Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    [Imithetho] Yokunqanda

    Umntu ozifake kumkhwa wokusebenzisa iziyobisi ezinxilisayo ukwimeko embi kakhulu. Ubuchopho bakhe butyhefekile, amandla engqondo abuthakathaka. Ngokwawo nawaphi amandla kuye ngaphakathi kwakhe, ilithe lakhe alilawuleki. Akukwazeki ukuzathuza naye okanye oyiselwe ukuba azilandule. Uthi etsalelwe emihadini yobubi, lowo obenze isigqibo sokuyeka ukusela asuke akhokelelwe ekuphindeni athabathe iglasi kwakhona, athi ngethamo nje lokuqala lwesiselo esinxilisayo, sonke isigqibo ebesenziwe, sibhukuqwe, konke obekusasele okuhle kutshabalale. Ngencasa nje encinane yethamo eliphambanisayo, yonke ingcinga yeziphumo zalo isuka inyamalale. Umfazi ontliziyo yaphukileyo uyalityalwa. Utata olinxila akasakhathali ngokulamba nokuhamba ze kwabantwana bakhe. Ngokukhutshwa kwemvume yokuthengisa utywala, umthetho unika imvume koku kuwa komphefumlo ube usala ukunqanda ishishini elizalise umhlaba wonke ngobubi.UL 268.3

    Ingaba oku kufuneka kuhlale kusenzeka? Ingaba imiphefumlo iya kuhlala ilwela uloyiso, ube umnyango wesihendo uvulwe genge phambi kwayo? Ingaba kufuneka isiqalekiso sokungabi nabungcathu kufuneka sihleli ngonaphakade njengesibetho phezu kwehlabathi elichubekileyo? Ingaba kufuneka siqhubeke nokutshayela, yonke iminyaka, njengomlilo otshabalalisayo phezu kwamawaka-waka kwamakhaya awonwabileyo? Xa inqanawa yaphukile ibonakala elunxwemeni, abantu ababukeli nje bangenzi nto. Babubeka ubomi babo esichengeni ukuzama ukuhlangula amadoda nabafazi kwingcwaba lamanzi. Kungakanani ke ukuba kukhulu okufunekayo ukuzama ukubahlangula kwisiphelo senxila!UL 269.1

    Asikuphela kwenxila nosapho lwalo ababekwe engozini ngumsebenzi womthengisi wotywala, ikwanguwo nomthwalo wendleko embi kakhulu eziswa kukuthengiswa kwabo ekuhlaleni. Sonke sithungelene kunye kwingubo yoluntu. Ububi obuwela nayiphi indawo yobuzalwana obukhulu boluntu buzisa ingozi kubo bonke.UL 269.2

    Amadoda amaninzi, ngokuthanda ingeniso okanye ukuhlala kakuhle awakhathali ngoko kuzuzwa ngokunqandwa kokuthengiswa kotywala, kude kuthi, sekusemva kakhulu, intengiso ibe nento yokwenza nawo. Iqala indoda ibone abayo abantwana beyotywa besonakala. Ubundlobongela buyandlondlobala. Impahla isengozini. Ubomi abukhuselekanga. Iingozi elwandle nasemhlabeni ziyanda. Izifo ezikhula kwiindawo ezimdaka nasebugxwayibeni zingena kumabhotwe namakhaya anobuyokoyoko. Ububi bukhuthazwa ngabantwana bamatheko okunxila nokwaphulwa komthetho kungena koonyana neentombi kwiintsapho eziphucukileyo nezichubekileyo.UL 269.3

    Akakho umntu omdla wakhe ekuthengiseni utywala ungezi nengozi. Akakho umntu ofanele ukuthi, ngenxa yeyakhe inkuseleko, azimisele ukuba awutshabalalise loo mdla.UL 269.4

    Ngaphezu kwazo zonke ezinye iindawo ezinokwenza nokufanele okwasemhlabeni kuphela, amaziko olawulo nasezinkundleni zobulungisa, zifanele ukuba zibe kude nesiqalekiso sokungabikho kobungcathu. Iirhuluneli, abenzi bomthetho, abameli, abagwebi, amadoda awenza amise imithetho yesizwe, amadoda aphethe ezandleni zawo ubomi, udumo oluhle, nezinto zonke zabanye abantu, afanele ukuba ngamadoda anobungcathu obungqongqo. Kungaloo ndlela kuphela ezinokuthi iingqondo zawo zibekrelekrele ukukwazi ukwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga. Kungaloo ndlela kuphela anokuthi abe nokuqina kumthetho-siseko, nobulumko bukwenza ngobulungisa nokubonisa uvelwano. Phofu, imi njani yona ingxelo? Mangaphi kuwo la madoda angqondo zawo zinenkungu, angqiqo zokulungileyo nokugwenxa ziphitheneyo, ngenxa yesiselo esinxilisayo! Mingaphi imithetho yengcinezelo eyenziwayo, bangaphi abantu abamsulwa abagwetyelwa ukufa, ngenxa yentswela-bulungisa yabenzi bomthetho, amangqina, amalungu equmrhu labagwebi, amagqwetha, kwakunye nabagwebi! Baninzi “abangamagorha okusela iwayini,” nabo “abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo,” “abathi okubi kulungile, okulungilelyo kubi; “abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo; ubulungisa bamalungisa babususe kuwo!” Ngabanjalo uthi uThixo:UL 269.5

    “Yeha, . . .
    Njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza,
    Nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni:
    Kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba
    njengento evundileyo,
    Nentyatyambo yabo inyuke njengothuli;
    Kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi,
    Bayigiba intetho yOyingcwele kaSirayeli.”
    UL 270.1

    Isaya 5:22-24.

    Ukuhlonitshwa kukaThixo, ukuzinza kwesizwe, ukuphila koluntu, kwekhaya, komntu, kudinga ukuba kwenziwe wonke umzamo wokubavusa abantu babubone ububi bokungabi nabungcathu. Kungekudala siza kuzibona iziphumo zobu bubi boyikekayo singaziboniyo ngoku. Ngubani oza kwenza unako-nako wokunqanda lo msebenzi wentshabalalo? Ukuza kuthi ga ngoku, idabi alikaqali. Makuyilwe umkhosi wokunqanda ukuthengiswa kweziselo eziyobisayo ezibaphambanisayo abantu. ingozi yokuthengiswa kotywala mayibekwe icace kuze kuvuselelwe uluntu ukuba lunyanzelise ukuthintelwa kokuthengiswa kwabo. Amadoda aphanjaniswe kukunxila mawanikwe ithuba lokusinda kubukhoboka akubo. Ilizwi lesizwe malinyanzelise abenzi bomthetho ukuba bayinqandele nengiso ilihlazo.UL 270.2

    “Hlangula abasiwa ekufeni;
    Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande,
    Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko:
    Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na?
    Umgcini womphefumlo akakwazi na?
    Nokuba “Niya kuthini xa enohlwaya?”
    UL 271.1

    Imizekeliso 24:11, 12; Yeremiya 13:21, NKJV.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents