Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iziyobisi Ezinganxilisi Kakhulu

    Abantu abakhule bethanda iziyobisi ezingeyiyo indalo kufuneka bangasondeli kwiwayini, nazo zonke izinto ezinxilisayo ngeentlobo zazo, kuba zisigcina isihendo sisoloko siphambi kwabo. Kuba kukho ekuthiwa azinxilisi kakhulu, abantu bazinkinkqa kangangoko banako. Phofu bona, ibutywala nje, buba mnandi okomzuzwana; buqale ukuvunda. Isongo esikrakrayo obuthi bube naso sibenza bamkeleke lula kwimiqala emininzi, aze obusebenzisayo angathandi ukuvuma ukuba buye bavunda bakrakra.UL 258.1

    Kunengozi empilweni ukusebenzisa le wayini kuthiwa imnandi [isayida] njengoko iye yenziwe ngokuqhelekileyo. Ukuba abantu bebengabona okuvezwa zizixhobo zokwandisa izinto ezijongwayo ezincinane kule sayida bayithengayo, bambalwa ababengathanda ukuphinda bayithenge. Kukholisa ukuba abo bayenza belungiselela ukuyithengisa bangayiqapheli imeko yesiqhamo abasisebenzisayo, ize incindi eneempethu nama-apile abolileyo asetyenziswe. Abo babengasokuze bacinge ukusebenzisa ama-apile abolileyo nayityhefu bayisela ngokulula isayida, beyincoma ubumnandi; kanti ukuyijongisisa ngesixhobo sokujonga kubonisa ukuba neyona intsha kakhulu esanda ukuphuma esixovulelweni, isisiselo esingafanele kusetyenziswa. [Zazinjalo iimeko zokwenziwa kwesayida ngexesha lokubhalwa kwale ncwadi, isithuba se-1905. Kukho ukuguquka kwiimeko zoceceko kule mihla. ]UL 258.2

    Ukunxila kuyenziwa yiwayini, ibhiye, nesayida njengezinye iziselo ezinxilisayo ezilukhuni kunazo. Ukusetyenziswa kwezi ziselo kuvusa ilithe ngakwezo zilukhuni, uze ngaloo ndlela umkhwa wotywala umiliselwe. Ukusela nje okungabaxekanga kusisikolo apho amadoda afunda khona ubizo lokuba ngamanxila. Le ndlela irhubuluzayo yomsebenzi wezivuseleli ezinganxilisi kakhulu ikhokelela kuhola wendlela yokunxila ekungenwa kuyo lixhoba ngaphambi kokuba liziqonde ukuba lisengozini.UL 258.3

    Abanye, ekungaye kucingwe ukuba banxilile ngokwenene, basoloko bephantsi kwempembelelo yobushushu bokunxila. Banobufiva, abamanga kakuhle engqondweni, abazinzanga. Bazibona bengathi bakhuselekile, baqhubeka beshushu okoko, zide ziwe phantsi zonke izikhuselo, baze balahle yonke imithetho-siseko. Ezona zigqibo ziqinileyo zijongelwa phantsi, kanti nezona ngcinga ziphezulu kakhulu azanelanga ukuba ziligcine phantsi kolawulo ilithe elonakeleyo.UL 259.1

    Ayikho indawo apho iBhayibhile ithi ivumele ukusetyenziswa kwewayini enxilisayo. Iwayini awayenzayo uKristu ngamanzi emtshatweni waseKana yayiyincindi emsulwa yediliya. “Incindi [le] ifunyanwa esihlokweni,” esithi ithi ngaso isiBhalo, “Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso.” Isaya 65:8.UL 259.2

    NguKristu owathi, kwiTestamente eNdala, wanika isilumkiso kuIsraryeli, “Singumxokozeli isiselo esinxilisayo; bonke abayotywe yiyo abalulmkile.” Mizekeliso 20:1. Yena ngokwaKhe akazange wasinika isiselo esinjalo. USathana uyabalinga abantu ukuba baziyekele koko kwenza mfiliba ingqondo kudodobalise iimbono zikamoya, kodwa uKristu usifundisa ukuba siyibeke phantsi kolawulo wonke umzimba wangasezantsi. Akaze abeke phambi kwabantu oko kuya kuba sisihendo. Yayikukuze awaphule amandla okuthanda okutyiwayo ukuze ngeentsuku ezimashumi mane entlango abulaleke ngenxa yethu kuvavanyo olwakha lwanzima olwalunokuthwalwa ngumntu. YayinguKristu owayalela ukuba uYohane umBhaptizi angaze asele nokuba yiwayini nokuba siso nasiphi isiselo esinxilisayo. YayikwanguYe owawisa ukuba angachukumisi nto inxilisayo umfazi kaManowa. UKristu akazange aphikisane nemfundiso yaKhe. Iwayini engavutyelwanga awayenzela abamenywa emtshatwni yayisisiselo esinesondlo nesidlamkisayo. Yiwayini le eyasetyenziswa nguMsindisi wethu nabafundi baKhe kumThendeleko wokuqala. Iyiwayini efanele ukuhala isetyenziswa etafileni yomThendeleko njengomfuziselo wegazi loMsindisi. Inkonzo yemifuziselo ilungiselwe ukuhlaziya imiphefumlo nokunika ubomi. Akufuneki kuhlanganiswe nayo nantoni enokulungiselela ububi.UL 259.3

    Ngokukhanya koko iziBhalo, indalo, nengqondo zikufundisayo ngokubhekiselele ekusetyenzisweni kwezinto ezinxilisayo, angathini amaKristu ukuxakeka kukukhulisa ihops yokwenza utywala, okanye ukuphuhlisa iwayini okanye isayida ukuba ayithengise? Ukuba ayabathanda abamelwane bawo njengoko ezithanda, ancedisa njani ekubekeni endleleni yabo oko kuza kuba ngumgibe kubo?UL 259.4

    Ukungabi nabungcathu kukholisa ukuqala ekhaya. Ngokusebenzisa ukutya okutyebileyo, okungenampilo, amalungu okusila ukutya enziwa angabi namandla, kuze kudalwe ulangazelelo lokutya okuvuselela ngakumbi. Ngoko ke, ukuthanda ukutya kufundiswa ukubawela into enamandla avuselelayo ngalo lonke ixesha. Ukufuna izivuseleli kuye kuzinge kungamandla kube nzima nokumelana nako. Umzimba uye ubekufuphi ukuzaliswa yityhefu, uphelelwe ngakumbi ngamandla, ngelo xesha kuye kukhula ukuzifuna ezi zivuseleli. Inyathelo elinye elibhek’ ecaleni lilungiselela indlela elinye. Abaninzi abangenatyala lokubeka iwayini okanye naluphi uhlobo lotywala bazizalisa iitafile zabo ngokutya okwenza ukunxanelwa iziselo ezilukhuni kangangokuba kube nzima ukumelana naso isihendo. Imikhwa yendlela yokutya nokusela engalunganga itshabalalisa impilo kwaye ilungiselela indlela ukunxila.UL 260.1

    Kusondele ukuba angafuneki kakhulu amaphulo okukhuthaza ubungcathu ukuba bekungatyalwa emphakathini ulutsha oluyenzayo luyakhe imithetho-siseko elungileyo ngokubhekiselele kubungcathu. Abazali mabaqalise amaphulo okulwa ukungabikho kobungcathu kwawabo amakhaya, bebafundisa kuloo mithetho-siseko abantwana babo ukuba bayilandele kwasebusaneni, bangathemba ukuba banganempumelelo.UL 260.2

    Ukho umsebenzi woomama wokunceda abantwana babo ukuba bakhulise imikhwa elungileyo nelithe elihle. Makufundiswe indlela eyiyo yokuthanda ukutya; mabafundiswe abantwana ukuzithiya izivuseleli. Mabakhuliswe abantwana ukuba namandla okuziphatha ukuze bamelane nobubi obubajikelezileyo. Mabafundiswe ukuba bangoyiswa bajikwe ngabanye, nokuba akufuneki baziyekele kwiimpembelelo ezinamandla, kodwa babaphembelele abanye kokulungileyo.UL 260.3

    Mikhulu imizamo eyenziwayo ukulwa ukusweleka kobungcathu; kodwa kukwakukhulu okungajoliswa kwindawo elungileyo. Abaxhasi bohlaziyo lobungcathu kufuneka babuqonde ububi obusisiphumo sokusetyenziswa kokutya okungawakhiyo umzimba, njengezinongo, iti, nekofu. Sibanqwenelela bonke abasebenzi bobungcathu ukuba uThixo abe nabo; kodwa siyabacela ukuba bawugqale ngokunzulu unobangela wobubi abalwa nabo baqiniseke ukuba balwa nento eyiyo ekuhlaziyeni.UL 260.4

    Kufuneka kusoloko kubekwe phambi kwabantu ukuba ukuzinza okulungileyo kwengqondo namandla okuziphatha kuxhomekeka kakhulukazi kwimeko eyiyo yokuma komzimba. Zonke izivuseleli nezidakumbisi ezingezizo ezendalo ezithi ziwuqobe amandla ziyithobele phantsi indalo yomzimba zinento yokuthoba ubukhali bengqondo nokuziphatha. Ukungabi nabungcathu kulele kwisiseko zokurhuqa phantsi kokuziphatha ehlabathini. Ngokuziyekela kwilithe nokuthanda ukutya okugqwethekileyo, umntu ulahlekwa ngamandla okumelana nesihendo.UL 261.1

    Abahlaziyi bobungcathu banomsebenzi ekufuneka bewenzile wokufundisa abantu ngale miba. Mabafundiswe ukuba imilo, isimilo, kwanobomi, zizinto ezisengozini ngenxa yokusetyenziswa kwezinto ezivuselelelayo, ezithi ziwanyuse amandla ukuba enze izenzo ezimanqapha-nqapha ngokungekuko okwendalo.UL 261.2

    Ngokubhekiselele kwiti, ikofu, icuba, neziselo ezinxilisayo, ikhondo elikuphela kwalo elikhuselekileyo kukuba kungachukunyiswa, kungangcamlwa, kungaphathwa. Umkhuba weti, nekofu, neziselo ezifana nazo ukwindlela enye notywala necuba, kuthi kwezinye iimeko umkhwa kube nzima ukuwuyeka njengoko kunjalo kwinxila ukuyeka izidakumbisi. Abo bazama ukuyeka izivuseleli baza kuba nexesha besiva ukulahleka baze bagule ngaphandle kwazo. Ngokuzingisa baya kukoyisa ukubawa okanye ukunqanqatheka baze bayeke ukuva benentswelo. Indalo inako ukufuna ixesha elincinane ukuba ibuye ekuphathekeni kakubi ethe yakuva; kodwa mayinikwe ithuba, kuba iya kubuya ihlanganisane yenze umsebenzi wayo ngesidima nangendlela eyiyo.UL 261.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents