Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amandla Esimilo

    Amadoda anamandla ayafuneka, amadoda angayi kulindela ukuba indlela yawo igudiswe kususwe sonke isikhubekiso, amadoda aya kuphembelela ngenzondelelo ehlaziyekileyo amalinge adodobalayo abasebenzi abadakumbileyo, amadoda antliziyo zawo zishushu luthando lobuKristu, nazandla zawo zinamandla okwenza umsebenzi weNkosi yawo.UL 401.2

    Abanye abangenela umsebenzi wovangelo babuthakathaka, namagwala, abanamoya, batyhafa msinyane. Abaqhutywa nto. Abanazo iimpawu zesimilo ezintle ezinika amandla okwenza into—umoya namandla avuthisa intshiseko. Abo banga bangazuza impumelelo kufuneka babe nesibindi bazaliswe lithemba. Kufuneka bakhulise izakhono, kungabi zeziyekelelweyo kodwa nezo zisebenzayo. Nangona kufuneka banike impendulo ethambileyo edambisa ingqumo, kuyafuneka ukuba babe naso isibindi segorha sokuba bamelane nobubi. Ngothando olunyamezela izinto zonke, bayawadinga amandla esimilo anokwenza ukuba impembelelo yabo ibe ngamandla awoyisayo.UL 401.3

    Abanye abanako ukuqina kwesimilo. Amacebo abo neenjongo zabo azinaso isimo esiqinisekileyo kwanokuzingisa. Baluncedo oluncinane ehlabathini. Obu buthakathaka, ukungabi nazigqibo, nokungasebenzi kakuhle kufuneka koyisiwe. Kukho kwisimilo somKristu wenene ukungabi nakoyiswa okungenakubunjwa okanye boyiswe ziimeko ezigwenxa. Kufuneka sibe nomqolo wokuziphatha, intembeko engenako ukukhohliswa, ithengwe, okanye yoyikiswe.UL 402.1

    UThixo unqwenela ukuba sisebenzise lonke ithuba lokuba sizuze ukulungiselelwa umsebenzi waKhe. Ulindele ukuba siwafake wonke amandla wethu emsebenzini nasekugcineni iintliziyo zethu ziphilele ubungcwele bawo nemithwalo yawo eyoyikekayo.UL 402.2

    Abaninzi abaphumelele kuqeqesho lokwenza umsebenzi obalaseleyo bafeza okuncinane kuba bezama kancinane. Amawaka adlula ebomini ngokungathi abanayo injongo enkulu abanokuphilela yona, abanamgangatho uphakamileyo abafanele ukuwufikelela. Isizathu esinye esibangelwa koku, kukuzijongela phantsi kwabo. UKristu wahlawula ixabiso elingenamlinganiso ngenxa yethu, kwaye ngokwexabiso alihlawuleyo, uya nqwena ukuba sizixabise.UL 402.3

    Musa ukwaneliwa kukufikelela kumgangatho osezantsi. Asiyiyo into ebesinokuba yiyo, okanye oko ukuthanda kukaThixo kunga singayiyo. UThixo usinike amandla okucinga, ukuba singahlali singenzi nto, okanye sigqwethelwe ekusukeleni imisebenzi yasemhlabeni emdaka, kodwa [la mandla wokucinga] aphuhliselwe ukwenza okona kuphezulu, okuchubekileyo, okungcwalisiweyo, okuzukisiweyo, nokusetyenziselwa ukuhambisela phambili izinto ezithandekayo zobukumkani baKhe.UL 402.4

    Makungabikho ovumayo ukuba ngumashini nje, oqhutywa yingqondo yomnye umntu. UThixo usinike isakhono, ukucinga nokwenza, kwaye kungokwenza ngobulumko, sikhangele kuYe ukuba sibuzuze ubulumko ukuze sibe nako ukuyithwala imithwalo. Yima kubuntu obunikkwe nguThixo. Musa ukuba sisithunzi somnye umntu. Lindela ukuba iNkosi iya kusebenza ngaphakathi kuwe, isebenze ngawe [usisixhobo] nangawe [uyimpembelelo] .UL 402.5

    Ungaze ucinge ukuba ufunde ngokwaneleyo, nokuba ngoku ungathoba umxakatho kumalinge akho. Ingqondo esetyenziweyo ingumlinganiselo wendoda. Imfundo yakho imele ukuqhubeka ngoku usaphila; yonke imihla kufuneka ufunde, ulusebenzise ulwazi olufumeneyo.UL 402.6

    Khumbula ukuba nokuba kukwesiphi isikhundla obekwe kuso ukuba usebenze uveza injongo, uphuhlisa isimilo. Nokuba nguwuphi umsebenzi wakho, wenze ngocoselelo, ngenkuthalo; yoyisa ukuthanda ukufuna umsebenzi olula.UL 403.1

    Kwawona umoya omnye nemithetho-siseko eminye athi umntu aze nazo emsebenzini wemihla yonke ziya kuziswa kubo bonke ubomi. Abo banqwenela isixa somsebenzi osisigxina nomvuzo osisigxina, abanga bangaqiniseka ngempahla ebalinganayo bengakhange babe nenkathazo yokumiliselwa okanye ukuqeqeshwa, abangabo uThixo ababizele ukuba babesemsebenzi waKhe. Abo bafunda indlela yokunikela kancinane kangangoko banako ngomzimba, ngengqondo, namandla okuziphatha abangabo abasebenzi uThixo anokuthulula phezu kwabo iintsikelelo ezininzi. Umzekelo wabo uyosulela. Ukuthanda okukokwabo kungumoya obalawulayo. Abo badinga ukuba balindwe abaye basebenze kuphela xa uthe waqononondiswa kubo wonke umsebenzi, abangabo ekuya kuthiwa kubo balungile bethembekile. Bayafuneka abasebenzi abaya kubonakalalisa amandla, isidima, ukukhuthala, abo banentumekelelo ukwenza yonke into edinga ukwenziwa.UL 403.2

    Abaninzi baye bangasebenzi kakuhle ngenxa yokuphepha uxanduva kuba besoyika ukungaphumeleli. Ngenxa yoko baye bangaphumeleli ukuyizuza imfundo efunyanwa ngamava, okuthi ukufunda nokuphengulula nako konke okunye okulungileyo kungakwazi ukubanika.UL 403.3

    Umntu angazibumba iimeko, kodwa iimeko azimele ukuvunyelwa ukuba zimbumbe umntu. Kufuneka iimeko siziphathe ngokwezixhobo zokusebenza. Kufuneka sizilawule, kodwa singazivumeli ukuba zisilawule.UL 403.4

    Abaninzi abalungele ukwena umsebenzi otshatsheleyo ngabo bakha bachaswa, baqhathwa, babuyiswa umva. Ngokuphuthuma amandla wabo ukuba asebenze, izithintelo ababehlangene nazo zisuke zaba yintsikelelo ebaxhasayo. Bazuza ukuzithemba. Ukulwa nokudideka kufuna ukusetyenziswa kokuthembela kuThixo nokuzinza okukhulisa amandla.UL 403.5

    UKristu wayengenzi umsebenzi omiselwe imiqathango. Wayengawulinganisi umsebenzi waKhe ngeeyure. Ixesha laKhe, intliziyo yaKhe, umphefumlo namandla aKhe, konke kwakunikelwe ekusebenzeleni ukulungelwa kwabantu. Ngeemini ezidinisayo wayesebenza nzima, kuthi ngobusuku obabubude aguqe athandazele ubabalo nokunyamezela ukuze akwazi ukwenza ongaphezulu umsebenzi. Ngesingqala neenyembezi, wayethumela izikhungo fezulwini, ukuba indalo yaKhe yomntu yomelezwe, nokuba axhotyiselwe ukuqubisana notshaba olunenkani kuko konke ukusebenza kwalo okunenkohliso, nokuba aqiniselwe ukuzalisekisa imisebenzi awayezele yona yokuphakamisa uluntu. Uthi kubasebenzi baKhe, “Ndininike umzekelo, kuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni.” Yohane 13:15.UL 404.1

    “Uthando lukaKristu,” uthi uPawulos, “lusifingile.” 2 Korinte 5:14, “lusongamele,” IBHAYIBHILE. Lo yayingumthetho-siseko okhuthaza ukuziphatha kwakhe, yayingamandla aqhuba injongo yakhe. Ukuba ubushushu bakhe endleleni bakha batyhafa okomzuzwana, ukubheka nje kube kanye emnqamlezweni kwakumenza ukuba abhinqe ngokutsha amanqe wakhe wengqondo abheke phambili endleleni yokuzincama. Ekusebenzeleni kwakhe abazalwana bakhe waxhomekeka kakhulu ekubonakalalisweni kothando lwaphakade kumbingelelo kaKristu, ngamandla awo awoyisayo nawongamileyo.UL 404.2

    Indlela esinyaniseke ngayo, indlela esichukumisa ngayo, isibheno sakhe: “Niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okukuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.” 2 Korinte 8:9. Niyabazi ubuphakamo awehla ekubo, ubunzulu bokuthotyelwa phantsi awahlela kubo. Iinyawo zaKhe zangena kwindlela yokuzincama akaze aphambuke wada wabunikela ubomi baKhe. Kwakungekho kuphumla phakathi kwetrone ezulwini nomnqamlezo. Uthando lwaKhe emntwini lwamenza wamkela konke ukungahlonipheki wasuka wabulaleka kukuphathwa kakubi.UL 404.3

    UPawulos uyasiyala ukuba “[masi]ngathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.” Uyasikhunga ukuba sibe nale ngqondo “wayenayo uKristu Yesu: yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.” Filipu 2:4-8.UL 404.4

    UPawulos wayenenzondelelo enzulu kakhulu ukuba ukuthotyelwa phantsi kukaKristu kungabonwa bamkelwe. Wayoyisakele ukuba, xa bathe abantu bakhokelwa ukuba bakuqaphele ukuzincama okumangalisayo okwenziwa yiNgangalala yezulu, ukubawa [okanye umona] kungagxothwa ezintliziyweni zabo. Umpostile ujikeleza eyiphinda-phinda le ndawo ukuze ngandlela ithile ikuqonde ukuhla okumangaliayo koMsindisi ngenxa yaboni. Uyikhokelela ingqondo kuqala kwindawo [okanye isikhundla] awayekuso uKristu ezulwini esifubeni sikaYise; umtyhila emva koko ebeke bucala ubuqaqawuli baKhe, ngokuzithandela ezibeka ngaphantsi kwemeko ezithobela phantsi zobomi bomntu, ethabatha imithwalo enzima yesicaka, eba ngothobelayo kwada kwasa ekufeni—ukufa kwasemnqamlezweni. Singakwazi yini ukucamngca ngoku kubonakalaliswa kumangalisayo kothando lukaThixo size singabi nawo umbulelo nothando, nengqondo enzulu yenyaniso yokuba [ngokwenene] asingabo abethu? INkosi enjalo akufuneki ikhonzwe ngokuqhutywa ngumoya obuhlungu nowokuzithanda.UL 405.1

    “Niyazi . . .” uthi uPetros, “ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinokonakala, oozisilivere noozigolide.” 1 Petros 1:18. Niyazi, ukuba ezi zinto bezinganela ukuthenga usindiso lomntu, bekuya kubalula kangakanani ukwenziwa oko nguLowo uthi, “Isilivere yeyam, igolide yeyam”! Hagayi 2:8. Yena umoni wayenokuhlangulwa kuphela ngegazi elixabisekileyo loNyana kaThixo. Abo bathi, ngokoyiswa kukuxabisa lo mbingelelo umangalisayo, bazibambe emsebenzini kaKristu, baya kutshabalala ekuzibandezeni kwabo.UL 405.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents