Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    31—Umama

    Loo nto abazali bayiyo, nabantwana, ubukhulu becala, baya kuba yiyo. Iimeko zomzimba zabazali, into ababonakala beyiyo nabathanda ukukutya, izinto abakekelele kuzo ngengqondo nokuziphatha, zinayo indlela yokubonakala ebantwaneni babo.UL 291.1

    Iinjongo eziphucukileyo, iziphiwo eziphezulu zengqondo nezasemoyeni, nokukhula kakuhle kwamandla omzimba kubazali, kokukona beya kuba nezixhobo ezilungileyo zobomi zokunika abantwana babo. Ekukhuliseni oko kuya kuba kokona kulungileyo kubo ngokwabo, abazali bafaka impembelelo yokuqulunqa umphakathi nokuphakamisa isizukulwana sexesha elizayo.UL 291.2

    Ootata noomama badinga ukuba bawuqonde umthwalo wabo. Ilizwe lizele yimigibe yeenyawo zabantu abatsha. Izihlwele zitsalwa bubomi bokuthanda okwabo nolonwabo lwemikhwa ephantsi. Abakwazi ukuzibona iingozi ezifihlakeleyo okanye isiphelo esoyikekayo kwindlela ebonakala kubo iyindlela yolonwabo. Ngokuziyekela ekuthandeni okutyiwayo nakwisondo, amandla wabo ayachithwa, zize izigidi zonakale kweli lizwe zonakalele nelizayo. Abazali kufuneka bakhumbule ukuba abantwana babo kufuneka bequbisene nezi zihendo. Kwangaphambi kokuba azalwe umntwana, ulungiselelo kufuneka luqale okuzakwenza ukuba ukulwa kube yimpumelelo kwidabi nobubi.UL 291.3

    Ngendlela eyodwa, uxanduva lulala phezu kukamama. Yena, ekuthi ngegazi lakhe umntwana ondliwe, athi ngamathambo omzimba wakhe, umntwana, akhiwe, udlulisela kuye neempembelelo zasemoyeni ezithanda ukulungisa ingqondo nesimilo. Yaba nguJekobhede, umama womHebhere, owathi, ngokholo oluqinileyo “akasoyika isimiselo sikakumkani” (Hebhere 11:23), owazala uMoses, umhlanguli kaIsrayeli. YayinguHana, umfazi womthandazo nokuzincama nempefumelelo yezulu, owazala uSamuweli, umntwana owafundiswa liZulu, umgwebi owayengenako ukonakaliswa, umseki wezikolo ezingcwele zakwaIsrayeli. Yaba nguElizabhete inkosikazi esisizalwana nomhlobo ngokwasemoyeni noMariya waseNazarete, owayengumama womvakalisi wodaba lokuza koMsindisi.UL 291.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents