Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukunyamezela Phantsi Kokoniwa

    “Kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa sisono? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.’ 1 Petros 2:20.UL 392.1

    Musaniukuphindezela. Kangangokoninokukwenza, makasuswe wonke unobangela wokungaqondani okanye wokungavisisani. Yiphepheni imbonakalo yobubi. Yenzali konke okusemandleni enu, ningasukanga kumthetho-siseko, ukuba nixolelane nabanye. “Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.” Mateyu 5:23, 24.UL 392.2

    Ukuba kuthethwa amazwi okungkwazi ukunyamezele kuwe, ungabokuze uphendule ngaloo moya mnye. Khumbula ukuba “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.” Kukho amandla amangalisayo ekuthuleni. Amazwi athethiweyo ukuphendula onomsindo, maxa wambi awuvuthisa ngakumbi umlilo. Wona umsindo ohlangatyezwe ngokuthula, ngomoya wothando nokunyamezela, ukhawuleza udambe.UL 392.3

    Phantsi koqhwithelo lwamazwi ahlabayo nagxekayo, yigcine ingqondo izinzile elizwini likaThixo. Ingqondo nentliziyo mazizaliswe zizithembiso zikaThixo. Ukuba uphethwe kakubi okanye utyholwa ngokungafanelekanga, endaweni yokubuyisela impendulo eshushu, zikhumbuze ngezithembiso ezixabisekileyo:UL 392.4

    “Musa ukoyiswa bububi, boyise ububi ngokulungileyo.” Roma 12:21.UL 392.5

    “Yiyekele kuYehova indlela yakho, ukholose ngaye; wokwenzela, abuvelise njengokukhanya ubulungisa bakho, nebango lakho njengemini enkulu.” INdumiso 37:5, 6.UL 392.6

    “Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa.” Luka 12:2.UL 392.7

    “Ukhwelise abantu entlokweni yethu; singene emlilweni nasemanzini; waza wasikhuphela endaweni enendyebo.” INdumiso 66:12.UL 392.8

    Sithambekele ekukhangeleni kubazalwana bethu ukuba basisizele basiphakamise, endaweni yokukhangela kuYesu. Kwinceba nokuthembeka kwaKhe, uThixo uyakholisa ukuvumela abo sibeke ithemba lwethu kubo ukuba basiphoxe, ukuze sifunde ubutyhakala bokuthembela emntwini siyenza inyama ingalo yethu. Masithembele ngokupheleleyo, ngokuthobekileyo, nokungalindeli mbuyekezo kuThixo. Uyazazi iintsizi esizivayokuse ezinzulwini zezibilini zethu, kodwa esingakwaziyo ukuzithetha. Xa zonke izinto zibonakala zimnyama zingenako ukuchazwa, masikhumbule amazwi kaKristu, “Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva.” Yohane 13:7.UL 393.1

    Funda imbali kaYosefu nekaDaniyeli. UYehova akazange akuthintele ukuceba kwamadoda awayefuna ukubenzakalisa; kodwa wenza ukuba onke la macebo asebenze okulungileyo kubakhonzi baKhe abathi, phakathi kokulingwa nokulwa balugcina ukholo lwabo nokunyaniseka kwabo.UL 393.2

    Lo gama sisesemhlabeni, siya kuhlangana neempembelelo ezichasayo. Kuya kubakho iingcaphukiso eziya kuthi zimvavanye umhendwa; kwaye kusekuqubisaneni nezi ngomoya olungileyo ezithi izibabalo zomKristu ziphuhle. Ukuba uKristu uhleli ngaphakathi kwethu, siya kuba nomonde, ububele, nokunyamezela, sichwayite phakathi kwezikhalazo neziphazamiso. Imihla ngemihla nomnyaka ngomnyaka siya koyisa umna, sikhule kubugorha obunesidima. Lo ngumsebenzi esiwubekelweyo; kodwa awunako ukufezwa ngaphandle koncedo lukaYesu, isigqibo esipheleleyo, injongo engagungqiyo, ukuqaphela ngamaxesha onke, kunye nokuthandaza kungayekwa. Elowo nalowo unedabi lakhe ekufuneka alilwe. NoThixo ngokwaKhe akanako ukuzenza zibe nendili izimilo ethu okanye ubomi bethu bube lulutho, ngaphandle kokuba sibe ngabasebenzi kunye naYe. Abo balayo ukungena edabini balahlekwa ngamandla novuyo loloyiso.UL 393.3

    Asidingi ukuba sigcine eyethu ingxelo yezilingo neenzima, izililo, neentsizi. Zonke ezi zinto zibhaliwe ezincwadini, laye izulu liza kuzigcina. Lo gama sibala izinto ezingamkelekanga, izinto ezininzi ezonwabisayo ekunokucingwa ngazo ziyadlula enkumbulweni, njengobubele obunenceba bukaThixo obusijikelezileyo wonke umzuzu kunye nothando ezimangalayo lulo iingelosi, olokuba uThixo wancama uNyana waKhe ukuba afele thina. Ukuba njengabasebenzi bakaKristu niziva ukuba ninamaxhala amakhulu nezilingo ezikhulu kunokuba zifikele abanye, khumbulani ukuba nina nibekelwe uxolo olungaziwayo ngabo bayibalekayo le mithwalo. Kukho intuthuzelo novuyo emsebenzini kaKristu. Ihlabathi malibone ukuba kuphila ubomi kunye naYe asikuko ukoyiswa.UL 393.4

    Ukuba aniziva nidlamkile ninovuyo, musani ukuhamba ngeemvakalelo zenu. Musani ukuphosa ithunzi phezu kobomi babanye. Inkolo ebandayo, engenalanga ayize iyitsalala imiphefumlo kuKristu. Iyigxothela kude kuYe kwizibatha uSathana azandlalele iinyawo zababhadulayo. Endaweni yokucinga ngezityhafiso zenu, cingani ngamandla eninokuwabanga egameni likaKristu. Iingcinga zenu mazikhokelelwe kokubonakalayo kothando olukhulu lukaThixo ngakuni. Ukholo malunyamezele ukulingwa, lumelane nesihendo, lunyamezele phantsi kokudaniswa. UYesu uhleli engumthetheli wethu. Konke okuzuzwa kukuthethelela kwaKhe kokwethu.UL 394.1

    Anicingi ukuba uKristu uyabaxabisa abo baphilela Yena ngokupheleleyo? Anicingi ukuba uyabavelela abo, njengoYohane oyintanda ekubhaceni, bathi, ngenxa yaKhe, bakwiindawo ezinzima neziluvavanyayo ukholo? UThixo akasokuze ayeke namnye kubasebenzi baKhe abanyanisekileyo ukuba ashiywe eyedwa, ukuba alwe neemeko ezichasayo ezinkulu aze oyiswe. Umgcina njengegugu elixabisekileyo wonke obomi bakhe bufihlwe kunye noKristu kuYe. Ngaye wonke onjalo uthi: “Ndiya [kuthi] ndikumise ngokomsesane wokutywina; kuba ndikunyule.” Hagayi 2:23.UL 394.2

    Thethani ke ngoko ngamadinga; thethani ngokulungela kukaYesu ukusikelela. Akasilibali nomzuzwana. Xa, zikho zinjalo iimeko ezingamkelekanga, siphumla sithembele kuthando lwaKhe, sizivalele kunye naYe, ingqondo okanye ingcamango yobukho baKhe iya kusikhuthazela ukuba sive uvuyo olunzulu noluzolileyo. UKristu wathi ethetha ngaYe: “Andenzi ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo. Lowo wandithumayo unam; uBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.” Yohane 8:28, 29.UL 394.3

    Ubukho bukaYise bajikeleza uKristu, akwenzeka nto kuYe ingeyiyo ngaphandle kwaleyo oluthe uthando lwaphakade lwayivumela ukuze ibe yintsikelelo yehlabathi. Yayiphuma apha intuthuzelo yaKhe, kanti neyethu ngokunjalo. Lowo uzaliswe nguMoya kaKristu uhleli kuKristu. Nokuba yintoni eza kuye ivela kuMsindisi, omjikelezileyo ngobukho baKhe. Akukho nto inokumchukumisa ngaphandle kwemvume yeNkosi. Konke ukubulaleka kwethu nentsizi zethu, zonke izihendo nezilingo zethu, lonke usizi nokukhala kwethu, zonke iintshutshiso nokungcungcuthekiswa kwethu, ngokufutshane, zonke izinto zisebenziselana nokwethu ukulungelwa. Wonke amava nazo zonke iimeko zingabasebenzi bakaThixo ekuthi ngabo kuziswe okulungileyo kuthi.UL 394.4

    Ukuba siyakuqonda ukusinyamezela kukaThixo, asiyi kufumaneka sibagxeka okanye sibatyhola abanye. Ngexesha uKristu wayephila emhlabeni, babeya kumangaliswa ngendlela engummangaliso abo baba naYe ukuba, emva kokuba eqhelene nabo, babethe bamva ethetha ilizwi nokuba linye lokubasola, nokubagxeka, okanye lokungakwazi ukubanyamezela. Masingaze silibale ukuba abo bamthandayo Yena bafale ukumela Yena ngesimilo.UL 395.1

    “Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele.” “Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.” Roma 12:10; 1 Petros 3:9.UL 395.2

    INkosi uYesu ifuna ukuba siwavume amalungelo omntu ngamnye. Amalungelo abantu ekuhlaleni, namalungelo abo njengamaKristu, kufuneka eqatshelwe. Bonke kufuneka baphathwe ngocoselelo nangokuthantanyiswa, njengoonyana neentombi zikaThixo.UL 395.3

    UbuKristu bumenza umntu ukuba abe linene. UKristu wayenayo imbeko, nakubatshutshisi baKhe; ngoko ke, abalandeli baKhe benene baya kubonakalalisa kwaloo moya mnye. Khangela uPawulos xa wayeziswe phambi kwabaphathi. Intetho yakhe phambi kuka-Agripa isisibonelo sembeko yenene kwakunye nobuciko oboyisayo. Iindaba ezilungileyo azikhuthazi nkcubeko iqhelekileyo yehlabathi, kodwa imbeko ephuma kububele benene bentliziyo.UL 395.4

    Asikaze sime sedwa. Nokuba siyamkhetha okanye asimkhethi, sinalo iqabane. Khumbula apho ukhona, nokuba uyenza, uThixo uhleli elapho. Akukho nto ithethwayo okanye yenziwayo okanye icingwayo enokumsithela angayigqali. Kulo lonke ilizwi lakho okanye isenzo unalo ingqina—uThixo ongcwele, osithiyileyo isono. Phambi kokuba uthethe okanye wenze, yithi rhoqo ukucinga oku. NjengomKristu, ulilungu losapho lwasebukhosini, umntwana ozalwa nguKumkani wamazulu. Ungathethi lizwi, ungenzi senzo, esiya kuzisa ihlazo phezu kwalo “igama elihle elo nabizwa ngalo.” Yakobi 2:7.UL 395.5

    Fundisisa isimilo sikaThixo-Mntu, uze usoloko uzibuza, “Wayeya kuthini uYesu endaweni yam?” Oku kumele ukuba ngumIinganiselo womthwalo wethu. Musa ukuzibeka ngokungenaso isidingo kumhlangano wabo bathi ngobuchule babo bayihluthe amandla injongo yakho yokwenza okulungileyo, okanye bakunike ibala kwisazela sakho. Musa ukuba nento yokwenza nabasemzini, esitratweni, ezinqweleni, ekhaya, okuya kuthi kube neyona mbonakalo incinane yobubi. Yenza into yonke imihla ukuphuhlisa, uhlobise, uphakamise ubomi athe uKristu wabuthenga ngelilelaKhe igazi.UL 396.1

    Ngamaxesha wonke sebenza uqhutywa ngumthetho-siseko, kungaze kube ngumfutho nje. Kunqande ukungxama kwakho kwendalo yakho ngobulali nobubele. Ungaziyekeli ekubeni lula okanye ekudlaliseni. Makungabikho ukuqhula okuphantsi okuphuma emilebeni yakho. Kwaneengcinga akufuneki ukuba zivunyelwe zidakase zingalawulwa. Kufuneka zilwawule, zibekwe zibe phantsi kokuthinjwa kokuthobela uKristu. Mazibekwe phezu kwezinto ezingcwele. Kuya kuthi, ke ngoko, ngobabalo lukaKristu, zibe nyulu zibe yinyaniso.UL 396.2

    Sidinga ukuba nengqondo yamandla awenza isidima neengcinga ezinyulu. Inkuseleko ekuphela kwayo yomphefumlo kukucinga ngendlela elungileyo. “Njengoko umntu ecinga entliziyweni yakhe, unjalo ke.” IMizekeliso 23:7 [inkcazo-ntetho ngoguqulayo] . Amandla okuzithiba omelezwa kukusetyenziswa. Oko ekuqalekeni bekubonakala kunzima, ngokukuphindaphinda rhoqo kuya kubalula, zide iingcinga ezilungileyo nezenzo ziqheleke. Ukuba siyavuma, singakususa konke okuyinkunkuma nokuphantsi, sinyukele kumgangatho ongasentla; singahlonitshwa ngabantu sithandwe nanguThixo.UL 396.3

    Khulisa umkhwa wokuthetha kakuhle ngabanye. Gxila kwiimpawu ezilungileyo zabo uhlangana nabo, uzibone kancinane ukuba unako, iziphoso nokusilela kwabo. Xa ulingeka ukuba ukhalaze ngento ethethwe okanye eyenziwe ngomnye, yiba nento oyincomayo ebomini baloo mntu okanye esimilweni sakhe. Khulisa ukuba nombulelo. Mbonge uThixo ngothando lwaKhe olumangalisayo ekunikeleni ngoKristu ukuba asifele. Akuncedi nto konke ukucinga ngezikhalazo zethu. UThixo ufuna kuthi ukuba sicinge ngenceba yaKhe nothando lwaKhe olungenamlinganiselo, ukuze sikhuthazwe yindumiso.UL 396.4

    Abasebenzi abanyanisekileyo abanalo ixesha lokuhlala bexoxa ngeemposiso zabanye. Asikwazi ukuphila ngamakhatshu eemposiso nokusilela kwabanye. Ukuthetha kakubi kusisiqalekiso esintlantlu-mbini, esiwa ngamandla kakhulu phezu kothethayo kunalowo uphulaphuleyo. Lowo uhlwayela imbewu yokungavani nengxabano uvuna emphefumlweni wakhe iziqhamo ezibulalayo. Sona isenzo esi sokukhangela ububi kwabanye sikhulisa ububi kwabo bakhangelayo. Ngokuhlala kwiziphoso zabanye, siguquka sibe ngumfanekiselo wabo. Kanti ke, ngokukhangela kuYesu, sithethe ngothando lwaKhe nangokufezeka kwesimilo saKhe, siyaguquka sibe ngokomfanekiselo waKhe. Ngokucamngca ngemigangatho okanye imifuziselo ephakamileyo ayibeke phambi kwethu, siya kuphakanyiselwa phezulu kumoya ococekileyo nongcwele, kanye phambi kukaThixo. Ukuba sithi sihlale apha, kuya kuphuma kuthi ukukhanya okunabela kubo bonke abahlangene nathi.UL 397.1

    Endaweni yokugxeka nokugweba abanye, yithi, “Kufuneka ndisebenze olwam usindiso. Ukuba ndiyasebenzisana naYe olangazelela ukusindisa umphefumlo wam, kufuneka ndizilinde ngenkuthalo. Kufuneka ndibususe ububi ebomini bam. Kufuneka ndisoyise sonke isiphosiso. Kufuneka ndibe sisidalwa esitsha kuKristu. Emva koko, endaweni yokubatyhafisa abo bazamana nokulwa ububi, ndinganako ukubomeleza ngamazwi akhuthazayo.” Sifumaneka singakhathalelani kakhulu singabanye ngabanye. Amaxesha amaninzi siyalibala ukuba abasebenzi kunye nathi badinga amandla nenkuthazo. Makukhuthalelwe ukwenza ukuba baqiniseke ngomdla novelwano lwenu. Mabancediswe ngemithandazo yenu, nibenze bazi ukuba niyakwenza oko.UL 397.2

    Asingabo bonke abazibiza ngokuba bangabasebenzi bakaKristu abangabafundi abanyanisileyo. Phakathi kwabo banegama laKhe, nabade babalwe kunye nabasebenzi baKhe, bakho abammeleyo ngesimilo. Abalawulwa yimithetho-siseko yaKhe. Aba bantu bakholisa ukubanga isiphithiphithi nokutyhafa kwabanye abasebenzi kunye nabo, abasebatsha kumava obuKristu; kodwa sekunjalo, akudingeki ukuba kubekho abalahlekiswayo. UKristu usinike umzekelo ogqibeleleyo. Uthi masilandele Yena.UL 398.1

    Kuya kude kube sekupheleni kwexesha, ukho umdiza phakathi kwengqolowa. Xa abakhonzi bomninikhaya, kwinzondelelo yabo yokumnika imbeko, becela imvume yokuncothula umdiza, inkosi yathi: “Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. Yekani kukhule kokubini, kude kube sekuvuneni.” Mateyu 13:29, 30.UL 398.2

    Kwinceba yaKhe nokuzeka kade umsindo, uThixo unyamezele ngomonde abagwenxa nabantliziyo zizele yinkohliso. Phakathi kwabapostile ababenyulwe nguKristu kwakukho uYuda Iskariyoti umngcatshi. Ingaba ke iyinto yokothukwa ukuba kubekho abantliziyo zizele yinkohliso phakathi kwabasebenzi baKhe namhlanje? Ukuba Lowo uzifundayo iintliziyo wamnyamezela ukuba abe kunye naYe lo wayemazi ukuba ungumngcatshi waKhe, lungakanani unyamezelo esimele ukuba nalo thina ngakwabo bonayo!UL 398.3

    Kanti ke, asingabo bonke, nakwabo babonakala besemposisweni, abafana noYuda Iskariyoti. UPetros, isityhuthutyhuthu, isingxami, esizithembileyo, wayekholisa ukubonakala ekwimeko embi kakhulu ngaphezu kukaYudas wayenjalo. Wayengxoliswa rhoqo nguMsindisi. Noko kunjalo, ubomi bokusebenza nokuzincama wayenabo! Ubungqina obunjalo obububonisayo ngamandla obabalo lukaThixo! Kangangoko sinako, kufuneka kwabanye sibe yile nto wayeyiyo uYesu kubafundi baKhe ngexesha wayehamba ethetha kunye nabo emhlabeni.UL 398.4

    Zithabatheni njengabavangeli, ngaphambi kwako konke, phakathi kwabasebenza kunye nani. Kuye kufuneke ixesha elininzi nomkhulu umsebenzi ukuzuzela uKristu umphefumlo omnye. Uthi ke umphefumlo wakusishiya isono uze ebulungiseni, kubekho uvuyo phambi kweengelosi. Ingaba nicinga ukuba imimoya elungiselelayo elinde le miphefumlo iyaneliseka kukubona ukuphathwa kwayo ngokungakhathali ngabanye abazibiza ngokuba bangamaKristu? Ukuba uYesu ebengasiphatha ngale ndlela nathi esiphathana ngayo omnye nomnye, ngubani obeya kusindiswa?UL 398.5

    Khumbula ukuba akukwazi ukufunda iintliziyo. Akuzazi iinjongo ezivuselele izenzo wena ocinga ukuba azilunganga. Baninzi abangakhange bayifumane imfundo elungileyo; abazimilo zabo zigobileyo, banzima kwaye barhabaxa, babe bebonakala begoso ngandlela zonke. Kanti sekunjalo, ubabalo lukaKristu lunako ukubamisa ngenye indlela. Ungaze ubalahlele ecaleni, ungaze ubagxothele ekutyhafeni okanye ekuphelelweni lithemba, ngokuthi, “Undiphoxile, kwaye andisayi kuphinda ndizame ukukunceda.” Amazwi ambalwa athethwe ngokukhawuleza phantsi kokucaphuka—le nto kanye sifuna bayibone—angaziqhawula iintambo zempembelelo ebezinokuqamangela iintliziyo zabo kwezethu.UL 399.1

    Ubomi obuzingisileyo, ukunyamezela okunomonde, umoya ongonakaliyo wakucatshukiswa, yeyona ngxoxo yoyisayo nesona sibheno sinendili eso. Ukuba ubukhe wanawo amathuba noncedo angakhange afunyanwe ngabanye abaninzi, kuqaphele oku, uze uhlale uyititshala elumkileyo, enononophelo, enobulali.UL 399.2

    Ukuze udongwe luthabathe umfanekiso ocacileyo noqinileyo wetywina, akulibaleki itywina phezu kodongwe ngokungxama, nangokungakhathali; ulicinezela ngocoselelo kolu dongwe lude udongwe luwuthabathe umbhalo okanye umfanekiso okwitywina. Yiphathe ngolo hlobo imiphefumlo engabantu. Ukuqhubeka kwempembelelo yobuKristu kuyimfihlelo yamandla abo, kwaye oku kuxhomekeke ekuzinzeni kokubonakalalisa kwakho isimilo sikaKristu. Bancede abonileyo ngokubaxelela amava wakho. Babonise indlela, owathi wakwenza iimpazamo ezinkulu, umonde, ububele, nokuba luncedo kwabazalwana osebenza nabo, konke kwakunika ukuqina nethemba.UL 399.3

    Koda kube ngomgwebo singayazanga impembelelo yekhondo lobubele nokunakekela ngakwabangazinzanga, abangakhathaliyo, nabangafanelekanga. Xa sihlangana nabangenawo umbulelo nabangcatshi bokuthenjwa kokungcwele abakugcinisiweyo, siyothuka sibonise ukudela okanye ingqumbo yethu. Bakulindele oku abo banetyala; bakulungele futhi. Kanti ke ukunyamezela ngobubele kuyabamangalisa kuthi maxa wambi kubavusele imvakalelo ezingcono kuvuse kubo ulangazelelo lobomi obunendili.UL 399.4

    “Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo nonomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe. Thwalisanani ubunzima, ize, ngokunjalo, niwuzalise umthetho kaKristu.” Galati 6:1, 2.UL 400.1

    Bonke abazibiza ngokuba bangabantwana bakaThixo kufuneka bayifake engqondweni into yokuba, bengabavangeli baya kuhlangana nazo zonke iindidi zeengqondo ngeengqondo. Zikho ezichubekileyo nezirhabaxa, ezithobekileyo nezikhukhumeleyo, ezikholwayo nezinentandabuzo, ezifundileyo nezingafundanga, ezityebileyo nezingamahlwempu. Ezi ngqondo zahlukeneyo azinako ukuphathwa ngokufanayo; kanti zonke zifuna ububele novelwano. Ngokuhlangana enye nenye iingqondo zethu zinokuzuza ukugudiswa nokucoleka. Sixhomekeke omnye komnye, siqanyangelwe kunye ngamaqhina obuzalwana bobuntu.UL 400.2

    “Izulu lenze omnye axhomekeke komnye,
    Inkosi okanye isicaka okanye umhlobo,
    Elowo ucela komnye uncedo,
    Bude ubuthakathaka bomnye bukhule
    Bube ngamandla wabo bonke.’
    UL 400.3

    Kungokwalamana kwabantu obuthi ubuKristu bufikelele kwihlabathi. Yonke indoda nentokazi eyamkele ukukhanya kwezulu kufuneka ikuthumele ukukhanya kwindlela emnyama yabo bangaqhelananga nendlela engcono. Amandla okuhlala nabantu, engcwaliswe nguMoya kaKristu, kufuneka aphuhle ekuziseni imiphefumlo kuMsindisi. UKristu akufuneki afihlwe kude entliziyweni ngokobutyebi obubawelwayo, bungcwele bumnandi, ukuba bonwatyelwe kuphela ngulowo unabo. Kufuneka sibe naye uKristu ngaphakathi kwethu njengequla lamanzi, ampompozela kubomi obungunaphakade, ehlaziya bonke abahlangana nathi.UL 400.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents