Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Unako ukundihlambulula.”

    Kuzo zonke izifo ezaziwayo kwelaseMpuma, iqhenqa lasisesona soyikwayo. Ukunganyangeki nokusulela kwalo, nokoyikeka kwelikwenzayo kulowo ugula lilo, kwakuzalisa noyena unesibindi ngokoyika. Phakathi kwamaYuda, lalithatyathwa njengesohlwayo ngenxa yesono, saza, ke ngoko, sabizwa ngokuba “lubetho,” “umnwe kaThixo.” Njengoko lalibonakala linzulu, lingasuki, libulala, lalibonwa njengomfuziselo wesono.UL 42.4

    Umthetho wenkonzo yezithethe, oneqhenqa kwakuthiwa ungcolile [okanye akahlambulukanga]. Nantoni na ayichukumisayoUL 42.5

    yayingcolile. Umoya wawungcoliswa ngumphefumlo wakhe. Njengosele efile, wayegxothelwa kude kwiindawo ekwakuhlalwa kuzo ngabantu. Owayerhaneleka ngokungathi unaso esi sifo, kwakufuneka azibike kubabingeleli, ababemhlola baze benze isigqibo ngemeko yakhe. Ukuba kuthiwe uneqhenqa, wayegcinwa yedwa kude nosapho lwakhe, asuswe kwintlangano kaIsrayeli, agxothwe ukuba aye kwabanye ababengcungcutheka njengaye. Ookumkani nabalawuli nabo babengakhethwanga. Ukumkani ohlaselwe sesi sifo sibi kakhulu kwakufuneka ayibeke phantsi intonga yolawulo asabe aye kude ekuhlaleni.UL 43.1

    Kude nabahlobo bakhe kunye nezizalwana zakhe, kwakufuneka asithwale isiqalekiso sesifo sakhe. Wayenyanzelekile ukuba ayisasaze intlungu yakhe, azikrazule iingubo zakhe, enze indanduluko enkulu, elumkisa bonke abantu ngokungcolisa kobukho bakhe. Ukukhwaza, “Ndingcolile! Ndingcolile!” okwakuphuma kumazwi akhalayo ekubhacisweni kokuba lilolo, yayingumqondiso owawuvakala koyikwe kucekiswe.UL 43.2

    Kummandla awayesebenza kuwo uKristu, babebaninzi abagula sesi sifo, zaza zathi xa iindaba zomsebenzi waKhe zakufikelela kubo, kwakho omnye wabo owafikelwa lukholo entliziyweni yakhe. Ukuba nje angaya kuYesu angaphiliswa. Yaba ngumnqweno wakhe lowo. Phofu angamfumana njani uYesu? Njengokuba egwetyelwe ukuba abe lilolo unaphakade nje, angaziveza njani kuMphilisi? Yena uKristu angamphilisa na? Akanako na yini, njengabaFarisi, kwakunye noogqirha ukusuka amqalekise aze amlumkise ukuba asabe ekugculelweni ngabantu?UL 43.3

    Ucinga konke awayekuxelelwe ngoYesu. Akukho noyedwa owakha wafuna ukuncedwa nguYe wamgxotha. Lwasuka olu size lwendoda lwazimisela ukumfuna uMsindisi. Nangona wayekhutshelwe ngaphandle kwesixeko, wayenako, mhlawumbi, ukuhlangana naYe endleleni ethile kweziya zingasentabeni, okanye amfumane xa efundisa ngaphandle kweedolophu. Zazinkulu iingxaki, kodwa eli yayikuphela kwethemba lakhe.UL 43.4

    Wathi emele kude qelele, lo mfo uneqhenqa wawachola amazwi ambalwa ephuma emlonyeni woMsindisi. Wambona ebeka izandla phezu kwabagulayo. Wabona, abaqhwalelayo, abazimfama, abomeUL 43.5

    amalungu omzimba, kwanabo bafa zizigulo ezahlukeneyo, bephakama bephilile, bemdumisa uThixo ngokubahlangula. Ukholo lwakhe lwaqina. Waya esondela ngokusondela, esiba kufuphi apho kwisihlwele esiphulaphuleyo. Imiqathango awayebekelwe yona, inkuseleko yabantu, uloyiko awayesoyikwa ngalo ngabantu, zizinto zonke ezo azilibeleyo. Ucinga kuphela ngethemba elinoyolo lokuphiliswa.UL 44.1

    Ungumbono ombi othiyekileyo. Isifo sasingene kakhulu kuye, umzimba wakhe obolayo kuyoyikeka ukuwujonga. Bathi bakumbona abantu bakhawuleza ukuhlehla. Ngokoyika, bangungelana omnye phezu komnye bengafuni ukuchukumisana naye. Abanye bazama ukumhesha bemthintela ukuba angezi kuYesu, kodwa batsho phantsi. Akasababoni, kwaye akasabeva. Ukuthukisa nokuqalekisa akungeni ndawo kuye. Ubona kuphela uNyana kaThixo, uva kuphela ilizwi elithetha ubomi kwabafayo.UL 44.2

    Esondela ngakumbi kuYesu, wazilahla ezinyaweni zaKhe ekhala, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.”UL 44.3

    UYesu uyaphendula, “Ndiyathanda, hlambuluka,” atsho abeke isandla saKhe phezu kwakhe. Mateyu 8:2, 3.UL 44.4

    Kwangoko kwabakho inguquko koneqhenqa, igazi lakhe labasempilweni, imithambo-luvo yasebenza, izihlunu zaqina. Ulusu olumhlophe ngokungeyiyo indalo, olunamaxolo, imbonakalo eqheleke kwiqhenqa, lwathi shwaka; lwaza ufele lwakhe lwaba njengolomntwana omncinane.UL 44.5

    Ukuba ababingeleli babeye bazifunda iinyaniso ezingokuphiliswa koneqhenqa, ukumthiya kwabo uKristu kwakungabakhokelela ekwenzeni isigwebo esinganyanisekanga. UYesu walangazelela ukuba isigqibo esingakhethi cala sifumaneke. Wathi ngoko wayiyalela le ndoda ukuba ingaxeleli namnye ngokunyangwa kwayo, kodwa wathi mayingalibazisi, mayiye kuziveza etempileni inomnikelo phambi kokuba nawaphi na amarhe ngommangaliso athi saa yonke indawo. Ngaphambi kokuba ababingeleli bawamkele umnikelo onjalo, kwakufuneka ukuba bamhlole lowo unikelayo baze bakuqinisekise ukuphila kwakhe ngokupheleleyo.UL 44.6

    Oku kuhlolwa kwenziwa. Ababingeleli ababegwebe lo uneqhenqa ukuba agxothelwe kude bakungqina ukunyangwa kwakhe. IndodaUL 44.7

    eyaphiliswayo yabuyiselwa kwikhaya layo nakubantu eyayihlala phakathi kwabo. Yaya yasiva isipho sempilo sixabiseke kakhulu, yawavuyela amandlaokubaiyindoda kwanokubuyiselwa kwayo kusapho lwayo. Sesikho sinjalo isilumkiso sikaYesu, ayizange ikwazi ukuyifihla into yokuba iphilisiwe, yaza yajikeleza ivuya ivakalisa amandla aLowo wayiphilisayo.UL 45.1

    Xa yayisiza kuYesu le ndoda, “yayizele liqhenqa.” Ityhefu yalo ebulalayo yayingene kumzimba wonke. Abafundi bazama ukuyinqanda ngokuyithintela iNkosi yabo ekubeni iyichukumise; kuba othe wachukumisa oneqhenqa uya kungahlambuluki. Noko kunjalo, Yena ekubekeni kwaKhe izandla phezu koneqhenqa, uYesu akazange wangcola. Iqhenqa lahlanjwa. Kunjalo nakwiqhenqa lesono—linzulu, libulala, kunzima ukuba lihlanjwe ngamandla omntu. “Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe; kuthabathela enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha.” Isaya 1:5, 6. Sekunjalo, uYesu eza kuhlala eluntwini, akazange angcoliswe. Ubukho baKhe baba ngamandla aphilisayo kumoni. Lowo uya kuwa ezinyaweni zaKhe, ngokholo athi, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula,” uya kuyiva impendulo, “Ndiyathanda, hlambuluka.”UL 45.2

    Kwezinye iimeko zokuphilisa, uYesu akazange ayinike kwangoko intsikelelo efunwayo. Kanti ke kwimeko yeqhenqa, wayeyinika ngokukhawuleza okukhulu impendulo. Xa sithandazela iintsikelelo zasemhlabeni, impendulo kumthandazo wethu inganako ukulibala, okanye uThixo angasinika enye into endaweni yaleyo siyicelayo; kodwa akunjalo xa sicela ukuhlangulwa esonweni. Kukuthanda kwaKhe ukusihlambulula esonweni, ukusenza ukuba sibe ngabantwana baKhe, nokusenza ukuba siphile ubomi obungcwele. UKristu “wazinikela ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.” Galati 1:4. “Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva. Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.” 1 Yohane 5:14, 15. 70UL 45.3

    UYesu wakhangela kwabo banoxinzelelo neentliziyo ezisindwayo,UL 45.4

    abo bamathemba abo onakalayo, ababefuna ukuzolisa iminqweno yomphefumlo ngeziyolo zehlabathi, wabamema bonke ukuba bafumane ukuphumla kuYe.UL 46.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents