Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uxanduva Lukatata

    Umyeni nongutata uyintloko yosapho. Umfazi ulindele kuye uthando novelwano, kwanoncedo ekuqeqeshweni kwabantwana; kwaye oku kulilungelo lakhe. Abantwana bangababo bobabini, kwaye utata naye ufanele ukuba nomdla kwintlalo-ntle yabo. Abantwana bajonge kuyise ukuba baxhaswe bakhokelwe; udinga ukuba abe nembono elungileyo ngobomi nangeempembelelo kunye namahlakani ajikeleze usapho lwakhe; ngaphezu kwako konke, kufuneka elawulwe kukuthanda nokoyika uThixo nangokufundisa ilizwi laKhe, ukuze akwazi ukuzikhokelela iinyawo zabantwana bakhe endleleni elungileyo.UL 307.2

    Utata ungumenzi womthetho wendlu yakhe; kwaye, njengoko wayesenza uAbraham, awenze umthetho kaThixo ube ngumthetho welakhe ikhaya. UThixo wathi ngoAbraham, “Ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe.” Genesisi 18:19. Kwakungayi kubakho kutyeshelwa kusisono ekuthinteleni ububi, kungekho luthando lubuthakathaka, lungenabulumko, nokuziyekela; kungayi kubakho ukuyekelwa komthwalo wenkolo yakhe kumabango othando olungahambi ngendlela. UAbraham wayengayi kwanela kunika imfundiso elungileyo kuphela, kodwa wayeza kuligcina igunya lemithetho yobulungisa nelungileyo. UThixo unike imigaqo ukuba isikhokele. Abantwana akufuneki bayekwe babhadule kude kwindlela yenkuseleko ezotyiweyo elizwini likaThixo, baye kwiindlela ezikhokelela engozini, ezivulekileyo kumacala onke. Ngobubele, nangokuqinileyo, ngokuzingisa, nangomzamo onomthandazo, iminqweno yabo engalunganga kufuneka inqandwe, ukutyekela kwabo ecaleni kungavunyelwa.UL 307.3

    Utata kufuneka akunyanzelise elusatsheni lwakhe okuhle okuqinileyo—amandla, isidima, ukunyaniseka, umonde, ukukhuthala, nokuba luncedo ngendlela ephathekayo. Oko anga bangakuko abantwana bakhe, naye ngokwakhe kufuneka akwenze, ebonisa oku kuhle kweyakhe indlela yokuziphatha njengendoda.UL 308.1

    Sekunjalo, bootata, musani ukubatyhafisa abantwana benu. Luhlanganiseni uthando lwenu negunya, nobubele novelwano olunokwalela okuqinileyo. Yibani nexesha lokuchithwa nabantwana benu; yibani ngabaqheleneyo nabo; hlanganani nabo emsebenzini wabo nasekudlaleni kwabo, nize nikuzuze ukuthenjwa ngabo. Yakhani ubuhlobo nabo, ngakumbi oonyana benu. Ngale ndlela niya kuyiqinisa impembelelo yokulungileyo.UL 308.2

    Utata kufuneka ayidlale indawo yakhe ekwenzeni ukuba kubekho ulonwabo ekhaya. Nokuba ukhathazwa zintoni, iingxaki zomsebenzi, nokuba yini, akufuneki ezo zinto zivunyelwe ukuba zilusithe usapho lwakhe; kufuneka angene ekhaya enoncumo namazwi amnandi.UL 308.3

    Ngenye indlela, utata ungumbingeleli wekhaya lakhe, ekufuneka ebeke esibingelelweni sosapho umbingelelo, kusasa nangokuhlwa. Yona inkosikazi nabantwana kufuneka bamanyane emthandazweni bahlangane engomeni yokudumisa. Kwakusasa, phambi kokuba utata aphume ekhaya ukuya emsebenzini wakhe wemihla ngemihla, utata makahlanganise abantwana bakhe athi, eguqile kunye nabo phambi kukaThixo, abanikele kwinkathalelo kaBawo osemazulwini. Yakuba idlule imisebenzi yemini, malubuye usapho luhlangane ekwenzeni umthandazo wokubulela nokunyusa ingoma yendumiso, ukubulela inkathalelo kaThixo ebudeni bemini.UL 308.4

    Bootata nani boomama, nokuba senixakeke kangakanani, musani ukusilela ukuhlanganisa usapho lwenu ukuba ningqonge isibingelelo sikaThixo. Celani inkokelo yezithunywa ezingcwele ekhayeni lenu. Khumbulani ukuba abantwana benu enibathandayo basesichengeni sezihendo. Iziphazamiso zemihla ngemihla zisendleleni yabatsha nabadala. Abo bafuna ubomi obunonyamezelo, nothando novuyo, kufuneka bathandaze. Kuphela ngokwamkela uncedo oluzingisileyo oluvela kuThixo esinokuthi sizuze uloyiso phezu komna.UL 308.5

    Ikhaya kufuneka libe yindawo apho kukho khona ulonwabo, intlonipho, nothando; kwaye apho ezi zinwe zihlala khona, kuya kubakho ulonwabo noxolo. Iinkathazo zingafika, kodwa ezi zisoloko zikho eluntwini. Ukunyamezela, umbulelo, nothando mazisoloko zigcine ukukhanya entliziyweni, nokuba imini ingade ibe namafu angakanani. Kumakhaya anjalo, iingelosi zikaThixo ziyahlala.UL 308.6

    Umyeni nenkosikazi mabafunde ngolonwabo lomnye nomnye, bangaze basilele ukwenza izenzo ezincinane nobubele obuncinane izinto ezibuvuyisayo zibuqaqambise ubomi. Kufuneka kubekho ukuthembana okugqibeleleyo phakathi komyeni nenkosikazi. Kufuneka bajongane nemithwalo yabo bebobabini. Bebobabini kufuneka basebenzele ukulungelwa okukhulu kwabantwana babo. Mabangaze, phambi kwabantwana, bagxekane ngamacebo abo ngabanye okanye babonise ukuthandabuza iimbono zomnye nomnye. Inkosikazi mayikulumkele ukwenza ukuba kube nzima ngakumbi kumyeni ukusebenzela abantwana. Umnyeni makaziqinise izandla zenkosikazi yakhe, ayinike iingcebiso zobulumko nenkuthazo enothando.UL 309.1

    Makungaze kuvunyelwe ukuba kubekho umqobo wokubanda nokuzibamba phakathi kwabazali nabantwana. Abazali mabaqhelanye nabantwana babo, bazame ukuziqonda izinto abazithandayo, bangene kwizivo zabo baze bazuze okungaphakathi ezintliziyweni zabo.UL 309.2

    Bazali, abantwana benu mababone ukuba niyabathanda kwaye ninokwenza konke okusemandleni wenu ukuze bonwabe. Ukuba nenza njalo, imiqathango yenu efunekayo, iya kuba nentsingiselo enkulu ezingqondweni zabo ezise lula. Balawuleni abantwana benu ngothando nangemfesane, nikhumbula ukuba “izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.” Mateyu 18:10. Ukuba nilangazelela ukuba iingelosi zibenzele abantwana benu umsebenzi uThixo azinike wona, sebenzisanani nazo ngokwenza eyenu indawo.UL 309.3

    Bekhuliswe phantsi kwenkokelo enobulumko nothando yekhaya lenyaniso, abantwana abayi kuba nalo ulangazelelo lokubhadula bemke befuna ulonwabo namaqabane. Ububi abuyi kuba namtsalane kubo. Umoya wasekhaya uya kuzibumba izimilo zabo; baya kuba nemikhwa nemithetho-siseko eya kuba lukhuselo olukhulu kwizihendo xa bemkile kwinkuseleko yasekhaya beye kuthabatha iindawo zabo ehlabathini.UL 309.4

    Abantwana kunye nabazali banemisebenzi ebalulekileyo ekhaya. Kufuneka bafundiswe ukuba banendawo emsebenzini wekhaya. Bayondliwa, banxitywe, bathandwe, bakhathalelwe. Bona kufuneka basabele kwezi mfesane ngokuthi nabo basithwale nesabo isabelo semithwalo baze bazise lonke ulonwabo abanako ukuluzisa kusapho nabo abangamalungu alo.UL 310.1

    Abantwana ngamanye amaxesha bayalingeka ukuba bazive bengonwabanga phantsi kwemiqathango; kodwa xa sebekhulile, baya kubabulela abazali ngenkathalo ethembekileyo neliso elingqongqo, elabalusayo labakhokelayo kwiminyaka yabo bengekabi nawo amava.UL 310.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents