Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulungiselelo Lomntu Ngamnye

    UKristu akazange alityeshele ithuba lokuvakalisa iindaba ezilungileyo zosindiso. Yiva amazwi waKhe amangalisayo kwintokazi eyayiyodwa yaseSamariya. Wayehleli equleni likaYakobi, ngexesha intokazi yayizokukha amanzi. Yamangaliswa kakhulu xa wayecela kuyo amanzi. “Ndiphe ndisele,” watsho. Wayefuna amanzi apholileyo, ekwanqwenelanokuvulaindlelaawayengathingayo ayinike intokazi amanzi obomi. “Uthini na wena,” itsho intokazi, “ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.” Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele, unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo. . . . Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe; ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.” Yohane 4:7-14.UL 16.4

    Hay’ indlela uKristu awabonakalalisa ngayo umdla omkhulu kule ntokazi! Indlela awayenyaniseke nanobuciko ngayo amazwi waKhe! Yathi le ntokazi yakuwava, yawushiya apho umphanda wayo, yaya emzini, isithi kubahlobo bayo, “Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na?” Sifunda ukuba kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi.” Iindima 29, 39. Ngubani ongayiqikelela impembelelo awayenzayo la mazwi ekusindisweni kwemiphefumlo kwiminyaka eyadlulayo ukususela ngelo lixa?UL 17.1

    Kuyo yonke indawo apho zithi zivuleke iintliziyo ukuba ziyamkele inyaniso, uKristu ukulungele ukuba azifundise. Utyhila kuzo uYise, nenkonzo eyamkelekileyo kuYe lowo oyifundayo intliziyo. Kwabanjalo akasebenzisi mizekeliso. Uthi kubo, njengoko wenzayo kwintokazi equleni, “Mna ndithethayo nawe ndinguye.”UL 17.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents