Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Iya Kuwabutha Ngeengalo Zayo Amatakane”

    Uthi xa uYesu elungiselela ezitratweni zezixeko, babe oomama neentsana zabo ezigulayo nezifayo ezisezingalweni zabo bezama ukutyhudisa kwisihlwele, befuna ukuza kufuphi ukuze akwazi ukubaqaphela.UL 24.1

    Babone aba mama, bemthuqwasi, benxaphile, sele bephelelwa lithemba, kodwa bezimisele benyamekile. Bathi bethwele umthwalo wabo wokubulaleka, bafune uMsindisi. Bathi xa bexinekile betyhalwa yindimbane yabantu ababangungeleyo, uKristu aye esondela kubo kancinane, ade abe secaleni kwabo. Kukhula ithemba ezintliziyweni zabo. Iinyembezi zabo zovuyo ziyawa bakuqaphela inkathalo yaKhe, nokukhangela kwamehlo abonisa uvelwano nothando olukhulu.UL 24.2

    UMsindisi walatha komnye kweli qela, afune ukuqonda ukuba angaba ulindele ntoni, ngokuthi, “Unga ndingakwenzela ntoni?” Uthi ekhala ayibeke intswelo yakhe enkulu, “Nkosi, ndinga ungaphilisa umntwana wam.” UKristu uyamthabatha umntwana ezingalweni zakhe, siphume kwangoko isifo akumchukumisa. Ilufu lokufa limkile; umsinga onika ubomi ubaleka emithanjeni yakhe; izihlunu ziba namandla. Amazwi entuthuzelo noxolo athethiwe kunina; emva koko kuze omnye, naye engxamisekile, anikelwe kuYe. Kwakhona uKristu usebenzisa amandla waKhe anika ubomi, baze bonke bamdumise bamnike imbeko Lowo owenza imimangaliso.UL 24.3

    Sihlala kakhulu kubukhulu bobomi bukaKristu. Sithetha ngezinto ezimangalisayo awaziphumezayo, ngemimangaliso awayenzayo. Kanti ke sekunjalo, ukukhathalela kwaKhe izinto ezibonakala zincinane, kokona kubonisa kakhulu ubukhulu baKhe.UL 24.4

    Phakathi kwamaYuda kwakusisithethe ukuba abantwana baziswe kumfundisi, ukuze babekwe izandla besikelelwa, kodwa abafundi bacinga ukuba umsebenzi woMsindisi ubaluleke kakhulu ukuba ungaphazanyiswa ngale ndlela. Bathi bakuza oomama benqwenela ukuba uMsindisi abasikelele abantwana babo, abafundi babakhangela kakubi. Bacinga ukuba aba bantwana bancinane kakhuluukuba bangazuza nto ngokuziswa kuYesu, bazabagqiba kwelithi akasayi kukholiswa bubukho babo. UMsindisi Yena wakuqonda ukukhathala nomthwalo woomama ababefuna ukuqeqesha abantwana babo ngokwelizwi likaThixo. Wayeyivile imithandazo yabo. Yena ngokwaKhe wayebatsalile ukuba beze phambi kwaKhe.UL 24.5

    Omnye umama kunye nomntwana wakhe walishiya ikhaya lakhe eze kuhlangana noYesu. Endleleni waxelela ummelwane wakhe ngohambo lwakhe, waza ummelwane wanga uYesu angasikelela abantwana bakhe. Ngaloo ndlela bababaninzi oomama abaya bahlangana, benabantwanana babo. Abanye babantwana babedlule kwiminyaka yokuba ziintsana bangabantwana nolutsha. Bathi bakuwuveza umnqweno wabo oomama, uYesu wanemfesane sisicelo sabo esinoloyiko neenyembezi. Noko kunjalo, waya walindela ukuba abafundi baya kubaphatha njani. Wathi akubabona abafundi bebangxolisa bebagxotha oomama, kuba becinga ukuba bancedana naYe [ngokuphungula umthwalo] wababonisa imposiso yabo, esithi, “Bavumeleni abantwana ukuba beze kum, ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.” Marko 10:14. Wabathabathela ezingalweni zaKhe abantwana, wabanika iintsikelelo ababezele zona.UL 25.1

    Oomama bathuthuzeleka. Babuyela emakhayeni wabo bomelele besikelelekile ngamazwi kaKristu. Baziva bekhuthazekile ukuba bayithwale imithwalo yabo benovuyo olutsha nokubasebenzela ngethemba abantwana babo.UL 25.2

    Ukuba bebungavulwa phambi kwethu ubomi babo bantwana basemva koko, besingabona oomama bekhumbula ezingqondweni zabo umbono waloo mini, bebakhumbuza abantwana ngamazwi oMsindisi anothando. Nathi kufuneka sibone ukuba kwiminyaka elandelayo inkumbulo yala mazwi yabagcina abantwana bangemki kwindlela eyalungiselelwa abahlangulweyo beNkosi.UL 25.3

    Nanamhla uKristu use ngulo Msindisi unovelwano kwanjengoko wayehamba phakathi kwabantu. Nangoku use ngumcedi ngokwenene woomama kwanjengoko wabuthela ezingalweni zaKhe abantwana baseYudeya. Abantwana abangqonga amaziko wethu nabo bathengwe ngegazi laKhe njengoko babenjalo abantwana bakudala.UL 25.4

    UYesu uyawazi umthwalo osentliziyweni yomama ngamnye. Lowo waye naye umama owayetsala nzima bubuhlwempu nakukuhlupheka, uvelana naye wonke umama ekubulalekeni kwakhe. Lowo wathabatha uhambo olude ukuze akhulule intliziyo enexhala lomfazi womKanana uya kwenza okukwangako nakoomama banamhla. Lowo wabuyisela kumhlolokazi waseNayin unyana wakhe ekuphela kwakhe, wathi kwintlungu yaKhe phezu komnqamlezo wakhumbula owaKhe umama, uyachukumiseka namhlanje yintlungu kamama. Kuko konke ukukhala nayo yonke intswelo, uya kuthuthuzela anike uncedo.UL 26.1

    Oomama mabeze kuYesu neengxaki zabo. Baya kufumana ubabalo olwaneleyo lokubanceda ekukhathaleleni abantwana babo. Amasango avuliwe ukuba wonke umama angabeka imithwalo yakhe ezinyaweni zoMsindisi. Lowo wathi, “Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli” (Marko 10:14), usabamema oomama ukuba bazise abantwana babo kuYe ukuba abasikelele.UL 26.2

    Ngokuxelela abafundi baKhe ukuba bangabaleli abantwana ukuba beze kuYe, uYesu wayebhekisa kubalandeli baKhe kuzo zonke izizukulwana—kumagosa ebandla, kubafundisi, kubancedisi, nakuwo wonke amaKristu. UYesu uyabatsala abantwana, kwaye uyasiyalela, esithi, “Bavumeleni beze;” ngathi uthi, Baya kuza, ukuba anibaleli.UL 26.3

    Isimilo senu esingafaniyo nesikaKristu masingamvezi ngendlela engeyiyo uYesu. Musani ukubabekela kude abancinane kuYe ngokubanda nobungqongqo benu. Musani ukubenza babe nengcinga yokuba izulu asiyondawo imnandi kubo ukuba babe kuyo. Musani ukuthetha ngenkolo njengento abangeke bayiqonde abantwana, okanye nenze ngokungathi abalindelekanga ukuba bamamkele uKristu ebuntwaneni babo. Musani ukubanika imbono engeyiyo yokuba inkolo kaKristu yinkolo yosizi, nokuba xa besiza kuMsindisi kufuneka bancame konke okwenza ubomi bube nolonwabo.UL 26.4

    Ngexesha uMoya Oyingcwele esebenza ezintliziyweni zabantwana, ncedisanani nomsebenzi waKhe. Bafundiseni ukuba uMsindisi uyababiza, nokuba ayikho into engabanika uvuyo olungaphezulu kunokuba bazinikele kuYe ngeli xesha iminyaka yabo isahluma, isenamandla.UL 26.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents