Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    11—Ukusebenzela Abangenabungcathu

    Lonke uhlaziyo lunendawo yalo emsebenzini weendaba ezilungileyo kwaye ubhekise ekuphakanyiselweni komphefumlo kubomi obutsha nobunesidima. Uhlaziyo kubungcathu lufuna ukuxhaswa ngendlela eyodwa kwabasebenzi abangamaKristu. Bamele bawuthabathele ingqalelo lo msebenzi bawenze ukuba ube nguba wokuphila. Kuyo yonke indawo bafanele babanike abantu imithetho-siseko yobungcathu benene bababizele abantu ukuba babhalisa kwisibhambathiso sobungcathu. Ilinge elinyanisekileyo limele lenziwe ngenxa yabo basekuthinjweni yimikhwa emibi.UL 125.1

    Kukho kuyo yonke indawo umsebenzi ofanele ukwenzelwa abo bathe ngokungabi nabungcathu bawa. Phakathi kwamabandla, amaziko enkolo, namakhaya azibiza ngobuKristu, abaninzi kulutsha bakhetha indlela eya kwantshabalalo. Ngemikhwa yokungabi nabungcathu, bazisa phezu kwabo isifo, kuthi, ngokubawela ukuzuza imali yokuziyekela kwimikhwa yesono, bawele kwizenzo zokunganyaniseki. Impilo nesimilo ziyonakaliswa. Iintshaba zikaThixo, abalahlelwe ngaphandle basekuhlaleni, olu size lwemiphefumlo, luziva kungenalo ithemba, mhlawumbi lobu bomi okanye lobomi obuzayo. Iintliziyo zabazali zaphukile. Abantu bathetha ngaba njengabangenathemba; kodwa akababoni benjalo Yena uThixo. Uyaziqonda zonke iimeko ezibenze bayile nto bayiyo, kwaye ubakhangele ngovelwano. Ungaze ubanike ithuba lokuba bathi, “Akukho mntu uwukhathaleleyo umphefumlo wam.”UL 125.2

    Phakathi kwamaxhoba okuswela ubungcathu, kukho amadoda azo zonke iindidi nako konke ukuqeqeshwa. Amadoda akumanqwanqwa aphezulu, aneetalente ezigqamileyo, awenze izinto ezinkulu, athe aziyekela ekusweleni ubungcathu belithe ada awabi nako ukuzinceda ukumelana nesihendo. Amanye wawo ayekhe anobutyebi, ngoku awanawo amakhaya, awanabahlobo, ebuhlungwini, entluphekweni, kwisifo, nasekuthobekeni phantsi. Alahlekwe kukuzilawula. Ngaphandle kokuba aphakanyiselwe isandla soncedo, aya kutshona ngokutshona ezantsi. Kwaba, ukuziyekela akusiso isono sokuziphatha kuphela, kodwa kukwasisifo somzimba.UL 125.3

    Kuyakholisa ukuba kuthi ekuncedeni abangenabungcathu kufuneke sithi, njengoko uKristu wayekholisa ukwenza, siqale sinike ingqwalaselo kwimeko yabo yasemzimbeni. Badinga ukutya nesiselo ezingavuseleliyo kodwa ezinesondlo, impahla ecocekileyo, ithuba lokuqinisekisa ukucoceka komzimba. Badinga ukujikelezwa ngomoya wempembelelo yobuKristu enoncedo nephakamisayo. Kuso sonke isixeko kumele kubekho indawo apho amakhoboka omkhwa wobubi anokufumana khona uncedo lokuba awaqhawule amatyathanga awakhonkxileyo. Isiselo esinxilisayo sithatyathwa ngabaninzi njengendawo yikubalekela ekuphela xa besenkathazweni; kodwa akumele kube njalo oko, ukuba, endaweni yokudlala indawo yombingeleli nomLevi, abazibiza ngoKristu bebengalandela umzekelo womSamariya olungileyo.UL 126.1

    Ekusebenzeni namaxhoba okungabi nabungcathu kufuneka sikhumbule ukuba asisebenzi nabantu abaphambeneyo, kodwa sisebenza nabo bathi okwangoku bangaphantsi kwegunya ledemon. Yiba nomonde unyamezela. Musa ukucinga ngembonakalo yokoyikeka nokungafikeleleki, kodwa ngobomi obuxabisekileyo uKristu awabufelayo ukuba abuhlangule. Xa inxila libuyela ekuziqondeni ukuhla kwalo, yenza konke okusemandleni akho ukubonisa ukuba ungumhlobo walo. Musa ukuthetha ilizwi lokugxeka. Makungabikho senzo okanye ukukhangela okuntama ukugculela okanye ukuphepha. Kusenokwenzeka ukuba usizi lomphefumlo luyaziqalekisa. Mawuncedwe ukuba usukume. Thetha amazwi aya kukhuthaza ukholo. Zama ukomeleza lonke uphawu oluhle lwesimilo sawo. Wufundise indlela yokufikelela phezulu. wubonise ukuba unako ukuphila ukuze uzuze ukuhlonitshwa luluntu. Wuncede ukuba ubone ixabiso leetalente uThixo awunike zona, othe wona wakutyeshela ukuba aziphuhlise.UL 126.2

    Nangona ingqondo iye yahluthwa yadodobaliswa, likho ithemba ngaye kuKristu. Uya kuvusa entliziyweni intshiseko enkulu neminqweno ethe xaxe ebungcweleni. Makakhuthazwe ukuba abambelele kwithemba elibekwe phambi kwakhe kwiindaba ezilungileyo. Vula iBhayibhile phambi kohendiweyo, osedabini, uphindaphinde ukumfundela izithembiso zikaThixo. Ezi zithembiso kuye ziya kufana namagqabi omthi wobomi. Qhubeka namalinge akho ngomonde, kude kuthi, ngombulelo onovuyo, isandla esingcangcazelayo silibambe ithemba lokuhlangulwa ngoKristu.UL 127.1

    Kufuneka ubabambe uqinise abo uzama ukubanceda, kungenjalo akusayi kuze ulufumane uloyiso. Baya kuqhubeka belingelwa ebubini. Baya kuthi rhoqo bephantsa ukoyiswa kukunxanelwa isiselo esinxilisayo; bathi rhoqo ukumana besiwa; kodwa ungaze, ngenxa yoku, uwayeke amalinge akho.UL 127.2

    Bagqibe ekubeni benze umgudu wokuphilela uKristu; kodwa amandla engqondo abuthakathaka, nto leyo efuna ukuba balindwe ngononophelo ngabo balinda imiphefumlo njengabo kufuneka benike ingxelo. Balahlekwe bubuntu babo, kwaye ngokukufuneka bebubuyisile. Abaninzi kufuneka balwe nokukekelela ebubini obuyimfuza enamandla. Ukubawa okungekuko okwendalo, ukutshiseka kwesondo, kwakulilifa labo kwasekuzalweni. Ezi zinto kufuneka zilindwe ukuba zichaswe ngokuqatshelwa okukhulu. Ngaphakathi nangaphandle, okulungileyo nokubi kulwela ukulawula. Abo bangazange babe nawo la mava abawazi amandla asondela ekoyiseni ukuthanda kwelithe okanye ukoyikeka kwedabi phakathi kwemikhwa yokuziyekela [kokubi] nokuzimisela ukubangcathu kuzo zonke izinto. Idabi eli kufuneka liliwe njalo-njalo, kungaze kuyekwe.UL 127.3

    Abaninzi abatsalelwe kuKristu baya kuba bengakwazi ukuma baqhubekenedabi lokulwailithe lokuthanda ukutya nenkanuko. Noko kunjalo umsebenzi akufuneki atyhafiswe koku. Ingaba ngabo kuphela abo bahlangulwe kumngxuma osezantsi abahlehlayo?UL 127.4

    Khumbula ukuba akusebenzi wedwa. Iingelosi ezilungiselelayo zizimanya emsebenzini naye wonke unyana nentombi kaThixo abantliziyo zinyanisekileyo. UKristu ungumbuyisi. UGqirha oMkhulu ngokwaKhe umi ecaleni kwabasebenzi abathembekileyo, esithi kumphefumlo oguqukayo, “Mntwana wam, uzixolelw izono zakho.” Marko 2:5.UL 127.5

    Baninzi abalahlelwe ngaphandle abaya kulitsibela ithemba elibekwe phambi kwabo kwiindaba ezilungileyo baze bangene ebukumkanini bamazulu, ngoku abanye ababesikelelwe ngamathuba amakhulu nokukhanya okukhulu abangazange bakupuhlise beya kshiywa kubumnyama bangaphandle.UL 128.1

    Amaxhoba emikhwa emibi kufuneka avuswe ukuba aqonde ukubaluleka kokwenza umzamo ngokwawo. Abanye bangenza owona mzamo unyaniseke kakhulu wokuwaphakamisa, ubabalo lukaThixo lungaphiwa ngesisa, uKristu angacenga, iingelosi zaKhe zingalungiselela; kodwa konke kungaba lilize ngaphandle kokuba wona buqu angavuswa ukuba alwe kwidabi eliwa ngenxa yawo.UL 128.2

    Amazwi wokugqibela kaDavide kuSolomon, owayeza kuthi kungekudala athabathe isithsaba sakwaIsrayeli, ayesithi, “Yomelela ke ube yindoda.” 1 Kumkani 2:2. La mazwi empefumlelo awathethwayo, aya kuye wonke umntwana woluntu, olindelwe sisithsaba esingonakaliyo, “Yomelela ke ube yindoda.”UL 128.3

    Bathanda ukuziyekela [ukuzintynwilisela] kufuneka benziwe babone bave ukuba ukwenziwa ngokutsha okukhulu kokuziphatha kuyafuneka ukuze babe ngamadoda. UThixo uyababiza ukuba bavuke baze, ngamandla kaKristu, babufumane kwakhona ubuntu babo ababebunikwe nguThixo baza babulahla ngokuziyekela kwesono.UL 128.4

    Ngokuva amandla awoyikekayo esihendo, ukutsalwa ngumnqweno okukhokelela ekuziyekeleni, amadoda amaninzi ayakhala ephelelwe lithemba, “Andikwazi ukumelana nobubi.” Mxelele otshoyo ukuba unako, kwaye kufuneka axhathise. Usenokuba kukade esoyiswa rhoqo, kodwa akumele kusoloko kuba njalo. Ekuziphatheni, akanawo amandla, ulawulwa yimikhwa yobomi besono. Ezakhe izithembiso nezigqibo zifana neentabo zentlabathi. Ulwazi lwakhe lwezithembiso nezibhambathiso ezincanyiweyo kuwatheza amandla ukuthembela kwakhe kokwakhe ukunyaniseka, kumenze ukuba ave ngathi uThixo akanako ukumamkela okanye ukusebenza ngamalinge wakhe. Kanti ke, akamele kuphelelwa lithemba.UL 128.5

    Abo babeka ithemba labo kuKristu abamele ukukhotyokiswa yimfuza okanye umkhwa abakhula nawo okanye ukukekela kwemo yabo. Endaweni yokubanjwa ebukhobokeni yindalo ephantsi, kufuneka akulawule konke ukubawa nokutshiswa yinkanuko. UThixo akasiyekelanga ekulweni nobubi ngamandla wethu aphelayo. Nokuba yintoni esikekelele kuyo ngenxa yemfuzo okanye yokukhula engalunganga, sinako ukuyoyisa ngamandla [uKristu] alungele ukuba asinike.UL 128.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents