Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    33—Iimpembelelo Zekhaya

    Ikhaya limele ukuba yeyona ndawo ithandekayo ebantwaneni kumhlaba wonke, kwaye ubukho bukamama kufanele ukuba nguwona mtsalane mkhulu. Abantwana banendalo enokuvakalelwa, nezinothando. Kulula ukubakholisa kukwalula nokubanxunguphalisa. Ngengqeqesho onobubele, ngamazwi nezenzo ezinothando oomama banako ukubaqamangela ezintliziyweni zabo abantwana babo.UL 305.1

    Abantwana abaselula babuthanda kakhulu ukuba namaqabane bade bangakholisi ukukonwabela ukuba bodwa. Bayakuthanda ukusizelwa nokuphathwa ngobubele. Oko bakuthandayo baye bacinge ukuba kumele ukumkholisa nonina ngokufanayo, kwaye kuyindalo kubo ukuya kuye neentwana-ntwanana zovuyo neenkathazo. Umama kufuneka angazihluphi ezi ntliziyo zikhathazeka lula ngokuthi ayiphathe ngokungayihoyi imicimbi ethi, nangona imincinane kuye, ibe ibalulekile kakhulu kubo. Uvelwano lwakhe nokunqwala kwakhe kuxabiseke kakhulu. Ukuthi krwaqu nje evuma, ilizwana lenkuthazo okanye lokuncoma, zizinto ezizenza mhlophe iintliziyo zabantwana, zitsho kube mnandi imini yonke.UL 305.2

    Endaweni yokubagxotha bemke kuye abantwana bakhe, kuba esithi akafuni kuphazanyiswa yingxolo yabo okanye bamfune le naleya, umama makacebe into yokubonwabisa okanye umsetyenzana wokuzigcina zixakekile izandla neengqondo zabo.UL 305.3

    Ngokungena kwizivo zabo nokukhokela kokubonwabisayo noko baxakeke kuko, umama baya kumthemba abantwana bakhe, kanti uya kukwazi kakhulu ukubalungisa ngempumelelo kwimikhwa engalunganga, okanye akunqande ukubonakalaliswa komona okanye kweenkanuko ezingalunganga. Ilizwi lokulumkisa okanye lokungxolisa elithethwe ngexesha elililo liya kuxabiseka kakhulu. Ngeliso eliqwalaseleyo nelinomonde, unako ukuzibuyisela iingqondo zabantwana endleleni elungileyo, akhulise kubo iimpawu zesimilo esihle nezithandekayo.UL 305.4

    Oomama kufanele ukuba bakulumkele ukuba babaqeqeshele abantwana ukuba bafunde ukuxhomekeka nokufuna okukokwabo kuphela. Mabangaze benziwe bacinge ukuba ngabo emabasoloko bejongiwe, nokuba yonke into eyenziwayo kufuneka ijikeleza apha kubo. Abanye abazali bachitha ixesha elininzi nengqondo yabo behlekisana nabantwana babo, kodwa abantwana kufuneka baqeqeshwe ukuba bakwazi ukuzibonela nokuzenzela izinto zokuzihlekisa, basebenzise eyabo ingqondo nobabo ubuchule. Ngaloo ndlela baya kufunda ukwaneliseka zizinto ezilula zokubonwabisa. Kufuneka bafundiswe ukunyamezela iimpoxwana nezilingwana zabo ezincinane. Kunokuba bafune ukukhathalelwa kwiintlungwana ezincinane nokwenzakala okungekho kangako, mhlalwumbi imikrwelana nje, mabafundiswe ukudlula kwizinto eziphazamisayo okanye ezingonwabisiyo ezincinane. Funda ukubacebisa iindlela abanokuthi ngazo abantwana bakwazi ukubacingela nabanye.UL 306.1

    Kanti ke, sekunjalo konke, abantwana mabangatyeshelwa. Nokuba oomama basindwa yimithwalo yokukhathalela usapho ngamanye amaxesha oomama baye bazive bengakwazi ukuthabatha ixesha befundisa abantwana babo okanye ukubanika uthando novelwano. Kufuneka bakhumbule ukuba, xa abantwana bengafumani ebazalini nasekhaya oko kwanelisa umnqweno wabo wokuvelwa nobuqabane, baya kukhangela kwezinye iindawo, apho ingqondo nezimilo zinokuba sengozini.UL 306.2

    Ngokuswela ixesha nokucinga, oomama abaninzi bayabavimba abantwana babo ulonwabo olungenayo ingozi, kuba iminwe esebenzayo namehlo adiniweyo exakeke ngumsebenzi olungiselela ihombo, into ethi, okucingwa ukuba yenza okulungileyo, ibe kuphela kukukhuthaza ikratshi nokuthsafaza ezintliziyweni zabancinane. Bathi abantwana xa befikisa ebudodeni nasebufazini, ezi zifundo zithwala isiqhamo sekratshi nokuziphatha ngokungenaxabiso. Umama uba buhlungu ngeempazamo zabantwana bakhe, kodwa abe engasiqondi isivuno sembewu awayihlwayela kwangokwakhe.UL 306.3

    Abanye oomama abazinzi kwinto enye okanye kwindlela enye ekubaphatheni abanwana babo. Ngamanye amaxesha babayekela kwizinto ezinobungozi, ngamanye baphinde bale kwizinto zokubonwabisa ezingenabo ubungozi, izinto ebeziya kuyenza ivuye kakhulu intliziyo yobuntwana. Ngale ndlela abamlinganisi uKristu; owayebathanda abantwana; eziqonda izivo zabo evelana nabo kulonwabo lwabo nakwizilingo zabo.UL 307.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents