Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuphumla Njengechiza

    Abanye bazigulisa ngokusebenza kakhulu. Kwaba, ukuphumla, ukukhululeka ekukhathaleni, nesidlo esikhethelwe bucala, zizinto ezifunekayo ekubuyiselweni kwempilo. Kwabo badinwe ingqondo benoloyiko ngenxa yokusebenza bangayeki, nendawo evalelekileyo, ukuya emaphandleni, apho banokuhlala ubomi obulula obungenawo amaxhala, begilana kakhulu nezinto zendalo, kungaba luncedo kakhulu. Ukujikeleza emasimini nasemahlathini, kucholwa iintyatyambo, kuphulaphulwe iingoma zeentaka, kungenza okukhulu kunaso nasiphi isenzeleli ngasekuphiliseni.UL 181.3

    Empilweni nasekuguleni, amanzi acocekileyo yenye intsikelelo yezulu ebaluleke kakhulu. Ukusetyenziswa kwawo ngendlela eyiyo kukhuthaza impilo. Asisiselo uThixo awasenzayo ukukholisa unxano lwezilwanyana kunye nabantu. Eselwa ngesisa, anceda ukunika izinto ezidingwa luhlelo lomzimba ekwanceda indalo ekubukuleni isifo. Ukuwasebenzisa ngaphandle amanzi yenye yeendlela ezizezona zilula nezona zanelisayo ukulungelelanisa ukuhamba kwegazi. Ukuhlamba ngamanzi abandayo okanye apholileyo kulichiza elibalaseleyo. Ukuhlamba ngamanzi afudumeleyo kuvula iintunja zofele ukuze zincede ekukhupheleni ngaphandle ukungcola. Kokubini--ukuhlamba nganobushushu napholileyo kuyayithomalalisa imithambo-luvo, akuzinzise kakuhle ukuhamba kwegazi emzimbeni.UL 182.1

    Abaninzi abazange balifunda ngamava igalelo elihle elifunyanwa ngokusetyenziswa ngendlela eyiyo amanzi, kangangokuba bona bayawoyika. Unyango ngamanzi akwamkelwa njengoko bekufanele ukuba kubenjalo, nokukusebenzisa ngobuchule kufuna umsebenzi abaninzi abangakulungelanga ukuwenza. Kanti ke, akukho kufuneka bazive bexolelwe ngokungazi okanye ngokungakhathali kulo mba. Bonke kufuneka babe nobuchule bokukusebenzisa oku kunyanga kulula ekhaya. Oomama, ngokukodwa, kufuneka bazazi iindlela zokukhathalela iintsapho zabo empilweni nasekuguleni.UL 182.2

    Ukwenza okanye ukusebenza kungumthetho wobuntu bethu. Lonke ilungu lomzimba libekelwe umsebenzi walo, ekuthi, ngokwenziwa kwawo kuxhomekeke ukuphuhla nokomelela kwawo. Ukusebenza okuqhelekileyo kwawo onke amalungu kunika ukomelela nodlamko, lo gama ukuthanda ukungawasebenzisi, kusa ekonakaleni nasekufeni. Yibophe ingalo, nokuba ziiveki ezimbalwa nje, emva koko yikhulule ekuyibopheni, uya kubona ukuba ayinamandla kunaleyo ibisebenza kakuhle ngelo xesha linye. Ukungasebenzi okanye ukungenzi nto kuba nesiphumo esifanayo kuko konke ukwakhiwa kwezihlunu zomzimba.UL 182.3

    Ukungenzi nto kungunobangela onesiqhamo sesifo. Ukuvocavoca umzimba kuhlaziya kwenze kulingane ukuhamba kwegazi, kodwa ekungqengqeni nje igazi alihambi ngokukhululekileyo, kwaye iinguqu kulo, ezifuneka kakhulu ebomini nasempilweni, azenzeki. Ufele, nalo, luyadangala. Ukungcola akukhutshwa njengoko bekuya kubanjalo xa ukuhamba kwegazi bekukhawuleziswa kukuvocavoca ngamandla, luze ufele lugcinwe lusempilweni, nemiphunga yondliwe ngomoya omninzi ohlambulukileyo. Le meko yomzimba ithwalisa umthwalo ophindiweyo amalungu asebenza ukukhuphela ngaphandle ukutya namanzi, size isiphumo sibe sisifo.UL 182.4

    Abantu abayimilwelwe akufuneki bakhuthazelwe ukungenzi nto. Xa bekukho ukuqotywa kakhulu nokwantoni, uphumlo olupheleleyo ixesha elithile luya kuthi, maxa wambi, lukususe ukugula okunzima; kodwa kwimeko yabaqinisekisiweyo abaguli, kuye kufuneke ukuthi xha, kumiswe konke ukwenza nantoni.UL 183.1

    Kwabo baye bawa kukusebenza kwengqondo kufuneka baphumle kwingcinga edinisayo; kodwa bafanele ukuba benziwe bakholelwe ukuba kuyingozi konke ukusebenzisa amandla engqondo. Abaninzi banomkhwa wokucinga ukuba imeko yabo imbi kakhulu kunokuba injalo. Le meko yengqondo ayikukhuthazi ukubuyela kwempilo, kwaye akufuneki ukuba ikhuthazwe.UL 183.2

    Abafundisi, ootitshala, abafundi, nabanye abasebenza ngengqondo bakholisa ukugula sisifo esisisiphumo sokusetyenziswa kakhulu kwengqondo, enganikwanga kuphumla ngokuzivocavoca umzimba. Into abayidingayo aba bantu bubomi obusebenza [ngokushukumisa imizimba]. Imikhwa yobungcathu engqongqo, ihlangene novocovoco olululo, ingaqinisekisa ubukho bamandla engqondo nomzimba, inike amandla okuthwala kubo bonke abasebenzisi bengqondo.UL 183.3

    Abo bawasebenzise badlulisa amandla omzimba akufuneki bakhuthazwe ukuba bakuyeke kuthi cwaka ukusebenza ngezandla.Wona umsebenzi, ukuze ukuze kubekho nto izuzwayo kuwo, kufuneka wenzeke ngocwangco ube ngowamkelekileyo. Ukuya kuzivocavoca phaya phandle yeyona nto ilunge kakhulu; kufuneka icwangciswe ngendlela eya kuthi ngokwenziwa kwayo inike amandla amalungu athe anobuthakathaka; nentliziyo ibe kule nto yenziwayo. Umsebenzi wezandla akufuneki ufikelele kwindawo apho uthi usuke ube yindinisa.UL 183.4

    Xa imilwelwe ingenanto yokugcina ixesha nengqondo zixakekile, iingcinga zayo zihlala zigxile kwiziqu zayo, zize zonganyelwe kukucinga izinto ezingalunganga nokucaphuka msinyane. Amaxesha amaninzi isoloko icinga ngokuva kwayo kakubi ide icinge ukuba mibi kakhulu kunokuba injalo nokuba ayikwazi kwenza nto tu.UL 183.5

    Kuzo zonke ezi meko, uvocavoco olulungiswe lukhokelwa kakuhle, lungaba ngumthunywa onyanga ngempumelelo. Kwezinye iimeko, alukwazi ukungabikho ekubuyiselweni kwempilo. Ingqondo ihambelana nokusebenza kwezandla; kwaye into efuneka kakhulu kubantu abayimilwelwe kukuphaphanyiswa kwengqondo. Xa ingqondo ilele ingenzi nto, iingcamango ziba zezingalunganga, kwaye kuba nzima ukumelana nesifo. Ukungenzi nto sesona siqalekiso sikhulu esinokufikela abaninzi abangenampilo. Umsebenzi okhaphukhaphu oluncedo, nangona ungabeki ubunzima engqondweni okanye emzimbeni, unegalelo elihle kuko kokubini. Womeleza izihlunu, ukhulise ukuhamba kwegazi, umnike onganampilo ukwaneliseka kukwazi ukuba akayiyo impahla kwaphela kulo mhlaba uxakekileyo. Angakwazi ukwenza okuncinane kuqala, kodwa uya kukhawuleza afumanise ukuba amandla ayanda, nobuninzi bomsebenzi awenzileyo unako ukwanda ngokufanayo.UL 184.1

    Ukuvocavoca umzimba kuyamnceda umntu onesisu ngokusenza ukuba siphole kamnandi. Ukufunda kakhulu okanye ukusebenza ngamandla kwakamsinyane emva kokuba kutyiwe, kuphazamisa umsebenzi wesisu; kodwa ukuthabatha uhambo nje olufutshane emva kokutya, intloko ingajonganga phantsi [iqethukile] namagxa ebuyiswe umva [olulwe], kunengeniso enkulu.UL 184.2

    Abo bamikhwa yabo ikukuhlala phantsi, xa imo yezulu ivuma, mabavoca-voce umzimba phandle kwimpepho yonke imihla, ehlotyeni nasebusika. Ukuhamba ngenyawo kuyakhetheka kunokuqabela okanye ukuqhuba, kuba kwenza izihlunu zisebenze. Imiphunga iyanyanzeleka ukuba isebenze ngokunempilo, njengoko kungenzeki ukuhamba ngokukhawuleza ibe yona ingavuleki.UL 184.3

    Ukushukumisa umzimba ngolo hlobo, kwiimeko ezininzi, kuyilungele kakhulu impilo kuneyeza. Oogqirha bakholisa ukucebisa imilwelwe yabo ukuba ithabathe uhambo ngolwandle, okanye iye kwindawo yemithombo empompoza amanzi anempilo. Inako nokuya kwiindawo ezahlukeneyo ezinemo-zulu engafaniyo. Kanti ke,kwezinye iimeko eziliqela, imilwelwe iye icetyiswe ukuba itye ngobungcathu, ivonya-vonye imizimba ngochulumanco nangendlela enempilo, ize ibe nokuyifumana kwakhona impilo, isindise ixesha nemali.UL 185.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents