Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isimilo SikaThixo Sityhilwe KuKristu

    Ethabathele phezu kwaKhe ubuntu, uKristu weza ukuba abe mnye nomntu, kuthi kwangalo elo xeshalinye atyhile uBawo wethu osemazulwini kubantu abazaliswe sisono. Lowo wayephambi kobuso bukaYise kwasekuqalekeni, Lowo wayengufanekiselo wenkqu kaThixo ongenakubonwa, wathi eyedwa wakwazi ukusityhila isimilo soThixo eluntwini. Wathi ngeendawo zonke wenziwa wafana nabazalwana baKhe. Waba yinyama njengoko sinjalo. Walamba wanxanwa wadinwa. Waxhaswa ngokutya wahlaziywa kukulala. Wazibandakanya kunye nabantu; kanti ke wayenguNyana kaThixo ongenabala. Waba ngowasemzini nomphambukeli emhlabeni—ehlabathini, kodwa engengowehlabathi; wahendwa walingwa njengokuba amadoda namankazana namhlanje behendwa balingwe, kodwa waphila ubomi obungenaso isono. Enothando, nemfesane, novelwano, ehleli ebabeke phambili abanye, wasimela isimilo sikaThixo, wazingisa esebenzela uThixo nomntu.UL 335.1

    “UYehova undithambisile,” watsho,
    “Ukuze ndishumayele iindaba ezilungileyo kumahlwempu;
    Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo,
    Ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo.”
    “Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,”
    “Ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova; . . .
    Ukuthuthuzela bonke abanesijwili.”
    UL 335.2

    Isaya 61:1, 2; Luka 4:18;
    Isaya 61:2. A.R.V.

    “Zithandeni iintshaba zenu,” wasiyalela watsho; “basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini;” “ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.” “Ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.” “Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.” Mateyu 5:44, 45; Luka 6:35; Mateyu 5:45; Luka 6:36.UL 335.3

    “Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu,
    Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni,
    Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni
    nasethunzini lokufa,
    Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.”
    UL 336.1

    Luka 1:78, 79.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents