Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Abalupheleyo

    Abalupheleyo nabo bayakudinga ukuba phakathi kweempembelelo zosapho eziluncedo. Ekhayeni labazalwana noodade kuKristu kunokwenziwa bafumane ikhaya elisondele kakhulu kwelabo elibalahlekeleyo. Ukuba bakhuthazwa ukuba babe nenxaxheba kokuthandwayo nokwenziwayo ekhayeni, oko kungabenza bave ukuba uncedo lwabo alukaphelelwa. Mabenziwe bazive ukuba uncedo lwabo luxatyisiwe, nokuba ikho noko into yokwenza ekulungiseleleni abanye, kwaye oko kuya kuzivuyisa iintliziyo zabo, kunike inkuthazo ebomini babo.UL 153.4

    Kangangoko kunokwenzeka, abo bantloko zabo ziba mhlophe, ababundezayo ukuhamba, bebonisa ukuba bayasondela engcwabeni, mabahlale phakathi kwabahlobo nabaqheleneyo nabo. Mabakhonze phakathi kwabo kukade bebazi bebathanda. Mabakhathalelwe zizandla ezinothando nobubele.UL 154.1

    Lonke ixesha bekwazi ukwenza oko, makube lilungelo lwamalungu alo naluphi usapho ukulungiselela kubantu abanjalo. Ukuba oku akukwazi ukwenzeka, umsebenzi ngowebandla, kwaye kufuneka wamkelwe njengelungelo kwakunye nomthwalo walo. Bonke abanomoya kaKristu baya kubajonga ngothando abanobulwelwe nabagugileyo.UL 154.2

    Ubukho bamakhaya aba bangenako ukuzinceda kulithuba elihle lokusebenza kunye noKristu kulungiselelo lwaKhe lwenceba nokukhulisa iimpawu zesimilo esifana nesaKhe. Ikhona intsikelelo ekuhlanganeni kwabadala nabatsha. Abatsha banokuzisa ukukhanya kwelanga ezintliziyweni nasebomini babagugileyo. Abo ukubambelela kwabo ebomini kuya kuphelelwa ngamandla badinga ukuzuza okuhle ngokuhlangana kokuzaliswa lithemba nobukhaphukhaphu bobutsha. Bona abatsha banokuncedwa bubulumko namava abadala. Ngaphezu kwako konke, bayakudinga ukufunda isifundo solungiselelo olungajonge kubo kuphela. Ubukho bodinga uvelwano nokunyamezela nothando lokuzincama buya kuba yintsikelelo engenako ukunikwa ixabiso kwiintsapho ezininzi. Bubenza bube mnandi buphucuke ubomi basekhaya, bufune kwabadala nakwabatsha ukuziphatha ngokukaKristu okuya kubenza babebahle bubuhle bezulu babe zizityebi yindyebo yezulu engenako ukonakala.UL 154.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents