Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhathalela Abagulayo

    15—Kwigumbi Labagulayo

    Abo balungiselela abagulayo kufuneka bakuqonde ukubaluleka kokunika ingqalelo kwimithetho yempilo. Akukho apho ukuyithobela le mithetho kubaluleke kakhulu ngaphezu kwegumbi labagulayo. Akukho apho okuninzi kangako kuxhomekeke ekuthembekeni kwizinto ezincinane kubantu abonga abagulayo. Kwiimeko zokugula okukhulu, ukutyeshela nje okuncinane, ukungamhoyi nje kancinane umguli odinga inkathalo ekhethekileyo okanye iingozi, ukubonakala koloyiko, ukuthabatheka okanye ukuba nobucaphucaphu, kanti nokungabikho kovelwano, kunokuwujika umgangatho wesilinganiso esizinzise ubomi nokufa, kwenze ukuhla ukuya engcwabeni kogulayo ongephilile ukuba bekungenjalo.UL 167.1

    Ukusebenza ngempumelelo komongikazi kuxhomekeka, kakhulukazi, kudlamko lomzimba. Okona intle ngcono impilo, okona kungcono ukuba nako kwakhe ukunyamezela ubunzima bokujonga abagulayo, nokukona anokuyenza ngempumelelo imisebenzi yakhe. Abo bakhathalele abagulayo bamele ukunika ingqalelo eyodwa isondlo, ukucoceka, umoya ohlaziyekileyo, kwakunye nomthambo [ukushukunyiswa komzimba]. Ubunono obukwanjalo ekujongeni usapho buya kubenza bakwazi nokuyinyamezela imithwalo engaphezulu eziswa kubo, bube nokubanceda ukubeni bathinteleke ekucholeni isifo.UL 167.2

    Ukuba imiyalelo igcinwe ngendlela eyiyo, izifo ezingasuleliyo azidingi ukuba zifunyanwe ngabanye. Imikhwa mayibe yelungileyo, kuze kuthi ngococeko, nokungena komoya ngendlela eyiyo kuligcine igumi labagulayo limsulwa kwizinto ezinobutyhefu. Phantsi kweemeko ezinjalo, abagulayo banamathuba amahle okuphila, kuthi ke, kwiimeko eziliqela abongi namalungu osapho bangasifumani isifo.UL 167.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents