Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    UKristu Iliso Lomthombo Wolwazi Lwenene

    Kufuneka siziphephe iingxoxo ezifuna ukuqwalaselwa. Ikho imicimbi edla ixesha ivuse imibuzo, kodwa engapheleli ntweni. Eyona micimbi mikhulu ifuna ingqwalaselo enkulu namandla ezingakholisi ukunikwa kwizinto ezingabalulekanga.UL 366.4

    Ukwamkela iimfundiso ezintsha akuzisi bomi butsha emphefumlweni. Kanti nokuqhelana neenyaniso neemfundiso ezibalulekileyo kwindawo yazo kunceda kancinane ngaphandle kokuba kuthe kwasetyenziswa. Simele siluve uxanduva lwethu lokunika imiphefumlo yethu ukutya okuya kuyondla kuvuselele ubomi basemoyeni.UL 367.1

    [“Yibazele] ubulumko indlebe yakho;
    Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; . . .
    Ubufune njengesilivere [ubulumko], . . .
    Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:
    Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova,
    Ukufumane ukumazi uThixo. . . .
    Uya kwandula uqonde ubulungisa nesiko
    Nokuthe tye, nayo yonke imikhondo elungileyo.
    Kuba ubulungisa buya kungena entliziyweni yakho.
    Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho.
    Ukunkqangiyela kokugcina,
    Ukuqonda kokulondoloza.”
    Ubulumko “bungumthi wobomi kwababambelela kubo,
    Unoyolo obubambayo.”
    UL 367.2

    IMizekeliso 2:2-11; 3:18.

    Umbuzo esinawo namhlanje uthi, “Iyintoni na inyaniso—inyaniso ekufuneka yenziwe, ithandwe, izukiswe, ithotyelwe?” Abazinikele kwisayensi boyisiwe batyhafa kumalinge wabo okufuna ukwazi ngoThixo. Into abayidingayo kukubuza ngeli xesha ukuba, “Iyintoni na inyaniso eya kwenza ukuba sikwazi ukuyizuzela usindiso imiphefumlo yethu?”UL 367.3

    “Nicinga ntoni na ngoKristu?” —ngumbuzo obaluleke ngokukodwa lo. Ingaba niyamamkela njengoMsindisi? Kubo bonke abamamkelayo ubanika igunya lokuba ngoonyana bakaThixo.UL 367.4

    UKristu wamtyhila uThixo kubafundi baKhe ngendlela eyenza umsebenzi okhethekileyo ezintliziywni zabo, njengoko enqwenela ukwenza nakwezethu iintliziyo. Baninzi abathi, bahlale kakhulu ekuthetheni, balahlekwa ngumbono wamandla aphilileyo omzekelo woMsindisi. Balahlekwe kukumbona njengomsebenzi othobekileyo, ozibingelelayo. Bayakudinga ukumbona uYesu. Yonke imihla, sidinga intyilelo entsha yobukho baKhe. Sidinga ukuwulandela kufuphi kakhulu umzekelo waKhe wokuzincama nokuzibingelela.UL 367.5

    Siyawadinga amava awayenawo uPawulos xa wayebhala esithi, “Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.” Galati 2:20.UL 368.1

    Ukwazi uThixo noYesu Kristu okubonakaliswa esimilweni kuphakanyiswa ngaphezu kwako konke okunye okuxatyisiweyo emhlabeni okanye ezulwini. Yeyona mfundo iphezulu. Kusisitshixo esivula amasango esixeko sasezulwini. Olu lwazi, yinjongo kaThixo ukuba bonke abambatha uKristu, babe nalo.UL 368.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents