Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuphefumla

    Ukuze sibe negazi elihle, kufuneka siphefumle kakuhle. Ukutsalwa okuzeleyo, nokunzulu komoya ococekileyo, kuthi kuzalise imiphunga ngomongo-moya, kucoce igazi. Oku kuphefumla kulinika igazi umbala okhanyayo kulithumele, lungumsinga ophilileyo, kuzo zonke iindawo zomzimba. Ukuphefumla okulungileyo kuyayipholisa imithambo-luvo; kuvuselele ukuthanda ukutya kwenze nokuba ukusilwa kokutya kwenzeke kakuhle; kwaye kwenza kubekho ukulala okumnandi nokuhlaziyayo.UL 211.1

    Imiphunga kufuneka ivunyelwe ibe neyona nkululeko inkulu enokuyifumana. Isakhono sayo sikhuliswa kukusebenza ngokukhululekileyo; iyancipha xa ixinene icinezelekile. Yiyo le nto kuxhaphaka ubukho beziphumo ezibi ekusebenzeni kwayo, kakhulu kwimisebenzi yokuhlala phantsi, nalapho kusetyenzwa umntu egobile. Kule misebenzi, kunzima ukuphefumla nzulu. Ukuphefumla okukha phezulu kukholisa ukuba sisiqhelo, ize imiphunga ilahlekwe ngamandla okuba ivuleke. Kukwanjalo nakwisinxibo esibambayo. Akunikwa gumbi laneleyo kulo mhlaba usezantsi esifubeni; izihlunu zesisu, ezazilungiselwe ukunceda ekuphefumleni, azisebenzi ngokupheleleyo, ize imiphunga ingakhululeki ekusebenzeni kwayo.UL 211.2

    Ngenxa yako konke oku, kufunyanwa isixa esinganelanga somongo-moya. Igazi lihamba ngokucotha. Ukungcola okunetyhefu obekumele ukuphefumlelwa ngaphandle kwemiphunga kuyagcinwa, lize igazi lingcole. Asiyomiphunga kuphela, kodwa nesisu, nesibindi, kunye nengqondo, ziyachaphazeleka. Isikhumba siyaxweba, ukusilwa kokutya kucothe; intliziyo idakumbe ingqondo ingacingi kakuhle; iingcinga zibhidane; umoya ube nokudakumba; umzimba wonke utyhafe ungafuni kwenza nto, ngalo ndlela ungenwe lula sisifo.UL 211.3

    Imiphunga isebenza lonke ixesha ukulahlela ngaphandle ukungcola, ngoko ke, idinga ukusoloko inikwa umoya ococekileyo. Umoya ongcolileyo awukwazi ukunika umongo-moya ofunekayo, lize igazi lidlule liye engqondweni nakwamanye amalungu lingakhange liwanikwe amandla aphilisayo. Yiyo le nto kudingeka ukuba kubekho ukungeniswa komoya okwaneleyo. Ukuhlala kumagumbi axineneyo, angangeni moya kakuhle, apho umoya wonakeleyo unevumba, kudakumbisa wonke umzimba. Usuka ungeneke lula kwimpembelelo yengqele, kwaye ukubethwa nje kancinane yingqele kube sekusenza isifo. Kukuvaleleka okuxineneyo ezindlwini okwenza ukuba abaninzi kumadoda neentokazi balahlekwe ngumbala babe nobuthakathaka. Baphefumla umoya omnye okoko ude uzale kukungcola okuyityhefu okukhutshwa yimiphunga nasisikhumba, ngaloo ndlela oko kungcola kubuyela egazini.UL 211.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents