Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iindlela Ezingalunganga Zokutya

    Ukutya akumele ukuba kutyiwe kushushu kakhulu okanye kubanda kakhulu. Ukuba ukutya kuyabanda, amandla empilo esisu ayabuyiswa ukunika ithuba lokuba kufudumale ngaphambi kokuba kube nokwetyiswa. Iziselo ezibandayo ziyingozi kanye ngenxa yeso sizathu; ngaxeshanye ukusebenzisa ngokukhululekileyo iziselo ezishushu kugqiba amandla. Inyaniso yeyokuba, xa kuselwa kutyiwa, okona kuba nzima ukuba ukutya kusetyenzwe sisisu; kuba amanzi [nokuba sisiselo] kufuneka afunxwe kuqala ngaphambi kokuba kuqaliswe ukusetyenzwa kokutya. Makungatyiwa ityuwa eninzi, makuphetshwe ukusetyenziswa kweepickles [amanzi agcwayelwayo] nokutya okukhakhazelayo, makutyiwe kakhulu iziqhamo, khon’ ukuze uqhwethe-qhwethe ofuna kuselwe ngexesha kutyiwa anyamalale.UL 237.2

    Ukutya kufuneka kutyiwe ngokucotha kuhlafunisiswe. Oku kuyafuneka ukuze amathe axubane kakuhle nomthamo khon’ ukuze iincindi zokwetyisa zibe nokusebenza.UL 237.3

    Obunye ububi obuyingozi kukutya ngamaxesha angafanelekanga, Njengasemva kokuvonya-vonya umzimba ngamandla, ngexesha umntu edinwe kakhulu okanye umzimba ushushu. Xa umntu esanda kutya, kubakho ukusetyenziswa kakhulu kwamandla kwimithambo-luvo; naxa ithe ingqondo okanye umzimba kwafunwa kakhulu kuyo amandla kanye phambi kokuba kutyiwe, ukucolwa kokutya kuye kuphazamiseke. Xa ubani ethabatheke kakhulu yinto ethile okanye enxubile, okanye engxamile, kulungile ukuba angabi satya ade aphumle okanye akhululeke.UL 238.1

    Isisu sayamane kakhulu nengqondo; ngenxa yoko, sithi xa isisu sigula, kubizwe amandla emithambo-luvo engqondweni ukuba ancede amalugu acola ukutya aphelelwa ngamandla. Xa oku kusenzeka rhoqo, ingqondo iyaxinaniseka [ngumsebenzi]. Xa ingqondo isetyenziswa rhoqo, nomzimba ungasebenzi, nokutya nje okulula kufuneka kungayiwa kakhulu kuko. Ngexesha lokutya libala ngamaxhala neengcinga ezihluphayo; musa ukuziva ungxamile, kodwa yitya ngokucothayo wonwabile, intliziyo yakho izaliswe ngumbulelo kuThixo ngazo zonke iintsikelelo zaKhe.UL 238.2

    Abaninzi abayeka ukutya inyama nezinye izinto eziyingozi kakhulu baye bacinge ukuthi, kuba ukutya kwabo kulula kunezakha-mzimba, bangasuka batye nakanjani nakangakanani bangazibambi, batye badlulise, ngamanye amaxesha ngokubawa. Yimposiso le. Amalungu asila ukutya akufuneki athwaliswe umthwalo ngemfumba okanye yokutya, nokuba kulungile, okuza kuthi kufune okuninzi emzimbeni ukujongana nako.UL 238.3

    Isithethe sinika into ethi, ukutya makubekwe etafileni ngamaqela ngamaqela alandelelanayo. Ukungazi ukuba yintoni elandelayo, kwenza ukuba umntu atye ahluthe ukutya okuphambi kwakhe kanti asikukona kumlungeleyo. Luthi xa lifika iqela lokugqibela, azibone ngoku edlula emdeni wokutya, atsalwe zizibiliboco ezimnandi, ezingamlungelanga ngokupheleleyo. Ukuba konke ukutya ekufuneka kutyiwe kubekwe etafileni kwasekuqaleni, umntu unethuba elihle lokunyula oko kulunge kakhulu.UL 238.4

    Ngamanye amaxesha, isiphumo sokudlula emgceni ngokutya siye sivakale kwangoko. Kwezinye iimeko akuvakali ntlungu; kodwa amalungu asila ukutya aphelelwa ngamandla abalulekileyo, size isiseko samandla omzimba sisingelwe phantsi.UL 238.5

    Ukutya ekudlulwe ngako emgceni xa kutyiwa kuwunika umthwalo onzima umzimba nothi uwenze ube nokuziva kakubi ude ube ngathi unobufiva obuthile. Kuye kufune isixa esikhulu kakhulu segazi ukuba lisebenze esiswini, nto leyo eyenza ukuba iingalo neenyawo zibande msinyane. Amalungu okusila ukutya kufuneka esebenzise amandla amakhulu aze athi akuwugqiba umsebenzi wawo, umzimba uzive unokutyhafa okanye ukuphelelwa ngamandla. Abanye abadlulisa rhoqo ukutya baye bathi kukuziva benendlala engapheliyo; kodwa ibangwa yimeko yokusebenza ngaphezulu kwamalungu okucola ukutya. Maxa wambi kubakho ukudodobala kwengqondo, nokunqena ukuzama kwengqondo okanye komzimba.UL 239.1

    Ezi mpawu zinganelisiyo zivakala kuba indalo iwufezile umsebenzi wayo ngokwamandla ewakhuphe ngokungafanelekanga kwaye ngoku idinwe tu. Isisu sithi, “Ndinike ukuphumla.” Eyona nto, kwabaninzi, ukungabi nawo amandla kubenza bafune ukutya ngakumbi; kuze kuthi, endweni yokusinika ukuphumla isisu, kusuke kongezwe omnye umthwalo phezu kwaso. Isiphumo soko, siba kukoyiswa kwamalungu okusila ngoku kufuneka enze umsebenzi olungileyo.UL 239.2

    Akufuneki silungiselele iSabatha imfumba yokutya okanye iintlobo-ntlobo zokutya kunezinye iintsuku. Endaweni yoku, ukutya kufuneka kubelula kakhulu, kutyiwe nganeno kwesiiqhelo ukuze ingqondo ibe krelekrele idlamke ikwazi ukuziqonda izinto zasemoyeni. Isisu esixineneyo sithetha ingqondo exineneyo. Awona mazwi axabisekileyo angaviwa kodwa angaqondwa kuba ingqondo iphazanyiswe kukutya ngendlela engeyiyo. Ngokudlulisa ekutyeni ngeSabatha, abaninzi benza ngaphezu kokuba becinga, ukuba bangakufaneli ukwamkela okuhle kumathuba ayo angcwele.UL 239.3

    Ukupheka ngeSabatha kufuneka kuphetshwe; kodwa akuye kuthi ngenxa yoko kufuneke ukuba kutyiwe ukutya okubandayo. Kwimeko yezulu enengqele, ukutya obekulungiswe ngemini engaphambili kufuneka kufudunyezwe. Ukutya kufuneka kube lula, kube nencasa nomtsalane. Kuye kuthi chatha kwiintsapho ezinabantwana, ukuba kuhle xa ngeSabatha kubekho into abayityayo abayibona ikhethekile, iyinto engatyiwa yonke imihla.UL 239.4

    Apho kuthe kwakho imikhwa engalunganga yendlela yokutya, kufuneka kungalityaziswa ukuzisa inguqu. Xa ukulunywa kuthe kwasisiphumo sokusiphatha kakubi isisu, kufuneka kwenziwe amalinge ngobunono okuwususa wonke umthwalo onzima kuso. Isisu sisenako ukungaphili ngokupheleleyo kwimpatho embi yexesha elide; kodwa ikhondo elililo lendlela yokutya linako ukusisindisa ekonakaleni, kwaye ezininzi zingaphila phantse ngokupheleleyo. Akulula ukubeka imigaqo efanele zonke iimeko zokutya. Zingenziwa iinguqulelo ezinkulu, kodwa ophekayo akakudingi ukubulaleka kuba ezamana nokuhenda ilithe lokuthanda ukutya.UL 240.1

    Ukungatyi yonke into kuba nomvuzo wokudlamka kwengqondo nokuziphatha; kukwanceda ekulawuleni iinkanuko. Ukutya kakhulu kuyingozi ngendlela eyodwa kwabo barhuqa iinyawo ekulawuleni ubushushu babo; kwaye aba kufuneka bangatyi amaxesha wonke koko bandise ukuwuvonyavonya umzimba. Akho amadoda nabafazi abanezakhono ezibalaseleyo zemveli kodwa abangafezi nesiqingatha soko bebenokukwenza ukuba bebengathi bazilawule ngokulandula okufunwa kukuthanda ukutya.UL 240.2

    Ababhali abaninzi, nezithethi ezininzi, bayiphosa kule ndawo. Emva kokutya ngentliziyo evulekileyo [kakhulu], bazinikela kumsebenzi wokuhlala phantsi, bafunde, baphengulule, okanye babhale, bangaziniki ixesha lokushukumisa umzimba. Isiphumo soko, ukuphuma ngokulula kweengcamango namazwi kuyaphazamiseka. Abakwazi ukubhala okanye ukuthetha ngamandla nangokuzimisela okufunekayo ukuze bafikelele entliziyweni; aze amalinge abo abe mbuna angabi nasiqhamo.UL 240.3

    Abo kulele phezu kwabo imithwalo ebalulekileyo, abo, ngaphezu kwako konke, bangabalusi bobomi basemoyeni, kufuneka babe ngamadoda anezimvo ezinenzondelelo, nangqondo ekhawulezayo, ngaphezu kwabanye, badinga ukuba ngcathu ekutyeni. Ukutya okutyebe kakhulu nokumnandi kakhulu, izibiliboco, makungafumani ndawo etafileni yawo.UL 240.4

    Yonke imihla, amadoda akwizikhundla eziphezulu kukho izigqibo ekufuneka ezenzile, ekuxhomekeke kuzo iziphumo ezibaluleke kakhulu. Kuye kukholise ngokufuneka ukuba acinge ngokukhawuleza, kwaye oku kunokwenziwa ngempumelelo ngabo baphila ngobungcathu ngokwenene. Ingqondo iyomelela phantsi kokuphathwa kakuhle kwamandla omzimba nawengqondo. Ukuba uxinzelelo alukho lukhulu kakhulu, amandla amatsha abakho xa kufuneka esetyenzisiwe. Kanti ke, umsebenzi wabo banamacebo abalulekileyo ekufuneka becinge ngawo nezigqibo ezibalulekileyo ekufuneka bezenzile ziye zonakaliswe ziziphumo zokungatyi kakuhle. Isisu esingamanga kakuhle sikhuthaza imo yengqondo engazinzanga nengxamayo okanye engenabulungisa. Amacebo amaninzi awayenokuba lulutho emhlabeni aye abekelwe bucala, kuze kuthatyathwe amanyathelo angekho mthethweni, acinezelayo, nakhohlakeleyo, ngenxa yeemeko ezonakaliswe yimikhwa engalunganga yokutya.UL 240.5

    Nali icebiso kubo bonke abenza umsebenzi ohlalisa phantsi okanye osebenzisa kakhulu ingqondo; abo banamandla awaneleyo okuziphatha nokuzilawula mabalizame: Ngalo lonke ixesha usitya, sebenzisa kuphela iintlobo zibe mbini okanye zibe ntathu kuphela zokutya okulula, uze ungadluli kwisixa esilingene ukuba ususe nje indlala. Khumbula ukuwusebenzisa umzimba [ukuwuvonya-vonya] yonke imihla, uze ukhangele ukuba akuyi kuzuza okukhulu na ngokwenza oko.UL 241.1

    Amadoda awomeleleyo asebenza umsebenzi wezigalo awanyanzelekanga ukuba aqaphelisise kangako ngobuninzi okanye ngexabiso lokutya kwawo njengoko kunjalo kubantu abasebenza behleli phantsi; kanti ke nawo anganempilo entle kakhulu xa enokuba nokuzilawula ekutyeni nasekuseleni.UL 241.2

    Abanye banqwenela ukuba bekungabekwa umthetho ocacileyo ochaza oko mabakutye. Batya kakhulu, baze emva koko bazisole, basoloko becinga ngoko bakutyileyo nabakuseleyo. Akumele kube njalo. Akakho umntu omnye ongabekela omnye umthetho ocacileyo. Elowo nalowo kufuneka asebenzise okwakhe ukucinga nokuzilawula, aze konke akwenzayo kulawulwe ngumthetho-siseko.UL 241.3

    Imizimba yethu yekaKristu ngokuyithenga, kwaye asikho kwinkululeko yokwenza ukuthanda kwethu ngayo. Bonke abayiqondayo imithetho yempilo kufuneka bakwazi ukunyanzeleka kwabo ukuba bayithobele le mithetho athe uThixo wabamisela yona. Ukuthobela imithetho yempilo kufuneka kwenziwe kube luxanduva lomntu ngamnye. Thina ngokwethu kufuneka sizive iziphumo zokuwaphula umthetho. Kuzakufuneka siziphendulele sonke ngabanye kuThixo ngemikhwa yethu nezenzo zethu. Ngoko ke, umbuzo esijongene nawo awungothi, “Lenza ntoni ihlabathi?” kodwa, “Mna siqu ndimele ukuyiphatha njani indawo yokuhlala uThixo andinike yona?”UL 242.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents