Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umvangeli Ongugqirha Wenene

    1—Umzekelo Esinawo

    INkosi yethu uYesu Kristu yeza kulo mhlaba ingumkhonzi ongakruqukanga zizidingo zoluntu. Yena “wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu,” ukuze alungiselele kuzo zonke izidingo zoluntu. Mateyu 8:17. Umthwalo wesifo nenkxwaleko kunye nesono, yeza ukuze azisuse. Ngumsebenzi awayezele wona ukuzisa ebantwini ukubabuyisela ngokupheleleyo; weza ukuba abanike impilo noxolo nesimilo esifezekileyo.UL 11.1

    Zazahlukene kakhulu iimeko nezidingo zabo babefuna uncedo lwaKhe, engekho owemka kuYe engalufumananga uncedo. Kwakumpompoza kuYe umsinga wamandla aphilisayo, baza abantu baphiliswa emzimbeni, engqondweni nasemphefumlweni.UL 11.2

    Umsebenzi woMsindisi wawungaphelelanga kwixesha okanye kwindawo eyodwa. Imfesane yaKhe yayingenamida. Wawunabisa ngokubanzi umsebenzi waKhe wokuphilisa nokufundisa, kangangokuba, kwakungekho sakhiwo ePalestina esasisikhulu ngokwanelyo ukuba samkele izihlwele ezazibuthelana kuYe. Kumathambeka eenduli eziluhlaza zaseGalili, kwindledlana ekwakuhanjwa kuzo, ngaselunxwemeni lolwandle, ezindlwini zesikhungu, nakuzo zonke ezinye iindawo apho abagulayo babenokuziswa kuYe, zazilapho izibhedlela zaKhe. Kwizixeko zonke, kuzo zonke iidolophu, nayo yonke imizi, iindawo awayedlula kuzo,wayebeka izandla kwabahlaselwe zizifo abaphilise. Kuzo zonke iindawo apho kwakukho iintliziyo ezilungele ukusamkela isigidimi saKhe, wabathuthuzela ngokubaqinisekisa ngothando lukaYise osemazulwini. Imini yonke wayelungiselela kwabo beza kuYe; kuze kuthi kwakuhlwa anike ingqwalaselo kwabo babesebenza imini yonke ukuba bazuze okuncinane kokuxhasa iintsapho zabo.UL 11.3

    UYesu wathwala ubunzima bomthwalo owoyikekayo woxanduva lokusindiswa koluntu. Wayesazi ukuba, ingekho inguquko epheleleyo kwimithetho-siseko neenjongo zohlanga loluntu, lonke uluntu luya kulahleka. Oku kwabangumthwalo onzima kumphefumlo waKhe, kwaye kungekho uwuqondayo umthwalo onzima othe zinzi phezu kwaKhe. Kususela ebuntwaneni baKhe, ebutsheni, nasebukhulwini wayeyinkomo edla yodwa. Kanti ke kunjalo, kwakufana nokuba sezulwini ukuhlangana naYe. Imihla ngemihla wayehlangana nezilingo nezihendo; imihla ngemihla wayequbisana nenkohlakalo awabone amandla ayo phezu kwabo wayezama ukuba sikelela abasindise. Kanti sekunjalo akazange asilele okanye atyhafe.UL 12.1

    Kuzo zonke izinto wayewufaka phantsi koxinzelelo olukhulu lokuthobela oko wayezele kona ulangazelelo lwaKhe. Wabuzukisa ubomi baKhe ngokwenza ukuba konke ukuphila kwaKhe kulawulwe yintando kaYise. Kwakha kwathi eselula, wafunyanwa ngunina kwisikolo soorabhi, wathi kuYe, “Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje?” waphendula, -- impendulo eyabethelela isikhonkwane kumsebenzi wabo bonke ubomi baKhe, -- “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?” Luka 2:48, 49.UL 12.2

    Ubomi baKhe babukukuzincama ngamaxesha onke. Wayengenalo ikhaya kulo mhlaba ngaphandle kwendawo awayeyifumana ngokwenzelwa imfesane ngabahlobo njengomhambi. Weza ukuze athi, ngenxa yethu, aphile ubomi belona hlwempu lilusizi nokuba ahambe asebenze phakathi kwabasweleyo nababulalekayo. Engamkelekanga, engahlonitshwa, wayephuma engena phakathi kwabantu awabenzela okukhulu kakhulu.UL 12.3

    Wayesoloko enenzondelelo nolonwabo, baza abahlaselwe yintlupheko bamamkela njengomthunywa wobomi noxolo. Wazibona izidingo zamadoda nabafazi, abantwana nolutsha, waza wabamema bonke, “Yizani kuM nonke.”UL 12.4

    Ngexesha lokusebenza kwaKhe, uYesu wachitha ixesha elininzi ephilisa abagulayo ngaphezu kokushumayela. Imimangaliso yaKhe yayingqinelana nenyaniso yamazwi waKhe awayesithi akeze kutshabalalisa koko, uze kusindisa. Kuyo yonke indawo awayesiya kuyo, iindaba zemfesane yaKhe zazinkqenkqeza ngaphambili. Apho wayedlule khona, abo wayebenzele imfesane babevuya bephilile bezamazamana namandla amatsha abawafumanayo. Izihlwele zazibuthelana kubo abo ukuba zizivele ngokwazo abakuthethayo ngemisebenzi eyenziwe yiNkosi. Abaninzi babeqala ngqa ukuva ilizwi; igama laKhe iligama lokuqala abakwazi ukulithetha; beqala abanye ukubona ubuso [bomntu]. Babeza kuthini ke ukungamthandi bamdumise uYesu? Ukudlula kwaKhe kwiidolophu nezixeko kwakufana nomsinga ophilisayo, ofaka ubomi kwanovuyo. Umhlaba wakaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali,
    Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,
    WaseGalili yeentlanga,
    Abantu abo bahleli ebumnyameni
    Babone ukukhanya okukhulu;
    Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa
    Bavelelwe kukukhanya.
    UL 12.5

    Mateyu 4:15, 16

    UMsindisi wawenza umsebenzi wokuphilisa ithuba lokutyala imithetho-siseko yezulu ezingqondweni nasemiphefumlweni. Le yayiyinjongo yomsebenzi waKhe. Waphisa ngeentsikelelo zasemhlabeni, ukuze azithobele ekubeni zimphulaphule iintliziyo zabantu zize zikwazi ukuzamkela iindaba ezilungileyo zobabalo lwaKhe.UL 13.1

    UKristu wayengahlala kweyona ndawo iphezulu phakathi kweetitshala zohlanga lwamaYuda, kodwa wakhetha ukuba ayise igospile kumahlwempu. Waya kwiindawo ngendawo, ukuze abo basezindleleni nakwiindledlana bawave amazwi enyaniso. Izwi laKhe lavakala lizichaza iziBhalo ngaselwandle, ecaleni lentaba, ezitratweni zesixeko, nasezindlwini zesikhungu. Wayekholisa ukufundisa kwintendelezo yangaphandle yetempile, ukuze abeeNtlanga bawave amazwi waKhe.UL 13.2

    Imfundiso kaKristu yayingafani kakhulu neenkcazelo zesiBhalo ezazinikwa ngababhali nabaFarisi, kangangokuba yazithimba iingqondo zabantu. Abafundisi babehleli kwisithethe, kwimfundiso nobuciko babantu. Lonke ixesha kwakubekwa oko kwakufundiswe kwabhalwa ngabantu ngesiBhalo endaweni yesiBhalo ngokwaso. Umxholo wemfundiso kaKristu wawulilizwi likaThixo. Wayequbisana nababuzayo ngokucacileyo ngokuthi, “Kubhaliwe,” “Sithini isiBhalo?” “Nifunda njani?” Ngalo lonke ixesha ekwakuthi kukhule umdla kumhlobo okanye kutshaba, wayelithetha ilizwi. Wayesivakalisa isigidimi seendaba ezilungileyo ngokucacileyo nangamandla. Amazwi waKhe anika ukukhanya kwiinfundiso zamanyange nabaprofeti, zaza iziBhalo zafika ebantwini zinjengesityhilelo esitsha. Abo bamvayo abazange ngaphambili babuva ubunzulu obunjalo bentsingiselo yelizwi likaThixo.UL 13.3

    Akazange wakho umvangeli onjengoKristu. Wayeyingangamsha yezulu, kodwa wazithoba wathabatha indalo yethu, ukuze ahlangabezane nabantu kwindawo abakuyo. Kubo bonke abantu, izityebi namahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, uKristu, uMthunywa womnqophiso, wazisa iindaba zosindiso. Udumo lwaKhe njengoMphilisi omKhulu lwayizalisa yonke iPalestina. Abagulayo beza kwiindawo awayeza kudlula kuzo, ukuze bafune kuYe uncedo. Kweza apho nabanqwenela ukuva amazwi aKhe kwakunye nokuchukunyiswa sisandla saKhe. Wenza njalo ukuya kwimizi ngemizi, kwidolophu ngedolophu, eshumayela iindaba ezilungileyo ekwaphilisa nabagulayo—uKumkani wozuko ekwingubo yobuntu.UL 14.1

    Waya kwiminyhadala yesizwe, wathi, kwizihlwele ezingqondo zazo zazizaliswe ngumbhiyozo wezinto ezibonwayo, wathetha ngezinto zasezulwini, etyhila unaphakade phambi kwabo. Wazisa kubo bonke iindyebo eziphuma kuvimba wobulumko. Wathetha nabo ngolwimi olulula ukuze bangoyiswa kukumqonda. Ngeendlela ezizezaKhe, wabanceda bonke abaselusizini nasezintlungwini. Ngemfesane enobubele nembeko, wakhathalela abamiphefumlo izaliswe sisono, ezisa kubo impiliso namandla.UL 14.2

    Njengentshatsheli kwiititshala, wazama ukungena ebantwini ngendlela yabona bantu baqhelene nabo. Wayibeka inyaniso ngendlela eyenza ukuba kuthi kwabo babemphulaphule, ihlale ihleli iphinyelene nezona zinto bazikhumbulayo nabazithandayo. Wafundisa ngendlela eyayibenza bakuve ukuphelela kokuzimanya kwakhe nabakuthandayo kwanolonwabo lwabo. Imfundiso yaKhe yayingqalile, imizekeliso yaKhe ivakala ifanelekile. Amazwi waKhe ayenovelwano esonwabisa, abathimba abo baphulaphuleyo. Ukucaca ngokulula nokunyaniseka kwentetho yaKhe kwabo basweleyo, kwalenza ngcwele igama ngalinye alithethayo.UL 14.3

    Yek’ indlela obabuxakeke ngayo ubomi baKhe! Imihla ngemihla wayebonwa engena apho kugquba intswelo nosizi, enika ithemba kwabasingelwe phantsi noxolo kwabanoxinzelelo. Wathi ngothando, ngovelwano, nosizi, wajikeleza ebakhuthaza abaqobekileyo, ebathuthuzela abasentlungwini. Naphi na apho wayesiya khona, wayephatha intsikelelo.UL 15.1

    Kwangeli xesha asebenzela abahluphekileyo, uYesu wayefunda iindlela zokufikelela kwizityebi. Wayezama ukuqhelana nabaFarisi ababezizityebi nababefumile, amadoda ahloniphekileyo amaYuda, kwakunye nabalawuli bamaRoma. Wazamkela izimemo zabo, waya emathekweni abo, waziqhelanisa nabakuthandayo nabakwenzayo, ukuze akwazi ukufumana inyoba yokungena ezintliziyweni zabo, ukuze abatyhilele ubutyebi obungenakonakala.UL 15.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents