Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulwazi Olusebenza Inguquko

    Ulwazi lukaThixo njengoko lutyhiliwe kuKristu lulwazi ekumele ukuba bonke abasindisiweyo babe nalo. Lulwazi olusebenza ukwenziwa kutsha kwesimilo. Olu lwazi, xa lwamkelwe, luya kuwudala ngokutsha umphefumlo ngokomfanekiselo kaThixo. Luya kuwunika umzimba wonke amandla kamoya angcwele.UL 337.4

    “Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini.” 2 Korinte 3:18.UL 337.5

    NgobaKhe ubomi, uMsindisi uthi, “Mna ndayigcina imithetho kaBawo.” Yohane 15:10. “UBawo akandishiyanga ndedwa; ngokuba mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.” Yohane 8:29. Njengoko uYesu wayenjalo ekwindalo yomntu, ngokunjalo uThixo ufuna ukuba babe njalo abalandeli baKhe. Ngamandla waKhe, simele ukuphila ubomi obunyulu nobunendili awabuphilayo uMsindisi.UL 337.6

    “Ngenxa yoko,” uthi uPawulos, “ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nasemhlabeni, ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi; ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziweni zenu, nendele nisekelwe eluthandweni, ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo, kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.” Efese 3:14-19.UL 338.1

    “Asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo.” Kolose 1:9-11.UL 338.2

    Lulwazi olu uThixo asibizayo ukuba siluzuze, kwaye ngaphandle kwalo konke okunye kungamampunge nokungabi nto.UL 338.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents