Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umsebenzi Ofuna Ingcinga Yethu

    Iziphoso azinako ukulungiswa, lungenako nokwenziwa uhlaziyo ngabambalwa ngamalinge angenamandla nathanda ukuthi gqolo. Ukwakhiwa kwesimilo ngumsebenzi, ongenguwo owosuku okanye umnyaka, kodwa ngowobomi bonke. Idabi lokoyisa umna, ukuzuza ubungcwele nezulu, lidabi lobomi bonke. Ngaphandle komzamo ozingisileyo nokusebenza okuthe rhoqo, akusokuze kubekho ukubheka phambili kubomi obungcwele, kungenako nokuzuzwa isithsaba soloyiso.UL 363.1

    Obona bungqina bunamandla bokuwa komntu kumgangatho ophezulu kangako bobu bokuba kube nexabiso elikhulu kangaka ukumbuyisela. Indlela yokubuya ingazuzwa kuphela ngokulwa ngamandla, inyathelo ngenyathelo, iyure ngeyure. Ngomzuzwana omnye, ngesenzo sokungxama esingaqatshelwanga, singazibeka kwigunya longendawo; kodwa kufuna ngaphezu komzuzu ukuqhawula amatyathanga nokufikelela kubomi obungcwele ngaphezulu. Injongo ingabakho, umsebenzi uqalwe; kodwa ukugqitywa kwawo kufuna ukusebenza nzima, ixesha, ukunyamezela, umonde, nokuzincama.UL 363.2

    Asinako ukuzivumela ukuba sisebenzi ngokuziva. Asinako ukuyekelela umzuzwana. Sixinwe zizihendo ezingenako ukubalwa, kufuneka sixhathise ngokuqinileyo okanye soyiswe. Ukuba singafika ekupheleni kobomi umsebenzi wethu ungagqitywanga, oko kungaba yilahleko engunaphakade.UL 363.3

    Ubomi bompostile uPawulos babukukulwa okungapheliyo nomna. Wathi, “Ndisekufeni imihla ngemihla.” 1 Korinte 15:31. Intando yakhe neminqweno yakhe yonke imihla yayingqubana nomsebenzi kunye nentando kaThixo. Endaweni yokulandela apho akekelele khona, wenza intando kaThixo, nokuba yayiyibethelela kangakanani indalo yakhe.UL 363.4

    Ekupheleni kobomi bakhe bokulwa, ekhangela emva kumadabi abo noloyiso lwabo, wakwazi ukuthi, “Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.” 2 Timoti 4:7, 8.UL 363.5

    Ubomi bobuKristu lidabi nokubheka phambili. Kule mfazwe akukho ukukhululwa; umzamo kufuneka ungapheli kwaye ube nonyamezelo. Kungomzamo ongayekiyo esithi silugcine uloyiso kwizihendo zikaSathana. Isidima sobuKristu kufuneka sifunwe ngamandla angenakuthintelwa size sigcinwe ngenjongo enesigqibo nezinzileyo.UL 364.1

    Akakho oya kunyuselwa phezulu engenawo umzamo oqinileyo, ozingisayo kwelakhe icala. Bonke kufuneka bangene kule mfazwe ngokwabo; akakho onokulwa amadabi wethu. Elowo nalowo eyedwa unomthwalo ngemiba yemfazwe; nokuba uNowa, uYobhi, noDaniyeli bebekho elizweni, bebengayi kuhlangula unyana nokuba yintombi ngobabo ubulungisa.UL 364.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents