Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Okudingwa Ngumsebenzi

    40—Uncedo Ekuphileni Imihla Ngemihla

    Kukho ubuciko obunamandla kakhulu ukudlula ubuciko bamazwi kubomi obuzingisileyo bomKristu onyulu, onyanisekileyo. Loo nto ayiyo umntu inempembelelo engaphezulu kunento ayithethayo.UL 378.1

    Amagosa awayethunywe kuYesu abuya nengxelo yokuba akakho umntu owakha wathetha njengoko wayethetha. Isizathu soku yayikuba akazange wakho umntu owakha waphila njengoko wayephila. Ukuba ubomi baKhe babungeyiyo le nto babuyiyo, ngewayengazange wathetha njengoko wenzayo. Amazwi waKhe ayezele ngamandla awoyisayo, kuba ayephuma kwintliziyo enyulu nengcwele, ezele luthando novelwano, bububele nenyaniso.UL 378.2

    Sisimilo sethu namava wethu axela ngempembelelo yethu kwabanye. Ukuze siboyisele ekwazini abanye ngamandla obabalo lukaKristu, kufuneka siwazi amandla walo kwezethu iintliziyo nasebomini. Iindaba ezilungileyo esizivakalisayo zokusindiswa kwemiphefumlo kufuneka zibe ziindaba ezilungileyo ekuthe ngazo neyethu imiphefumlo yasindiswa. Kuphela ngokuluphila ukholo kuKristu njengoMsindisi wethu esinokuthi sikwazi ukuba siyenze ivakale impembelelo yethu kwilizwe elizele yintandabuzo. Ukuba singa singabahlangula abomi kumsinga obaleka ngamandla, ezethu iinyawo kufuneka zime ngokuqinileyo phezu kweLiwa, uKristu Yesu.UL 378.3

    Imbasa yobuKristu ayingumqondiso obonakala ngaphandle, ingekuko nokunxitywa komnqamlezo okanye isithsaba, kodwa koko kutyhila umanyano lomntu noThixo. Ngamandla obabalo lwaKhe abonakalaliswa ekuguqulweni kwesimilo, ihlabathi liya koyisakala ukuba uThixo umthumile uNyana waKhe ukuba abe ngumhlanguli walo. Ayikho enye impembelelo enokuwujikeleza umphefumlo womntu enamandla afana nempembelelo yobomi obungacingi ngesiqu sabo. Eyona ntetho okanye ingxoxo enamandla engakwicala leendaba ezilungileyo ngumKristu onothando nothandekayo.UL 378.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents