Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ithuba Likamama

    Kukho uThixo phezulu, ukukhanya nobuqaqawuli buphuma kuYe Etroneni buhlale phezu kukamama xa ezama ukufundisa abantwana bakhe ukuba bamelane nempembelelo yobubi. Awukho omnye umsebenzi onokulingana nowakhe ngokubaluleka. Akufuneki ukuba, njengabanye abazobi, azobe ubume bobuhle phezu kwelaphu, kanti angathi, njengomenzi womfanekiso oqingqiweyo, awuxhonxe elityeni. Akufuneki, njengombhali, afake ingcamango enendili emagameni amandla, okanye angathi, njengemvumi, abeke imvakalelo entle kuncuthu lomculo. Okwakhe, ngoncedo lukaThixo, kukuba aphuhlise emphefumlweni womntu umfanekiso kaThixo.UL 296.1

    Umama okuthandayo oku, uya kuwathabatha amathuba anawo njengangenako ukulinganiselwa nganto. Uya kuthi enyanisekile, azame, kwesakhe isimilo nangezakhe iindlela zokuqeqesha, ukubeka phambi kwabantwana bakhe owona mgangatho ufanelekileyo ophezulu. Uya kuthi, ngomonde, ngesibindi, azame ukukhulisa ezakhe izakhono, ukuze awasebenzise ngendlela eyiyo awona mandla aphezulu engqondo ekuqeqesheni abantwana bakhe. Uya kuthi enyanisekile, abuze kwinyathelo ngalinye, “Uthethe wathini uThixo?” ngokukhuthala, uya kufunda ilizwi laKhe. Uya kuwagcina amehlo wakhe emiliselwe kuKristu, ukuze amava wakhe emihla ngemihla, emsebenzini othobekileyo wokukhathalela nomthwalo, abe sisibonakalaliso salowo ubuBomi obuyinyaniso.UL 296.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents