Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Hamba, Ungabuye Wone”

    Umthendeleko wemiNquba wawusanda kuphela. Ababingeleli nabafundisi eYerusalem baboyisiwe kumalinge okulwa uYesu, kwaza kwathi, xa kuhlwayo, “walowo ke waya kweyakhe indlu. UYesu ke yena waya eNtabeni yemiNquma.” Yohane 7:53; 8:1.UL 56.1

    Ukusuka kubumnandi nesiphithiphithi sesixeko, ukusuka kwizihlwele ezazinomnqweno nabafundisi abanenkohliso, uYesu wasuka waya kwindawo ethuleyo kumagcume eminquma, apho wayeya kuba yedwa noThixo. Kwathi kwasekuseni, waya wabuyela etempileni; bathi xa abantu bengungelana kuYe, wahlala phantsi wabafundisa.UL 56.2

    Kwangoko waya waphazanyiswa. Iqela labaFarisi nababhali leza kuYe, lirhuqa intokazi ematshekileyo kukoyika. Babethetha ngamazwi arhabaxa anemibuzo, beyityhola ngokwaphula umthetho wesixhenxe. Bayityhala bayimisa phambi kukaYesu, bathi, “Mfundisi, lo mfazi wabanjwa ekrexeza, kanye kuloo ntlondi. Ke kaloku, emthethweni uMoses wasimisela ukuthi, abanjalo mabagityiselwe ngamatye; uthini na ke wena?” iindima 4, 5.UL 56.3

    Intlonipho yabo eyayibonakala ukuba yeyokuzenzisa, yayigqume iqhinga elinzulu lokutshabalalisa uYesu. Ukuba uYesu angamkhulula lo mfazi, wayeya kumangalelwa ngokujongela phantsi umthetho kaMoses. Ukuba angathi ufanele ukufa, wayengatyholwa kumaRoma njengothabatha igunya elilelawo kuphela.UL 56.4

    UYesu wawuqwalasela lo mboniso—ixhoba elingcangcazelayo lisezintlonini, izikhulu ezinobuso obungwanyalala, ekungekho nentwana yovelwano lobuntu. Umoya waKhe wobunyulu obungenachaphaza warhwaqela ngulo mbono. Wathi, engenzanga mqondiso wokuba uwuvile umbuzo, wathoba wawathi nzoo amehlo aKhe emhlabeni, waqala wabhala eluthulini.UL 56.5

    Ngokucaphuka ngoko kubonakala ikukulibazisa nokungakhathali, abamangali basondela kufuphi, benyanzelisa ukuba awuqwalasele lo mcimbi. Athi amehlo wabo akulandela la kaYesu, ajonga apha phantsi ezinyaweni zaKhe, athi cwaka amazwi wabo. Phaya phantsi phambi kwabo, kwakukroziswa iimfihlelo ezinobutyala zobabo ubomi.UL 56.6

    Waphakama, emilisela amehlo waKhe kubadala ababeceba, uYesu wathi, “Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.” Indima 7. Waphinda wathoba, waqhubeka nokubhala.UL 57.1

    Wayengawubekelanga bucala umthetho kaMoses, engaphulanga negunya leRoma. Abamangali boyiswa. Ngoku, iingubo zobungcwele bekohliso zakrazuka kubo, bema, benetyala begwetyiwe, phambi kobunyulu obungunaphakade. Bengcangcazeliswa kukuthi, hleze ubomi babo butyhilwe phambi kwesihlwele, begobe iminqonqo, bewamilisele phantsi amehlo, bachwechwa bemka, belishiya ixhoba labo noMsindisi onovelwano.UL 57.2

    Waphakama uYesu wathi, ekhangele kule ntokazi, wabuza,“Baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuye, Nam andikugwebi; Hamba ungabuye wone.” Iindima 10, 11.UL 57.3

    Umfazi wayemi phambi koYesu, ethobe intloko ejonge phantsi enoloyiko. Amazwi waKhe, “Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye,” afika kuye njengesigwebo sokufa. Akazange akwazi ukuwaphakamisa amehlo wakhe amkhangele ebusweni uMsindisi, wasuka wathi cwaka, elindele isigwebo sakhe. Ngokumangaliswa okukhulu, wababona abamangaleli bakhe besimka bengathethi koko bephazamisekile; emva koko kwawa loo mazwi ethemba kweyakhe indlebe, “Nam andikugwebi, hamba, ungabuye wone.” Intliziyo yakhe yanyibilika, wathi, eziphosa ezinyaweni zikaYesu, wakhala umbulelo onothando, wathi ngeenyembezi ezikrakra, wazivuma izono zakhe.UL 57.4

    Kuye, oku kwaba kukuqala kobomi obutsha, ubomi bobunyulu noxolo, obunikelwe kuThixo. Ekuphakamiseni lo mphefumlo uwileyo, uYesu wenza ummangaliso omkhulu kakhulu kunokuphiisa esona sifo sikhulu kakhulu somzimba; waphilisa isifo sasemoyeni esikhokelela ekufeni okungunaphakade. Lo mfazi waguqukayo waba ngomnye wabona balandeli baKhe bazinzileyo. Ngothando lokuzincama nokuzinikela, wawubonisa umbulelo wakhe ngenceba yaKhe exolelayo. Lo mfazi wonayo, ihlabathi lalimbekele kuphela ukumjongela phantsi nokumgculela, kodwa Lowo Ongenasono waba novelwano kuye ngenxa yobuthakathaka bakhe wamolulela isandla sokumnceda. Nangona abaFarisi abahanahanisayo bamgweba, uYesu wathi kuye, “Hamba, ungabuye wone.”UL 57.5

    UYesu uyazazi iimeko zomphefumlo ngamye. Okona lilikhulu ityala lomoni, okona amdinga ngakumbi uMsindisi. Intliziyo yakhe yothando novelwano olungcwele itsaleleke kakhulu kulowo ungoyena uqamangeleke ngokungenako ukuzinceda kwimigibe yotshaba. NgelilelaKhe igazi, uye wenza umnqophiso wokukhululwa kohlanga.UL 58.1

    UYesu akanqweneli ukuba abo bebethengwe ngexabiso elingako babe yinto yokudlala yezihendo zotshaba. Akanqweneli ukuba soyiswe okanye sitshabalale. Lowo wavala imilomo yeengonyama emhadini wazo, wahamba namangqina waKhe athembekileyo phakathi kwamalangatye avuthayo, usalunge kwangolo hlobo ukusebenza ngenxa yethu ukoyisa bonke ububi kwindalo yethu. Namhlanje, umi esibingelelweni senceba, ebeka phambi kukaThixo mithandao yabo balangazelela uncedo lwaKhe. Akagxothi okhalayo, otyumkileyo. Ngesisa, uya kuxolela bonke abeza kuYe befuna ukuxolelwa nokubuyiselwa. Akakuxeleli namne konke anako ukukutyhila, kodwa uyalela wonke umphefumlo ongcangcazelyo ukuba womelele. Wonke ovumayo, makabambelele kumandla kaThixo, enze uxolo kunye naYe, Yena uya kwenza uxolo.UL 58.2

    Imiphefumlo ebuyela kuYe ifuna igwiba, uYesu uwuphakamisela ngaphezulu kokutyhola nembambano yolwimi. Akakho umntu okanye ingelosi ekhohlakeleyo enokuyisusa esihlalweni le miphefumlo. UKristu uyimanya nendalo yaKhe yobuThixo-mntu. Ima ecaleni koMthwali-Sono ekukhanyeni okuphuma etroneni kaThixo.UL 58.3

    Igazi likaYesu Kristu lihlambulula “kuso sonke isono.” 1 Yohane 1:7.UL 58.4

    “Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? Ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?” Roma 8:33, 34.UL 58.5

    Phezu kwemimoya namaza, naphezu kwabantu abaphethwe ziidemon, uKristu wabonisa ukuba unolawulo olupheleleyo. Lowo wathulis isaqhwithi wazolisa ulwandle olulwayo wathetha uxolo kwiingqondo ezaphazanyiswa zagagamelwa nguSathana.UL 58.6

    Endlwini yesikhungu eKapernahum, uYesu wayethetha ngomsebenzi awayezele wona wokukhulula amakhoboka esono. Waphazanyiswa sisikhalo esibukhali nesikrakra soloyiko. Indoda ephambeneyo yakhawuleza yeza kuYe iphuma phakathi kwabantu, ikhala isithi, “Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungOyingcwele kaThixo.” Marko 1:24.UL 58.7

    UYesu wayikhalimela idemon, esithi, “Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.” Luka 4:35. Unobangela wokuthuthunjelwa kwale ndoda wayekwakho nasebomini bayo. Yayizithanda kakhulu iziyolo zesono kwaye yayicinga ukubenza ubomi bayo umboniso omkhulu wemidlalo yolonwabo. Ukungabi nabungcathu nokuthsafaza kwayigqwetha imikhwa enendili yendalo yayo, waza uSathana wayilawula ngokupheleleyo. Ukuzisola kwafika sekusemva kakhulu. Ngexesha seyifuna ukuncama ubutyebi neziyolo ukuze izuze ubuntu bayo obalahlekayo, yayingasenako ukuzikhulula ekukhonkxweni ngamakhamandela ongendawo.UL 59.1

    Yathi yakuba iphambi koMsindisi, yavukelwa kukulangazelela inkululeko, kodwa idemon yalala igunya likaKristu. Yathi yakuzama le ndoda ukubhenela kuYesu ifuna uncedo, umoya ongcolileyo wabeka amazwi emlonyeni wayo, yaza yakhala isentlungwini yokoyika. Le ndoda inedemon yayiqonda kancinane ukuba uphambi kwaLowo wayenako ukuyikhulula; kodwa yathi xa izama ukufikelela kweso sandla sinamandla, intando yomnye yayibamba, amazwi omnye afumana ukuthethwa ngomlomo wayo.UL 59.2

    Imbambano phakathi kwegunya likaSathana nomnqweno wayo wenkululeko yayisoyikeka. Kwaba ngathi indoda ethuthunjiswayo kufuneka ilahlekwe bubomi bayo edabini notshaba nto leyo eyayiza kuba kukutshabalala kobuntu bayo. Kuthe xa kunjalo, uMsindisi wathetha ngegunya wamkhulula umbanjwa. Indoda eyayinedemon yema phambi kwabantu abakhwankqisiweyo isenkululekweni nasezingqondweni.UL 59.3

    Ngezwi elinovuyo, yamdumisa uThixo ngokuyihlangula. Iliso ebelisanda kubengezela ngumlilo wempambano ngoku lakhanya yingqondo lithulula iinyembezi ezizele ngumbulelo. Abantu abazange bakwazi nokuthetha kukumangaliswa. Ngako nje ukuba bathi phaka bakwazi ukuthetha bakhuza, omnye ebuza komnye, “Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?” Marko 1:27.UL 59.4

    Zininzi izihlwele namhlanje eziphantsi ngokwenene kwegunya lemimoya ekhohlakeleyo njengoko yayinjalo indoda eyayineedemon yaseKarpenahum. Bonke abathanda ukuba bemke kwimithetho kaThixobazibekaphantsikolawulo lukaSathana. Omnyeumntu uyadlalisana nenkohlakalo, ecinga ukuba anganako ukuphuncuka xa ethanda; kodwa ulotywa lonke ixesha ade azifumane elawulwa yingqondo enamandla kuneyakhe. Akakwazi ukuphuncuka kumandla awo afihlakeleyo. Isono sangasese okanye inkanuko elawulayo ingambamba elikhoboka elingenako ukuzinceda njengowayenedemon waseKapernahum.UL 60.1

    Kanti ke imeko yakhe ayixhomisi zandla. UThixo akazilawuli iingqondo zethu ngaphandle kokuvuma kwethu; kodwa wonke umntu ukhululekile ukuba akhethe ukuba leliphi igunya emalimlawule. Akakho ohlele kumgangatho osezantsi kangako, engekho nombi kangako, kangangokuba angabi nako ukuhlangulwa kuKristu. Indoda eyayineedemon, endaweni yomthandazo, yakwazi kuphela ukuthetha nje amazwi kaSathana; kodwa isibheno sayo esingathethwanga saviwa. Akukho sikhalo somphefumlo onesidingo, nangona singathethwanga ngamazwi, singayi kukhathalelwa. Abo bavumayo ukungena emnqophisweni noThixo abayekelwa kwigunya likaSathana okanye kubuthakathaka beyabo indalo.UL 60.2

    “Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamalungisa? . . . Utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya usinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.” Isaya 49:24, 25.UL 60.3

    Kuyamangalisa ukwenziwa komntu ngokutsha okuya kuba ngamava alowo uthi ngokholo avulele uMsindisi ucango lwentliziyo yakhe.UL 60.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents