Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Niya Kufumana Ukuphumla”

    Ngobubele, wababiza abantu abasebenza nzima, “Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.” Mateyu 11:29,UL 46.2

    Kula mazwi, uKristu wayethetha naye wonke umntu. Nokuba bayazi okanye abazi, bonke badiniwe bathwele nzima. Bonke bayasindwa yimithwalo enokususwa kuphela nguKristu. Owona mthwalo unzima kakhulu esiwuthweleyo ngumthwalo wesono. Ukuba singayekwa sizithwalele lo mthwalo, ungasityumza. Yena Ongenasono uthabathe indawo yethu. “UYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.” Isaya 53:6.UL 46.3

    Uthwele umthwalo wetyala lethu. Uya kuwuthabatha umthwalo kumagxa wethu adiniweyo. Uya kusinika ukuphumla. Umthwalo wexhala nosizi nawo uya kuwuthwala. Uyasimema ukuba siphose lonke ixhala lethu phezu kwaKhe; kuba usithwele thina entliziyweni yaKhe.UL 46.4

    UMkhuluwa wohlanga lwethu ungakwitrone kanaphakade. Uyikhangele yonke imiphefumlo ejika ikhangele kuYe njengoMsindisi. Ubazi ngamava ubuthakathaka boluntu, ukuba ziyintoni iintwelo zethu, nokuba aphi amandla ezihendo zethu; kuba Yena ngokwaKhe, “[ungo]wahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono.” Hebhee 4:15. Ukwalusile wena mntwana kaThixo ungcangcazelayo. Ingaba uyahendwa? Uya kukuhlangula. Akunamandla? Uya kukomeleza. Uswele ulwazi? Uya kukukhanyisela. Ungxwelerhiwe? Uya kukuphilisa. UYehova “ubala inani leenkwenkwezi;” kanti “ukwaphilisa abaphuke intliziyo, abophe amanxeba abo.” Ndumiso 147:4, 3. 71UL 46.5

    Nokuba amaxhala nezihendo zakho zingakanani, yaneka umcimbi wakho phambi kweNkosi. Umoya wakho uya kulungiselwa ukunyamezela. Indlela iya kuvuleka phambi kwakho ukubaUL 46.6

    uzikhulule kwihlazo nobunzima. Okona ungenamandla ungenaluncedo ngakumbi ngokokuzazi kwakho, okona uya kuba namandla ngamandla aKhe. Okona inzima imithwalo yakho, okona kumnandi ukuphumla kwakho wakuyiphosa phezu koWazithwala.UL 47.1

    Iimeko zingabahlula abahlobo; amanzi axubayeleyo olwandle angalwa phakathi kwethu nabo. Azikho kodwa iimeko, kungekho nomgama onokusahlula thina kuMsindisi. Nokuba siphi na, ungasekunene kwethu, ukuba axhase, asondle, asiphakamise, asikhuthaze. Lukhulu kunothando lukamama kumntwana wakhe uthando lukaKristu kwabathengileyo. Lilungelo lethu ukuphumla eluthandweni lwaKhe, nokuthi, “Ndiya kuthemba Yena; kuba wanikela ubomi baKhe ngenxa yam.”UL 47.2

    Uthando lomntu lungaguquka, kodwa uthando lukaKristu aluguquki. Xa sikhalela uncedo kuYe, isandla saKhe siyolulwa ukuba sincede.UL 47.3

    “Ngokuba zingade zimke iintaba,
    Neenduli zishukume;
    Yona inceba yam ayiyi kumka kuwe,
    Ungashukumi nomnqophiso wam woxolo;
    Utsho onemfesane kuwe, uYehova.”
    UL 47.4

    Isaya 54:10.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents