Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Indumiso Yam Ingawe Ngamaxesha Onke.”

    Emva kokuba intokazi yaseKapernahum iphilisiwe ngenkcukumiso yokholo, uYesu walangazelela ukuba iyivume intsikelelo eyizuzileyo. Izipho ezinikwa ziindaba ezilungileyo akufuneki zizuzwe ngobusela okanye zonwatyelwe emfihlakalweni.UL 65.2

    “Ningamangqina am, utsho uYehova,
    Ukuba ndinguThixo.”
    UL 65.3

    Isaya 43:12.

    Ukuvuma kwethu ukunyaniseka kwaKhe kusisenzeleli esinyulwe lizulu ukuba kutyhilwe uKristu ehlabathini. Kufuneka siluvume ubabalo lwaKhe njengoko lwenziwe lwaziwa ngamadoda angcwele akudala; kodwa olona luya kuba negalelo elikhulu kakhulu bubungqina bawethu amava. Singamangqina kaThixo xa sityhila ngaphakathi kwethu ukusebenza kwamandla angcwele. Wonke ubani unobomi obahlukileyo kubo bonke abanye, namava awakileyo kakhulu kwabanye. UThixo ulangazelela ukuba indumiso yethu inyuke iye kuYe, inophawu lomntu ngamnye. Oku kumvuma kunexabiso kuzuko lobabalo lwaKhe, xa kuxhaswa bubomi obufana nobukaKristu, kunamandla angeke athintelwe nto asebenzela ukusindiswa kwemiphefumlo.UL 65.4

    Kokokulungelwa kwethu ukugcina sonke isipho sikaThixo sisitsha engqondweni yethu. Ngako oku, ukholo luyomelezwa ukuba lubange lwamkele ngakumbi nangakumbi. Inkulu inkuthazo esinayo kweyona incinane kakhulu intsikelelo esithi thina ngokwethu siyamkele kuThixo kunazo zonke iingxelo esinokuzifunda ngokolo namaza abanye. Umphefumlo osabelayo kubabalo lukaThixo uya kuba njengesitiya esinkcenkceshelwayo. Impilo yawo iya kuntshula ngokukhawuleza; ukukhanya kwakhe kunyuke emfihlakalweni, buze ubuqaqawuli bukaYehova bubonakale phezu kwawo.UL 66.1

    “Ndingambuyisela ngantoni na uYehova
    Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
    Ndophakamisa indebe yosindiso,
    Ndinqule igama likaYehova
    Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.”

    “Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi,
    Ndiya kumbethela uhadi uthixo wam ekubeni ndingokhoyo.
    Makube nencasa kuye ukucamngca kwam;
    Mna ndiya kuvuya ngoYehova.”

    “Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova,
    Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?”

    “Nqulani igama lakhe;
    Yazisani zizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
    Vumani kuye, vumani iindumiso kuye:” (A.R.V.)
    “Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
    Qhayisani ngegama lakhe elingcwele;
    Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova.”

    “Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi,
    Umlomo wam uya kukuncoma. . . .
    Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha;
    Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo umlomo wam,
    Ndakukukhumbula emandlalweni wam,
    Emilindelweni yobusuku ndicamngca ngawe.
    Ngokuba uluncedo kum,
    Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.”

    “Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki;
    Unokundenza ntoni na umntu?
    Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho;
    Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
    Ngokuba wuuhlangule ekufeni umphefumlo wam,
    Iinyawo zam ekukhubekeni,
    Ukuba ndihambe phambi koThixo ekukhanyeni kobomi.

    “Ngcwele kaIsrayeli.
    Uya kumemelela umlomo wam ndakukubethela uhadi,
    Nomphefumlo wam owukhululeyo;
    Nolwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho imini yonke.”

    “Inkoloseko yam kwasebuncinaneni bam. . . .
    Indumiso yam ingawe ngamaxesha onke.”
    “Ndiya kulikhankanya igama lakho; . . .
    Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe.”
    UL 66.2

    Ndumiso 116:12-14; 104:33, 34; 106:2; 105:1, 2, 3; 63:3-7; 56:11-13; 71:22-24, 5,6; 45:17.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents