Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    3—Ukuhlangana Nendalo NoThixo

    Ubomi boMsindisi emhlabeni yayibubomi bokuthungelana nendalo kunye noThixo. Kolu thungelwano, wasityhilela imfihlelo yobomi bamandla.UL 32.1

    UYesu wayengumsebenzi onyanisekileyo, onenzondelelo. Akakho owakha waphila phakathi kwabantu osindwa yimithwalo njengaYe. Engekho nowaka wathwala umthwalo onzima kangako wentlungu nesono sehlabathi. Akakho omnye owaka wabulawa yinzondelelo enzulu kangako kuba efuna kulungelwe abantu. Noko kunjalo, wayesempilweni. Ubomi baKhe, ngokomzimba nasemoyeni, babumelwe yimvana yombingelelo, “engenasiphako, engenabala.” 1 Petros 1:19. Emzimbeni nasemphefumlweni wayengumzekelo wento uThixo awayilungisela ukuba lonke uluntu lube yiyo ngokuthobela imithetho yaKhe.UL 32.2

    Babesithi abantu bakumkhangela uYesu, babone ubuso apho kuhlangene khona imfesane namandla okufuna ukwenza okuhle. Wayekhangeleka ejikelezwe ngumoya onika ubomi. Nangona abantu babebona umntu onobubele nolulamileyo, yayikho yona into ebonakala ngathi liguya elifihlakeleyo apha kuYe, elalingakwazi ukufihlakala ngokupheleleyo.UL 32.3

    Ngexesha lokusebenza kwaKhe, wayesoloko elandelwa ngamadoda anobuqhophololo angabahanahanisi awayebuzungula ubomi baKhe. Iintlola zazithe “chu” ngcembe emva kwaKhe, zicuphe onke amazwi awathethayo, ukuze zifumane nantoni angatyholwa ngayo. Ezona ngqondo zibukhali nezona zazichubekile zohlanga zazama ukumoyisa uKristu ngengxoxo. Xa bebuya emsebenzini beze kuphumla, babefika bediniwe, bedidekile bekwaphoxekile phambi kweTitshala yaseGalili. Imfundiso kaKristu yayinokuhlaziyeka namandla angazange aziwa ngaphambili. Neentshaba zaKhe zanyanzeleka ukuba zivume. “Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.” Yohane 7:46.UL 32.4

    Ubuntwana bukaYesu, awabuchitha elihlwempu, abuzange bonakaliswe yimikhwa engeyiyo yendalo yesizukulwana esonakeleyo. Esebenza ukuchwela, ethwele imithwalo yobomi bekhaya, efunda izifundo zokuthobela nokutsala nzima, wayefumana ukuphumla phakathi kwemiboniso yendalo, eqokelela ulwazi njengoko wayefuna ukuzazi iimfihlelo zendalo. Wayefunda ilizwi likaThixo, iiyure zolonwabo olukhulu kakhulu kuYe ezifumana xa athe gu bucala emsebenzini waKhe waya ezindle, ukuya kucamngca kwiintili ezipholileyo, ezizolileyo, apho wayesiba nonxibelelwano noThixo ecaleni lentaba okanye phakathi kwemithi yehlathi. Intatha-kusa ibikholisa ukumfumana ekwindawo eyodwa, ecamngca, ephengulula iziBhalo, okanye ethandaza. Wayesitsho ngezwi lomculo, esamkela ukukhanya kwemini. Ngeengoma zokubulela, wayeyolisa iiyure zomsebenzi waKhe azise uvuyo lwezulu kwabaqotywe ngumsebenzi nabantliziyo zaphukileyo.UL 33.1

    Ngexesha lokulungiselela kwaKhe, uYesu wayephila ubomi bangaphandle kwamasango ezindlu. Iihambo zaKhe ukuya phaya naphaya wayezihamba ngeenyawo, kanti ke, nokufundisa wayekwenza phandle. Ukuqeqesha abafundi baKhe, wayethanda ukuphuma kwisiphithiphithi sedolophu aye kwindawo ezithuleyo zamadlelo, njengezazihambelana nezifundo zokuthandekayo, ukholo, nokuzincama awayelangazelela ukubafundisa zona. Kwaye kuphantsi kwemithunzi yemithi yasecaleni lentaba, qelele kancinane kulwandle lwaseGalili, apho iShumi elinambini labizwa khona liba ngabapostile, nalapho yanikwa khona iNtshumayelo YaseNtabeni.UL 33.2

    UKristu wayekuthanda ukubabizela kuYe abantu, phantsi kwamazulu aluhlaza, kwibala elinengca ecaleni lentaba, okanye elunxwemeni ngasechibini. Apha, erhangqwe yimisebenzi yokudala kwaKhe, wayekwazi ukuzijika iingcinga zabo zisuke kwizinto ezenziweyo ziye kwezendalo. Ekukhuleni nasekuhlumeni kwendalo, kwakutyhiwa imithetho-siseko yobukumkani baKhe. Babesithi abantu xa bephakamisela amehlo abo ezindulini zikaThixo, babone imisebenzi emangalisayo yesandla saKhe, babe nako ukufunda izifundo ezibalulekileyo zenyaniso yezulu. Kwixesha elizayo, izifundo zeTitshala yezulu zaziye ziphindwe kubo zizinto zendalo. Ingqondo yayiye iphakanyiswe, ize intliziyo izuze ukuphumla.UL 33.3

    Abafundi ababekunye naYe emsebenzini waKhe, uYesu wayekholisa ukubakhulula okwexeshana, ukuba bahambele amakhaya wabo kwanokuphumla; kodwa kwakuba lilize ukuzama kwabo ukumsusa ekusebenzeni kwaKhe. Wayethabatha imini yonke elungiselela kwizihlwele ezazisiza kuYe, kuthi ngorhatya, okanye ngentatha-kusa ahambe aye kwingcwele yaKhe esezintabeni ukuba aye kuthetha noYise.UL 34.1

    Ukusebenza kwaKhe okuzingisileyo kunye nokungqubana notshaba kwanemfundiso yobuxoki yabafundisi kwakuye kumshiye edinwe eyimfe, kangangokuba umama waKhe nabantakwabo, kanti nabafundi ngokwabo, babesoyikela ukufikelela esiphelweni kobomi baKhe. Wayesithi kodwa xa ebuya kwiiyure zokuthandaza awayevala ngazo umsebenzi onzima wemini, baphawule ukuba unoxolo ebusweni baKhe, inkangeleko yodlamko nobomi namandla abonakala ewuzalise wonke umzimba waKhe. Kwiiyure awayezichitha eyedwa kunye noYise, wayebuya zonke iintsasa, ukuza kunika ukukhanya kwezulu ebantwini.UL 34.2

    Kwakusemva kokubuya kuhambo lovangelo lwabo lokuqala xa uYesu wathi kubafundi baKhe, Yithini gu bucala, nikhe niphumle okwethutyana. Abafundi babe buya bezaliswe luvuyo ngempumelelo abayizuzayo njengabavakalisi beendaba ezilungileyo, ukufumana kwabo iindaba zokufa kukaYohane umBhaptizi ngokubulawa nguHerode. Leyo yaba yintlungu embi nokudaniswa okukhulu. UYesu wayesazi ukuba, ngokuyeka ukuba umBhaptizi afele entolongweni, wayelucikide kakhulu ukholo lwabafundi. Ngenceba enovelwano, wabakhangela ubuso obulusizi nobuzaliswe ziinyembezi. Iinyembezi zazikho nakwawaKhe amehlo, naselizwini xa wayesithi, “Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinance.” Marko 6:31.UL 34.3

    Kufuphi neBhetesayida, kwicala langasentla kulwandle lwaseGalili, kwakukho ummandla owodwa, omhle luhlaza lwentwasahlobo, owawuyindawo yokuphumla kukaYesu nabafundi baKhe. Baphuma baya kule ndawo, becanda ichibi ngomkhombe. Bakwazi ukuphumla kule ndawo, bekude nesiphithiphithi sesihlwele. Abafundi babekwazi ukuphulaphula amazwi kaKristu, bengaphazanyiswa kukuhlaselwa nakukutyholwa ngabaFarisi. Babethembe ukonwabela ulwalamano lwabo kunye neNkosi yabo okwexeshana.UL 34.4

    Lalilifutshane kakhulu ixesha awayenalo uYesu ukuba alichithe nabo bathandekayo kuYe, kodwa yayixabiseke ngokukodwa kubo loo mizuzu imbalwa. Bathetha bebonke ngomsebenzi weendaba ezilungileyo nangendlela yokwenza ukuba ukusebenza kwabo kube nempumelelo ukuya kufikelela ebantwini. Wathi xa uYesu esandlala kubo ubutyebi benyaniso, bazaliswa ngamandla ezulu bakhuthazeka lithemba nokuqina.UL 35.1

    Kwathi kungekudala wakhangelwa sisihlwele. Bathi ngokucinga ukuba uyokuphumla kwindawo yaKhe yesiqhelo, abantu bamlandela ukuya apho. Ithemba laKhe lokuchitha nokuba yiyure nje enye laphazanyiswa. Phofu, ngaphakathi entliziyweni yaKhe ezaliswe luvelwano, lo Malusi Olungileyo womhlambi wayenothando nemfesane ngale miphefumlo ingenako ukuphumla nenxaniweyo. Imini yonke wayencedana nayo kwiintswelo zayo, kuthi ngokuhlwa ayindulule ukuba ibuyele emakhayeni iyokuphumla.UL 35.2

    Kubomi obabunikelwe ekulungelweni kwabanye, uMsindisi wabona kufanelekile ukuba akhe athi gu bucala kumsebenzi ongenaso isiqabu nokuhlangana neentswelo zoluntu, ukuba afumane ukuphumla nokuxhumana noYise. Sasisithi xa sisimka kuYe isihlwele, ahambe Yena aye ezintabeni, apho wayesithi, eyedwa kunye noThixo, awuphalaze umphefumlo waKhe ekuthandazeleni abo babulalekayo, benezono nezidingo.UL 35.3

    Xa uYesu wayesithi kubafundi baKhe isivuno sikhulu kwaye abasebenzi bambalwa, wayengathi kufuneka basebenze bangaze bayeke, kodwa wabayalela esithi, “Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.” Mateyu 9:38. Kubasebenzi baKhe abaqotywe ngumsebenzi namhlanje, kanye njengoko kwakunjalo kubafundi baKhe bokuqala, uthetha la mazwi ovelwano, “Yizani nina ngasese, . . . niphumle kancinance.”UL 35.4

    Bonke abaphantsi koqeqesho lukaThixo badinga iyure ezolileyo yokuxhumana nezabo iintliziyo, nendalo kwakunye noThixo. Kufuneka kubonakale kubo ubomi obungahambelani nehlabathi, amasiko alo, okanye izenzo zalo; ngoko ke badinga amava awodwa okuzuza ulwazi lwentando kaThixo. Kufuneka sithi ngabanye simve uThixo ethetha entliziyweni. Lakuba lithule lonke elinye ilizwi, silinde kwindawo ezolileyo phambi kwaKhe, ukuthula komphefumlo kulenza luvakale ngokucace kakhulu ilizwi likaThixo. uyasiyalela esithi, “Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.” Ndumiso 46:10. Kuko oku ukuzilungiselela wonke umsebenzi kaThixo okunempumelelo. Phakathi kwesihlwele esingxamileyo, nokubulaleka ngumsebenzi wobomi omninzi, othi ahlaziyeke ngolo hlobo uya kujikelezwa ngumoya wokukhanya noxolo. Uya kwamkela ukuzaliswa ngokutsha ngamandla asemzimbeni nawasengqondweni. Kuya kuphuma ebomini bakhe ivumba elimnandi aze abonakalalise amandla ezulu athi afikelele ezintliziyweni zabantu.UL 35.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents