Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Wasisindisa Ngokwenceba YaKhe”

    Isicaka somthetheli-khulu sasilele sigula lidumbe. KumaRoma izicaka zazingamakhoboka, athengwa athengiswe ezimalikeni, maxa wambi ziphathwe dlakadlaka nangenkohlakalo; kodwa lo mthetheli-khulu wayebambene ngothando nesicaka sakhe, ngoko elangazelela kakhulu ukuba siphile. Wakholwa ukuba uYesu unako ukusiphilisa. Wayengazanga wambona uMsindisi, kodwa iingxelo awayeziva zamkhuthazela ekukholweni. Engalandelanga miqathango yobuYuda, lo mRoma wayeyiqonda ukuba inkolo yawo ingaphezulu kweyakhe. Wayesele eqabele ngaphaya kwemiqobo yentiyo yobuzwe nentiyo eyayisahlula aboyisi kubantu aboyisiweyo. Waya wabonakalalisa ukuyihlonipha inkonzo kaThixo, wabonisa ububele kumaYuda abangabanquli baKhe. Kwimfundiso kaKristu, njengoko wayeyixelelwe, wafumana oko kwakusanelisa isidingo somphefumlo. Konke okomoya ngaphakathi kwakhe kwasabela kumazwi oMsindisi. Noko kunjalo, wacinga ukuba yena akakufanele ukuthetha noYesu, waza wabhenela kubadala bamaYuda ukuba bacelele ukuphiliswa kwesicaka sakhe.UL 40.1

    Abadala bawusa lo mcimbi kuYesu, bambongoza ukuba besithi, “Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.” Luka 7:4, 5.UL 40.2

    Wathi esendleleni esinga kwikhaya lomthetheli-khulu, uYesu wafumana isigidimi esivela kwigosa elo, “Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam.” Indima 6.UL 40.3

    UMsindisi wahamba indlela yaKhe, wasuka umthetheli-khulu weza ngokwakhe ukuza kusigqibezela isigidimi, esithi, “Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize [kuwe].” “Thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize, kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.” Mateyu 8:8, 9.UL 40.4

    [Ngokuchazwa, intetho yomthetheli-khulu yayisithi, “Ndimele igunya laseRoma, kwaye amasoldati wam alamkele igunya lam njengeliphezulu. Ke Wena umele igunya loThixo omi ngonaphakade, zaye zonke izinto ezidaliweyo ziyalithobela ilizwi laKho. Unako ukusiyalela isifo ukuba simke, size sikuthobele. Thetha nje ilizwi, uya kuphila umkhonzi wam.”]UL 41.1

    “Hamba,” watsho uYesu, “Makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.” Indima 13.UL 41.2

    Amadoda amakhulu ayemncomile umthetheli-khulu kuKristu kuba esithi ubonakalalise ukuthanda “uhlanga lwethu.” Ukufanele ukuncedwa kuba “wasakhela nendlu yesikhungu yena.” Yena umthetheli-khulu wathi xa ethetha ngesiqu sakhe, “Andikulingene.” Phofu akazange oyike ukucela uncedo kuYesu. Wayengathembele kokwakhe ukulunga, kodwa kokoMsindisi. Eyona nto wayemi ngayo yintswelo yakhe enkulu.UL 41.3

    Ngaloo ndlela kanye, wonke umntu unako ukuza kuKristu. “Kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa.” Tito 3:5. Ingaba kuba ungumoni ucinga ukuba akunako ukuthamba ukuba ungayifumana intsikelelo kuthixo? Khumbula ukuba uKristu weza emhlabeni ukuba asindise aboni. Akukho nto sinayo esingazenza bahle ngayo kuThixo; isicelo esingabongoza ngaso ngoku nangonaphakade yimeko yethu yokungabinako konke ukuzinceda, nto leyo eyenza ukuba amandla waKhe ahlangulayo abe ngadingekayo. Ukuba sithi sikushiye konke ukuxhomekeka kuthi, sinako ukukhangela emnqamlezweni waseKalvari sithi:UL 41.4

    “Ndiza ndingaphethe nto;
    Ndithe nca ekrusini.”
    UL 41.5

    “Ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.” Marko 9:23. Lukholo olusihlanganisa nezulu luze lusinike amandla okumelana namagunya obumnyama. KuKristu, uThixo usinike indlela yokoyisa yonke imikhwa yobubi nokumelana nazo zonke izihendo, nokuba zinamandla kangakanani. Noko kunjalo, abaninzi bacinga ukuba abanalo ukholo, baze ngoko, bahlale bekude kuKristu. Le miphefumlo, kukungabi nto nasekusweleni amandla, mayizilahlele phezu kwenceba yoMsindisi wayo onovelwano. Masingakhangeli kuthi, kodwa [masikhangele] kuKristu. Lowo waphilisa abagulayo, wazigxotha iidemon ngexesha wayehamba phakathi kwabantu use kwangulowo unguMhlanguli oligorha. Ngoko ke, mazibanjwe izithembiso zaKhe eziwa okwamagqabi kumthi wobomi: “Ozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle.” Yohane 6:37. Xa usiza kuYe, kholwa ukuba uya kukwamkela, kuba uthembisile. Akusayi kuze utshabalale xa ukwenza oku—akusoze.UL 41.6

    “Ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.” Roma 5:8.UL 42.1

    “Ukuba uThixo ungakuthi ngubani na ongasichasayo? Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto?” Roma 8:31, 32.UL 42.2

    “Ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphatha-mandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.” Iindima 38, 39.UL 42.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents