Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    ISayensi Ekufuneka Yaziwe Kakhulu

    Kukho isayensi yobuKristu ekufuneka yaziwe—isayensi enzulu kakhulu, ebanzi, ephakamileyo kunayo nayiphi isayensi yabantu njengoko amazulu ephakame kakhulu kunomhlaba. Ingqondo kufuneka ilawulwe, isindiswe, iqeqeshwe; kuba kufuneka sisebenzele uThixo umsebenzi ngeendlela ezingahambelaniyo nokukekela esizalwe nako. Imfuzo nemikhwa efundiweyo ukwenza ububi kufuneka ezo zinto zoyisiwe. Kuye kufuneke ukuba imfundo noqeqesho lwexesha lokuphila lulahlwe, ukuze ubani akwazi ukuba ngumfundi esikolweni sikaKristu. Iintliziyo zethu zimele zifundiswe ukuba zime zizinze kuThixo. Kufuneka senze imikhwa yengcinga eya kusenza ukuba simelane nezihendo. Simele sifunde ukukhangela phezulu. Imithetho-siseko yelizwi likaThixo—imithetho-siseko ephakame njengezulu, negubungele wonke unaphakade—kufuneka siyiqonde ngegalelo layo ebomini bethu bemihla ngemihla. Sonke isenzo, lonke ilizwi, yonke ingcinga, kufuneka ivumelane nale imithetho-siseko. Konke kufuneka kwenziwe kuhambelane naYe, kube ngaphantsi kwaKhe uKristu.UL 364.3

    Izipho ezixabisekileyo zikaMoya Oyingcwele azikhuliswa ngomzuzu. Isibindi, ukuqina, ubulali, ukholo, ukuthemba amandla kaThixo okusindisa okunagungqiyo, ezo zinto kufuneka zizuzwe ngamava eminyaka. Ngobomi bomzamo ongcwele nokubambelela kokulungileyo, abantwana bakaThixo bayasitywina isiphelo sabo.UL 364.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents