Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ikhaya

    28—Ulungiselelo Lwekhaya

    Ukubuyiselwa nokuphakanyiswa koluntu kuqala ekhaya. Umsebenzi wabazali usisiseko sawo wonke omnye umsebenzi. Uluntu lwenziwe ziintsapho, kwaye luyiloo nto iintloko zeentsapho zilwenza yona. Entliziyweni kuphuma “amathende oobomi” IMizekeliso 4:23; kwaye intliziyo yasekuhlaleni, yebandla, neyesizwe lusapho lwekhaya. Ukwakheka kakuhle koluntu, impumelelo yebandla, inkqubela phambili yesizwe, konke kuxhomekeka kwiimpembelelo zekhaya.UL 273.1

    Ukubaluleka namathuba obomi basekhaya bubonakalaliswe ebomini bukaYesu. Lowo wehla ezulwini ukuba abe ngumzekelo netitshala wachitha amashumi amathathu eminyaka elilungu losapho eNazarete. Ngokubhekiselele kule minyaka, ingxelo yeBhayibhile imfutshane kakhulu. Kwakungekho mimangaliso enamandla eyakha yatsala ingqondo yezihlwele. Kwakungekho zimfumba zabantu zinolangazelelo zakha zalandela emanyathelweni waKhe okanye zaphulaphula amazwi waKhe. Kanti ke, yonke loo minyaka wayezalisekisa umsebenzi weZulu awayewuzele. Waphila njengomnye wethu, ephila ubomi basekhaya, eziyekele kwingqeqesho yalo, esenza imisebenzi yalo, ethwele imithwalo yalo. Kwinkuseleko yenkathalo yekhaya eliphantsi, enenxaxheba kumava wethu aqhelekileyo, “waye . . . ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini nasekuthandweni nguThixo nangabantu.” Luka 2:52.UL 273.2

    Ngayo yonke le minyaka eyedwa, ubomi baKhe babuphuma ngemisinga yovelwano nokuba luncedo. Ukungafuni okukokwaKhe kunye nokunyamezela ngomonde, ukuqina kwaKhe kwakunye nokunyaniseka, ukumelana kwaKhe nezihendo, uxolo lwaKhe olungapheliyo kunye nolonwabo oluzolileyo, zonke zaye zizizinto ezithe rhoqo ziyinkuthazo. Ekhayeni wazisa umoya omhle nomnandi, baye ubomi baKhe buligwele elisebenza phakathi kweziqalelo zokwakha uluntu. Akuzange kuthiwe wakha wenza ummangaliso, kanti ke, okuhle—amandla othando oluphilisayo nolunika ubomi—ayephuma kuYe aye kwabahendayo, abagulayo, nabatyhafileyo. Ngendlela engazinyanzeliyo, kwasebuntwaneni baKhe, walungiselela kwabanye, kwaza kwathi ngenxa yoku, xa eluqala ulungiselelo lwaKhe lwasesidlangalaleni, abaninzi bamphulaphula ngovuyo.UL 273.3

    Iminyaka yasekuqaleni yoMsindisi, ingaphezulu komzekelo nje qha kulutsha. Isisifundo, kwaye ifanele ukuba ibe yinkuthazo, kuye wonke umzali. Kwimisebenzi yasekhaya nasebumelwaneni kulapho libonakala khona ilinge lokuqala kwabo baya kuba ngabaphakamisi bohlanga okanye isizwe sabo. Ayikho enye intsimi ebaluleke ngaphezu kwaleyo enikelwe kubaseki nabalindi bekhaya. Awukho umsebenzi onikelwe uluntu obandakanya okukhulu okanye oneziphumo ezibaluleke kakhulu kunomsebenzi woomama nootata.UL 274.1

    Kungolutsha nabantwana banamhlanje ekunokuthi kubonwe ukuba uluntu lwexesha elizayo luya kuba njani, kwaye into oluya kuba yiyo olu lutsha naba bantwana ixhomekeke ekhaya. Ubukhulu besifo nentlekele kwakunye nolwaphulo lomthetho okusisiqalekiso eluntwini konke kungalandwa emva ekuswelekeni kwengqeqesho efanalekileyo emakhaya. Ukuba ubomi basekhaya bebubuhle bunenyaniso, ukuba abantwana abaphuma kwinkathalelo yalo bebekulungele ukuhlangabezana nemithwalo neengozi zobomi, kazi ibiya kuba njani ukungafani imeko ebonakala igquba ngoku ehlabathini!UL 274.2

    Amalinge amakhulu ayenziwa, ixesha nemali nomsebenzi phantse kungabikho mda konke kuyachithwa, kumaphulo nemizi yokuhlaziya amaxhoba emikhwa emibi. Kanti ke, nala malinge awanelanga ukuhlangabezana nokuninzi okufunekayo. Ukanti sinjani ukuba zincinane isiphumo! Bambalwa ngeyona ndlela ababuyiswayo!UL 274.3

    Inkungu nelanga yabantu inga inganobomi obuhle, kodwa ayinaso isibindi nesigqibo sokuqhawula kwigunya lomkhwa. Bayaloyika ilinge nedabi nokzincama okufunekayo, buze ubomi babo bochitheke buphele. Ngaloo ndlela, namadoda akrelekrele kakhulu, amadoda ajonge phambili anamagunya ahloniphekileyo, kungenjalo afaneleke ngendalo nemfundo ukuba kwizikhundla zokuthenjwa nemithwalo, alahlelwa phantsi alahleke kobu bomi nakubomi obuzayo.UL 274.4

    Kwabo baguqukayo, alilikhulu nje idabi abalilwayo ukuphinda bafumane ubuntu babo babe ngamadoda kwakhona! Bathi ubomi babo bonke, bekwimeko ebuhlungu, intando engazinzanga, ingqondo eyonakeleyo, namandla omphefumlo abuthakathaka, bavune isivuno sokuhlwayela kwabo okungalunganga. Abubukhulu ngako obekuya kwenziwa ukuba ububi bekusetyenzwe ngabo, bachithwa kwasekuqalekeni!UL 275.1

    Lo msebenzi ulele, ikakhulu, kubazali. Kumalinge awenziwayo okunqanda ukuqhubela phambili kokungabikho kobungcathu nobunye ububi obudla, ngokomhlaza, umzimba wasekuhlaleni, ukuba ingqwalaselo ibinikwe kakhulu ekufundiseni abazali indlela yokwakha imikhwa nesimilo sabantwana babo, bekuya kubakho isiphumo sokulunga esiphindwe kalikhulu. Umkhwa, ongamandla obubi awoyikeka kakhulu, kusegunyeni labo ukwenza umkhosi wokulungileyo. Kufuneka bekwenze oko kwalapho uphuma khona umsinga, kwaye kulele kubo ukuwukhokela ngendlela esinga kokulungileyo.UL 275.2

    Abazali banako ukubekela abantwana babo isiseko sobomi obunempilo nolonwabo. Bangabathumela basuke emakhayeni wabo benamandla okuziphatha ukuze bakwazi ukumelana nesihendo, nesibindi nokomelela ukuba bakwazi ukubambana ngempumelelo neengxaki zobomi. Banako ukubakhuthaza babe nenjongo nokukhulisa amandla okubenza ubomi babo buzukise uThixo, babe yintsikelelo nasehlabathini. Bangabenzela iindlela ezingqalileyo zokuhamba iinyawo zabo, bephumela ekukhanyeni nasethunzini, base kubuphakamo bangasentla obunenkazimlo. Umsebenzi onikwe ikhaya unabele ngaphaya kwamalungu walo. Ikhaya lomKristu kufuneka libe sisifundo esibonwayo, libonisa ukutshatshela kwemithetho-siseko eyinyaniso ebomini. Umzekelo onjalo uya kuba ngamandla okulungileyo emhlabeni. Unamandla adlulisileyo kunazo zonke iintshumayelo ezinokushunyayelwa impembelelo yekhaya elinyaniso phezu kweentliziyo zabantu nobomi babantu. Luthi xa ulutsha luphuma kwikhaya elinjalo, izifundo abazifundileyo zidluliselwa kwabanye. Imithetho-siseko yobomi enendili ingena kwamanye amakhaya, ize impembelelo ekhuthazayo isebenze ekuhlaleni.UL 275.3

    Maninzi amanye amakhaya esinokwenza elethu ikhaya libe yintsikelelo kuwo. Indlela esonwabisa ngayo ekuhlaleni akufuneki ilawulwe yimiyalelo okanye yinto esiyixelelwa ngamasiko ehlabathi, kodwa makube ngoMoya kaKristu nemfundiso yelizwi laKhe. AmaIsrayeli, kwimibhiyozo yezidlo zawo, ayebizela ndawonye ihlwempu, owasemzini, nomLevi, owayesebenza kunye nombingeleli engcweleni, nowayekwayititshala nomvangeli. Aba babebonwa njengabamenywa babantu, ukuba babe nenxaxheba xa kubukwa iindwendwe kuyo yonke imicimbi yokonwabisana ekuhlaleni nasenkolweni, nokuba bakhathalelwe ngobubele ekuguleni naxa benentswelo. Ngabantu abanje ngaba ekufuneka sibamkelele emakhayeni ethu. Kukhulu kangakanani okunokwenziwa kukwamkela abanjalo ukuzisa uvuyo nenkuthazo kumongikazi ongumvangeli okanye ititshala, kosindwa ngamaxhala, nomama osebenza nzima, okanye kumntu ongenamandla nowalupheleyo, abaye bangabi namakhaya, batsale nzima besilwa nentlupheko kunye nezinto ezininzi ezityhafisayo.UL 276.1

    “Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa,” Uthi uKristu, “musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe. Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.” Luka 14:12-14.UL 276.2

    Aba bamenywa asingobantu bangumthwalo omkhulu ukubamkela. Akuyi kudinga ukuba ulungise ooni-nooni, udleke utshone, ukubonwabisa. Akudingi ukuzama ukuba kubekho ubunewu-newu. Ubushushu bolwamkelo oludlamkileyo, ukubekwa endaweni efudumeleyo, isihlalo etafileni yokutya ekhaya, ilungelo lokwabelana ngentsikelelo yexesha lomthandazo, kwabaninzi kwaba kungafana nokukrotyiswa ezulwini.UL 276.3

    Uvelwano lwethu kufuneka luphuphumele ngaphandle kwemida yokufunela thina nokuvaleleka kwiindonga zosapho. Kukho amathuba amahle kakhulu kwabo bathi amakhaya wabo bawenze abe yintsikelelo kwabanye. Impembelelo yasekuhlaleni ingamandla amangalisayo. Singayisebenzisa xa sithanda njengendlela yokunceda abo basijikelezileyo.UL 276.4

    Amakhaya wethu afanele ukuba abe yindawo yokubalekela kulutsha olusekuhendweni. Baninzi kubo abemi eziphambukeni zeendlela. Yonke impembelelo, yonke imbono, iyakhokela ekwenziweni kwesigqibo esithi siqulunqe isiphelo salapha kulo mhlaba nesexesha elizayo. Ububi buyabamema abantu abatsha. Iindawo zabo [ububi] zokuzonwabisa ziyakhanya zinomtsalane. Zamkela wonke ozayo. Sijikelezwe lulutsha olungenawo amakhaya, noluninzi olunawo amakhaya kodwa apho angekhoyo amandla okulunceda nokuluphakamisa, luze ulutsha lumke luye ebubini. Luyehla luya kwantshabalalo apha kanye phambi kwethunzi leminyango yethu.UL 277.1

    Olu lutsha ludinga isandla esolulelwe kulo ngovelwano. Amazwi obubele athethwa nje ngokulula, ukuhoywa okubukeka kukuncinane abakunikwayo, konke kungalisusa ilifu lesihendo elijinga phezu komphefumlo. Ukuboniswa ngenene kovelwano olunyanisekileyo kunamandla okuvula ucango lwentliziyo ukuze kuphume ivumba elinandi lamazwi afana nakaKristu, nenkcukumiso encinane enobubele enomoya wothando lukaKristu. Ukuba nje besingabonisa umdla kwaba batsha, sibameme sinomoya owonwabileyo oluncedo, baninzi abangathi balubuyise unyawo lwabo luye kwindlela enyukayo.UL 277.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents