuze iintsapho ezihluphekileyo zifumane umsebenzi. Abachweli, abakhandi beentsimbi, phofu nabo bonke abanomsebenzi abawuqondayo ukuba uluncedo, bamele bazive benomthwalo wokufundisa nokunceda abangazi nto nabangasebenziyo.UL 143.4

    Ekulungiseleleni kwabangamahlwempu, kukho umhlaba obanzi wokusebenza kweentokazi kunye namadoda. Okwaziyo ukupheka, umgcini wendlu, othungayo, umongikazi—uncedo lwabo bebonke luyafuneka. Amalungu amakhaya ahluphekileyo mawafundiswe indlela yokupheka, indlela yokwenza nokuthunga impahla yabo yokunxiba, indlela yokonga abagulayo, indlela yokugcina ngendlela eyiyo ikhaya. Amakhwenkwe namantombazana mawafundiswe kakuhle umsebenzi woshishino okanye into yokubagcina bexakekile.UL 143.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents