Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Injongo Eyodwa

    Ebomini bukaKristu, yonke into yenziwa ukuba ibe ngaphantsi komsebenzi waKhe, umsebenzi omkhulu wokuhlangula aweza ukuba awufeze. Kwakona oko kuzinikela kunye, ukuzilandula nokuzincama okunye, ukuzibeka ngaphantsi kwamabango elizwi likaThixo okunye, kufuneka kubonakale kubafundi baKhe.UL 405.3

    Wonke umntu omamkelayo uKristu njengoMsindisi wakhe uya kulilangazelela ilungelo lokumkhonza uThixo. Uya kuthi ngokucamngca ngoko izulu limenzele kona, intliziyo yakhe iqhutywe luthando olungenamda kunye nombulelo omnqulayo [uThixo]. Uzondelela ukuwubonisa umbulelo wakhe ngokuzinikela izakhono zakhe emsebenzini kaThixo. Ulangazelela ukubonisa uthando lwakhe kuKristu nakwabaKhe abathengiweyo. Unqwenela umsebenzi, ubunzima, nokuzincama.UL 406.1

    Kukho umfanekiso obonisa inkunzana yenkomo imi phakathi kwekhuba nesibingelelo, unombhalo othi, “Ndilungele nayiphi,” ilungele ukusebenza nzima efolweni [itsala ikhuba] okanye ukunikelwa phezu kwesibingelelweni sedini. Yimeko le yomntwana kaThixo onyanisileyo—ukulungela ukuya apho umsebenzi ubizayo, ukulandula umna, nokuzincama ngenxa yomsebenzi woMhlawuleli.UL 406.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents