Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukufunda Ngokwakhiwa Komzimba

    Abazali kufuneka ukuba kwasekuqaleni babenze abantwana babo ukuba babe nomdla ekufundeni ngokwakhiwa komzimba baze babafundise imithetho-siseko yawo elula. Mababafundise ngeyona ndlela ilungileyo yokugcina amandla omzimba, engqondo nawomoya, kwanendlela yokusebenzisa izipho abanazo khon’ ukuze ubomi babo buzize intsikelelo omnye komnye kwanokuba bamzukise uThixo. Olu lwazi ludlula ngaphaya kokubaluleka kubantu abatsha. Imfundo ngezinto ezingobomi nempilo ibaluleke ngaphezulu kubo kunolwazi lwezifundo zeesayensi ezifundiswa ezikolweni.UL 303.1

    Abazali mabaphilele kakhulu abantwana babo kunasekuhlaleni. Mabafunde izifundo zempilo, baze balusebenzise ulwazi olo ngendlela ephathekayo. Mababafundise abantwana babo ukuzibona kwangaphambili iziphumo zento abaza kuyenza. Mabafundiswe ukuba xa benqwenela impilo nolonwabo, kufuneka bathobele imithetho yendalo. Nangona benokungayiboni ngokukhawuleza inkqubela njengoko benqwena, mabangatyhafi, kodwa ngomonde nokuzingisa, mabaqhubeke nomsebenzi wabo.UL 303.2

    Bafundiseni abantwana benu kwasebusaneni ukuzilandula nokuzilawula. Bafundiseni ukonwabela okuhle kwendalo kuze kuthi ngemisetyenzana yokunceda basebenzise ngendlela eyiyo onke amandla omzimba nawengqondo. Bakhuliseni ngendlela eyenza ukuba babe nomzimba ophilileyo nokuziphatha okulungileyo, ukuba babe nenkangeleko ebengezelayo nokuthandeka komoya wabo. Bethelelani kwiingqondo zabo eziselula inyaniso athe uThixo wayilungisela ukuba ingaphileli ukwanelisa okwexesha langoku kuphela, kodwa nokulungelwa kwesiphelo sethu sokugqibela. Bafundiseni ukuba ukuziyekela kwisihendo bubuthakathaka nenkohlakalo; nokuba ukumelana nako, kuyindili nokuba yindoda [okanye ukuqina nokomelela] . Ezi zifundo ziya kufana nembewu ehlwayelwe kumhlaba olungileyo, zize zithwale isiqhamo esiya kuzenza zibe novuyo iintliziyo zenu.UL 303.3

    Ngaphezu kwako konke, abazali mababajikeleze abantwana babo ngomoya wolonwabo, imbeko nothando. Ikhaya apho kuhleli khona uthando, nalapho lubonakala ekukhangeleni, emazwini nakwizenzo, liyindawo apho iingelosi zikuvuyelayo ukubonakalalisa ubukho bazo.UL 304.1

    Bazali, imitha yelanga lothando lwenu, ukuchulumanca, nokonwaba kokwaneliseka makungene ezintliziyweni zenu, ukuze ubumnandi bempembelelo evuyisayo bulityhutyhe lonke ikhaya lenu. Bonisani umoya wobubele nonyamezelo; nize nithi nikhuthaze kwaloo moya ebantwaneni benu, nikhulise konke okuhle okuya kuthi kubukhanyise ubomi bekhaya lenu. Umoya othe wenziwa ngolo hlobo, uya kuba koko umoya nokukhanya kwelanga kukuko ezityalweni zomhlaba, kuya kukhulisa impilo nodlamko lwengqondo nomzimba.UL 304.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents