Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isifundo Kubomi BukaMoses

    Qaphela amava kaMoses. Imfundo awayizuzayo eYiputa njengomzukulwana kakumkani nendlalifa elindeleke ukuba ihlale etroneni yayigqibelele. Akukho nto yatyeshelwayo eyayimele ukumenza abe yindoda elumkileyo, ngokokwazi kweYiputa ubulumko. Wazuza eyona ngqeqesho iphezulu ephathelele kuluntunasemkhosini. Naye wayeziva ukuba uwulungele ngokupheleleyo umsebenzi wokumkhulula uIsrayeli ebukhobokeni. Yena uThixo wabona ngenye indlela. Ukubonelela kwaKhe kwambekela uMoses amashumi amane eminyaka yokuqeqeshwa entlango engumalusi wezimvu.UL 382.5

    Imfundo kaMoses awayifumana eYiputa yayiluncedo kuye ngeendlela ezininzi; kodwa okona kulungiselwa kuxabisekileyo umsebenzi wabo bonke ubomi bakhe koko wakuzuza ngexesha wayesebenza engumalusi. UMoses ngokwendalo wayengumntu onomoya ongxamayo. EYiputa, eyinkokeli yomkhosi nethandwa kakhulu ngukumkani nesizwe, wayeqhelene nokudunyiswa nokunyhwalazwa. Wayebatsalele kuye abantu. wayethembe ukuba uya kuwufeza ngawakhe amandla umsebenzi wokukhulula uIsrayeli. Zazahluke kakhulu izifundo ekwakufuneka ezifundile njengommeli kaThixo. Ngexesha wayekhokelela imihlambi emahlathini asezintabeni nakumadlelo aluhlaza eentili, wafunda ukholo nobulali, umonde nokuzithoba, kwakunye nokulibala ngesiqu sakhe. Wafunda ukukhathalela ezibuthakathaka, ukonga ezigulayo, ukufuna ezilahlekileyo, ukunyamezela ezingalawulekiyo, ukwalusa iimvana, ukondla ezindala neziphelelwe ngamandla.UL 383.1

    Kulo msebenzi uMoses watsalelwa kufuphi kakhulu kuMalusi oyiNtloko. Wamanyana kakhulu nOyingcwele kaIsrayeli. Akazange abesaceba ukwenza umsebenzi omkhulu. Wafuna ukwenza ngokuthembekileyo njengakuThixo umsebenzi awunikiweyo ukuba awenze. Wabuqonda ubukho bukaThixo kokumjikelezileyo. Yonke indalo yayimxelela ngOngabonwayo. Wamazi uThixo njengoThixo wakhe, waza wathi, ekucamngceni ngesimilo saKhe, wabuqonda ngokupheleleyo ngakumbi nangakumbi ubukho baKhe. Wafumana indawo yokukhuseleka ezingalweni ezingunaphakade.UL 383.2

    Emva kwala mava, uMoses waluva ubizo oluvela ezulwini ukuba ayeke iindlela ezigoso zikamalusi athabathe intonga yegunya; ashiye umhlambi wakhe wezimvu athabathe ukuba yinkokeli kaIsrayeli. Umyalelo wezulu wamfumana engazithembanga, ezekelela ukuthetha, ephakuphaku. Wayonganyelwe yingqondo yokungabi nako ukuba ngumlomo kaThixo. Noko kunjalo wawamkela umsebenzi, ebeka konke ukuthemba kwakhe kuYehova. Ubukhulu boko wayekuthunywa kwakufuna kusetyenziswe awona mandla achubekileyo engqondo yakhe. UThixo wakusikelela ukuthobela kwakhe ngokulula, waza waliciko, ezaliswe lithemba, eziqoqoshile, efanele owona mkhulu umsebenzi owakha wanikwa umntu. Ngaye kubhalwe kwathiwa: “Akubanga savela kwaIsrayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni.” Duteronomi 34:10.UL 383.3

    Abo bava ngathi umsebenzi wabo awubonwa, nabanxanelwe isikhundla somthwalo omkhulu, mabaqaphele ukuba “[Unyuselo] aluveli empumalanga nasentshonalanga nasentlango yeentaba. Hayi, nguThixo ogwebayo; uyamthoba lo, amphakamise lowa.” Iindumiso 75:6, 7. Wonke umntu unendawo yakhe kwicebo likanaphakade lezulu. Ukuba siyayithabatha okanye asiyithabathi loo ndawo kuxhomekeke ekuthembekeni kwethu ekusebenzisaneni noThixo.UL 384.1

    Kufuneka sikulumkele ukuzisizela. Ungaze uziyekele ekuziveni ngathi akuxatyiswanga njengoko bekumele ukuba kubenjalo, nokuba umsebenzi wakho unzima kakhulu. Ingcinga yoko uKristu wakunyamezelayo ngenxa yethu mayiyithulise yonke ingcinga ekhalazayo. Siphethwe kakuhle kakhulu kunokuba iNkosi yethu yayiphethwe. “Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna.” Yeremiya 45:5. INkosi ayinayo indawo emsebenzini wayo yabo banolangazelelo olukhulu lokuba bazuze isithsaba kunokuba bathwale umnqmlezo. Ifuna amadoda anyamekele kakhulu ukwenza umsebenzi wawo kunokuzuza umvuzo—amadoda azondelele kakhulu ukukhathalela umthetho-siseko kunokunyuselwa ngentla.UL 384.2

    Abo bathobekileyo, abenza umsebenzi wabo ngokungathi bawenza kuThixo, basenokungacaci kangako njengaba bazele bubutyhuthu-tyhuthu nokuzibonakalalisa; kanti ke umsebenzi wabo wenza okukhulu. Kukholisa ngokuba abo benza umboniso omkhulu batsalele amehlo kubo, bengena phakathi kwabantu noThixo, uze umsebenzi wabo ungaphumeleli. “Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise! Fumana ingqiqo nokuba kudle konke onako. Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa.” [IBHAYIBHILE]. “Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.” Izafobe 4:7, 8; iMizekeliso 4:8.UL 384.3

    Ngenxa yokuba bengenako ukuzimisela ukuba bazithabathe bona bakhoyo baguquke, abaninzi bahamba ngomgca omnye olikhondo lokwenza okungalunganga. Akumele kube njalo ke oko. Banako ukuwakhulisa amandla okwenza owona msebenzi ulunge kakhulu, baze basoloko befuneka. Baya kuxatyiswa ngako konke abakufaneleyo.UL 384.4

    Ukuba bakho abafanelekileyo ukuba kwisikhundla esiphezulu, iNkosi iya kuwubeka umthwalo, kungekuphela kubo bodwa, kodwa nakwabo baye babavavanya, abalaziyo ixabiso labo, abanokuthi, benokuqonda, babakhuthaze ukuba babheke phambili. Ngabo benza ngokuthembeka umsebenzi abawubekelweyo imihla ngemihla, abaya kuthi ngexesha laKhe uThixo bakuve ukubiza kwaKhe, “Nyukelani ngasentla!”UL 385.1

    Ngexesha abalusi babelinde imihlambi yabo eziindlulini zaseBhetelehem, iingelosi zasezulwini zabatyelela. Ngokunjalo nanamhlanje ngexesha umsebenzi kaThixo othobekileyo elandela oko akunyulelweyo, iingelosi zikaThixo zima ecaleni kwakhe, ziphulaphule amazwi akhe, ziphawule indlela awenza ngayo umsebenzi wakhe, zibone ukuba akunako na ukubekwa imithwalo emikhulu ngaphezulu na ezandleni zakhe.UL 385.2

    Akungabutyebi babo, kungengamfundo yabo, okanye isikhundla sabo athi uThixo abaxabise abantu. Ubaxabisa ngobunyulu benjongo yabo kunye nobuhle besimilo sabo. Uyabakhangela ukuba abone ukuba ungakanani uMoya waKhe abanawo, nokuba ingakanani imfano naYe obayivezayo kubomi babo. Ukuba mkhulu ebukumkanini bukaThixo kufuneka bufane nomntwana omncinane ekuthobekeni, ekufikelelekeni kokholo, nobunyulu bothando.UL 385.3

    “Niyazi,” watsho uKristu,” ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu.” Mateyu 20:25 26.UL 385.4

    Kuzo zonke izipho ezinokuthiwa jize abantu lizulu, ubudlelane noKristu sesona sinobunzima neyona mbeko iphezulu. NoEnoki, owenziwa waba kumila kumbi waya ezulwini, noEliya, owanyuka ngenqwelo yomlilo, abazanga baba bakhulu okanye bazukiswa ngaphezulu kukaYohane umBhaptizi, owafa eyedwa kwisisele esimnyama. “Nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe.” Filipu 1:29.UL 385.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents