Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukudingeka Kwemfundo Kwimithetho-Siseko Yempilo

    Imfundo kwimithetho-siseko yempilo ayizange yadingeka kakhulu kunangoku. Nangona sele kukho inkqubela emangalisayo kwimiba emininzi ngokubhekiselele kulonwabo nezinto ezidingekayo ebomini, nakwimiba yococeko nasekuphathweni kwezifo, ukuhla kwamandla omzimba nawokunyamezela kuyamangalisa. Kufuna ukuqwalaselwa ngabo bonke abakuthandayo ukuhlala kakuhle kwabanye abantu.UL 86.2

    Impucuko yethu yokuzenzela ikhuthaza ububi obuyintshabalalo kwimithetho-siseko ebhadlileyo. Isiko nesinxibo sexesha zisedabini nendalo. Izenzo ezifunwa zezi zinto, nokuziyekela ezikukhuthazayo, ziyawacutha kancinane amandla omzimba nawengqondo. Ezi ngqondo zahlukeneyo azinako ukuphathwa ngokufanayo; kanti, zizisephezu koluntu umthwalo onganyamezelekiyo. Ukungabikho kobungcathu nolwaphulo lomthetho, isifo nokubandezeleka, zikho kuyo yonke indawo.UL 86.3

    Abaninzi bayigqitha imithetho yempilo ngokungazi, kwaye badinga imfundiso. Phofu iqela elikhulu lazi ngcono kunokuba lisenza. Ngabantu abadinga ukuboniswa ngokubaluleka kokulwenza ulwazi ukuba lube sisikhokelo sobomi. Ugqirha unamathuba amaninzi okugqithisa ulwazi lwemithetho-siseko yempilo nokubonisa ukubaluleka kokuyenza. Ngokufundisa okulungileyo, unako ukwenza okuninzi ukulungisa ububi obunengozi enkulu kakhulu.UL 87.1

    Ukwenza okubeka isiseko semfumba yesifo kwakunye nomonakalo omkhulu kakhulu kukusetyenziswa ngokukhululekileyo kweziyobisi eziyityhefu. Xa behlaselwe sisifo, abaninzi abazihluphi ngokuphanda unobangela wesifo sabo. Ixhala labo elikhulu kukususa intlungu nokungonwabi. Basuka babalekele kumayeza athengiswayo, abazi kancinane kakhulu ngezinto agalelwe zona, okanye baye kugqirha bafune ichiza lokulwa isiphumo sokungemi kakuhle kwabo, kodwa bangacingi nto konke ngokwenza inguqu kwimikhwa yabo engenampilo. Ukuba abalungelwanga kwangoko, bazama elinye iyeza, nelinye emva koko. Buqhubeka njalo ke nobubi.UL 87.2

    Abantu badinga ukufundiswa ukuba amayeza ayobisayo awasiphilisi isifo. Kuyinyaniso ukuba maxa wambi ayakwazi ukunika isiqabu sexesha, aze ogulayo abonakale echacha ngenxa yokuwasebenzisa; oko kubangwa kukuba indalo inamandla aphilisayo awaneleyo ukuba agxothe ityhefu nokuba alungise iimeko ezibangele isifo. Impilo iyabuya nokuba asikho isiyobisi. Kwiimeko ezininzi, isiyobisi siguqula kuphela imo kunye nendawo yesifo. Amaxesha amaninzi igalelo letyhefu libangathi loyisiwe umzuzwana, kodwa iziphumo zihlala emzimbeni zize zenze umonakalo omkhulu kwixesha elilandelayo.UL 87.3

    Ngokusebenzisa amayeza ayobisayo ayityhefu, abaninzi baziphathela isigulo sobomi babo bonke, kwaye baninzi abalahlekwa bubomi babo nangona bebeya kusinda xa bekusetyenziswe iindlela zokuphilisa zendalo. zokuphilisa zendalo. Iityhefu ezifumaneka kokuninzi ekuthiwa ngamayeza zenza kubekho imikhwa nokuthanda ukutya okuthi kube yintshabalalo emphefumlweni nasemzimbeni. Amaninzi kumayeza athandwayo awenziwe ngabantu ekuthiwa akhuselekile, namanye ayobisayo akhutshwa ngoogqirha, asebenza ukubeka isiseko somkhwa wotywala, umkhwa wokudambisa iintlungu ngokuyobisa, okukhokelela ekubeni zibe sisiqalekiso ekuhlaleni.UL 87.4

    Ithemba ekuphela kwalo lezinto ezilungileyo lisekubeni abantu bafundiswe imithetho-siseko elungileyo. Oogqirha mababafundise abantu ukuba amandla ayibuyisayo impilo awakho kwiziyobisi, kodwa asendalweni. Isifo ngumzamo wendalo ukuhlangula umzimba kwimeko esisiphumo sokwaphulwa kwemithetho yempilo. Xa kukho ukugula, kufuneka kuqinisekiswe ngonobangela. Iimeko zokungaphili kufuneka ziguqulwe, imikhwa engalunganga ilungiswe. Emva koko kufuneka indalo ikhuthazwe kumzamo wayo wokukhupha ukungcola nokwakha ngokutsha iimeko ezilungileyo emzimbeni.UL 88.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents