Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iintsomi Namabali Obuxoki

    Emfundweni yabantwana nolutsha ngoku kunikwe indawo enkulu amabali eentsomi. Iincwadi eziloluhlobo zisetyenziswa ezikolweni, zaye ziyafumaneka kumakhaya amaninzi. Benza njani abazali abangamaKristu ukuba bavumele abantwana babo ukuba basebenzise iincwadi ezizele bubuxoki? Xa abantwana bebuza intsingiselo yamabali achasene kangaka nemfundiso yabazali babo, impendulo yeyokuba amabali awayonyaniso; kodwa oku akuzisusi iziphumo zokusetyenziswa kwazo. Iingcamango ezinikwa zezi ncwadi ziyabalahlekisa abantwana. Zibanika iimbono zobuxoki ngobomi, zizale zikhulise umnqweno wokungeyiyo inyaniso.UL 357.2

    Ukusasazeka kweencwadi ezinje ngeli xesha lelinye lamacebo obuqhophololo bukaSathana. Uzama ukuzijika iingqondo zabadala nabatsha kumsebenzi omkhulu wokwakhiwa kwesimilo. Uzimisele ukuba abantwana bethu nolutsha lwethu batshayelwe bemke ziinkohliso esiwutshabalalisayo umphefumlo athi azalise umhlaba ngazo. Ngoko ke, uzama ukuzijika iingqondo zisuke elizwini likaThixo ngaloo ndlela azithintele ekuzuzeni ulwazi lwezo nyaniso ebeziya kuba sisikhuselo sabo.UL 357.3

    Akufuneki ukuba iincwadi ezinokugqwethwa kwenyaniso zibekwe ezandleni zabantwana okanye ulutsha. Amantwana bethu mabangaze, kwinkqubo yokuzuza imfundo, bafumane iingcamango eziya kuba ziimbewu zesono. Ukuba abo baneengqondo ezivuthiweyo abazange babe nento yokwenza neencwadi ezinjalo, bona ngokwabo bebeya kukhuseleka kakhulu, uze umzekelo nempembelelo yabo ngakwicala elilungileyo wenze kube lula kakhulu ukwalusa ulutsha kwisihendo.UL 357.4

    Sinokuninzi kokuyinyaniso, okukokukaThixo. Abo banxanelwe ulwazi abadingi ukuba baye kwimithombo engcolileyo. UYehova uthi:UL 358.1

    “Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko,
    Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
    Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;
    Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
    Ukuze ukholose ngoYehova, ndikwazisile namhla wena lo.
    Andikubhalelanga na iintetho eziintloko,
    Ezineengcebiso nokwazi,
    Ukuze ubuye kwabakuthumileyo,
    Uze namazwi ayinyaniso?”
    “Wamisa isingqiniso kwaYakobi,
    Wabeka umyalelo kwaIsrayeli.

    Awawumisela oobawo,
    Asiyi kukugusha koonyana babo;
    “Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova,
    Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.”
    “Ukuze siwazi isizukulwana esizayo,
    Oonyana abaza kuzalwa; basuke babalisele ababo oonyana;
    Bayame ngoThixo,
    Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo,
    Bayilondoloze imithetho yakhe.”

    “Intsikelelo kaYehova yiyo etyebisayo,
    Imbulaleko ayongezi nento kuyo.”
    UL 358.2

    IMizekeliso 22:17-21; Iindumiso 78:5, 4, 7;
    Imizekeliso 10:22.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents