Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Emakuqatshelwe Ngabathwali Bemithwalo

    Abaninzi bathwele imithwalo nje embalwa, kwaye iintliziyo zabo zazana noxinzelelo olungabheke phi, ngenxa yoko abakhathazeki bade babe noxinzeleko kangako ngenxa yabanye, bade bangawazi umsebenzi womthwali wemithwalo wenene. Abakwazi nokuwubona umthwalo ongowabo kanye njengokuba umntwana engawuboni umthwalo kayise wokukhathalela nokusebenzela yena. Umntwana umthela nqa uyise xa enoloyiko noxinzeleko. Kuye yimfitshimfitshi yonke le. Ithi kodwa yakufika iminyaka yokuqonda, xa inguye ngoku ekufuneka ethwele uxanduva, akhangele ngasemva kubomi bukayise aqale akuqonde konke okwakungaqondakali ngoko. Amava abuhlungu amnike ulwazi.UL 390.3

    Umsebenzi wabathwali bemithwalo abaninzi awuqondwa. Ukusebenza nzima komthwali wemithwalo akuxatyiswa, kude ukufa kumbeke phantsi. Xa abanye bethabatha imithwalo ayibeke phantsi, baqubisane neenzima abekade ehlangana nazo, banako ukuyiqonda indlela ukholo lwakhe nokuqina kwakhe okwakuvavanywa ngayo. Kukholisa ukuba ngelo xesha iimpazmo ekwakulula ukuzigxeka zingabi sabonwa. Amava ayabafundisa ukuba babe ngovelwano. UThixo uvumela amadoda ukuba abekwe kwizikhundla zokuba nomthwalo. Xa ephazama, unalo igunya lokuwalungisa okanye lokuwasusa. Kufuneka sikulumkele ukuthabathela ezandleni zethu umsebenzi wokugweba ongumsebenzi kaThixo.UL 391.1

    Ukuziphatha kukaDavide ngakuSawule kusinika isifundo. Ngomyalelo kaThixo, uSawule wathanjiswa wangukumkani phezu kukaIsrayeli. Ngenxa yokungathobeli kwakhe, uYehova wathi ubukumkani kufuneka buthatyathiwe okanye bususwe kuye; kodwa sekunjalo, yek’ indlela uDavide awamphatha ngayo--ngobubele, imbeko nokumnyamezela! Ekubuzingeleni kukaSawule ubomi bukaDavide, uSawule waya entlango wathi, engenamalusi, wangena kumqolomba kanye apho wayezimele khona uDavide namadoda akhe okulwa “Athi amadoda kaDavide kuye, Nantsi imini, athe uYehova kuwe, . . . Ndiya kulunikela utshaba lwakho esandleni sakho wenze kulo njengoko kulungileyo emehlweni akho. . . . Wathi kumadoda akhe, Makube lee kum, ngenxa kaYehova, ukuthi ndiyenze loo nto enkosini yam, umthanjiswa kaYehova, ndisise isandla sam kuye; ngokuba ungumthanjiswa kaYehova.” UMsindisi uthi kuthi, “Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwtywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.” Khumbulani ukuba, kwakamsinyane ingxelo yobomi benu iya kudlula ihlolwa phambi kukaThixo. Khumbulani, kwakhona, ukuba uthe, “Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; . . . kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.” 1 Samuweli 24:4-6; Mateyu 7:1, 2; Roma 2:1.UL 391.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents