Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ithemba Nokuqina

    Akukho nto singayenza ngaphandle kwamandla nokuzingisa. Thetha amazwi ethemba kumahlwempu nakwabatyhafileyo. Ukuba kunokwenzeka, banike isiqinisekiso esiphathekayo somdla wakho ngokubanceda xa befike kwiindawo ezimxinwa. Abo babe namathuba amaninzi amahle kufuneka bakhumbule ukuba bona ngokwabo basona kwizinto ezininzi, nokuba kubuhlungu kubo xa iimposiso zabo zisalathwa kuze kuphakanyiswe phambi kwabo umzekelo omhle kakhulu wento abamele ukuba yiyo. Khumbula ukuba ububele benza okuhle ngaphezulu kokugxeka. Xa uzama ukufundisa abanye, bayeke bazibonele ukuba unga bangafikelela kowona mgangatho uphezulu, nokuba ukulungele ukubanika uncedo. Ukuba kwezinye izinto, bayawa, musa ukukhawuleza ukubagxeka.UL 146.1

    Ukungabi nabuyokoyoko, ukuzilandula, uqoqosho, izifundo, izinto ekufuneka kakhulu ukuba zifundwe ngabangamahlwempu, zikholisa ukuba nzima nokungamkeleki kubo. Umzekelo nomoya wehlabathi uthi rhoqo uthabathekisa ukhulisa ikratshi, uthanda ukuqhayisa, ukuziyekela, ukuthsafaza, nokungasebenzi. Obu bubi buwazisa amawaka entluphekweni yokungabi namali, nokuthintela amawaka angaphezulu ekuphakameni ngaphezulu kobugxwayiba nentlupheko. AmaKristu kufuneka abakhuthaze abangamahlwempu ukuba bamelane okanye balwe nezi mpembelelo.UL 146.2

    UYesu weza kulo mhlaba esekuzithobeni. Wayengowozalo oluphantsi. INgangalala yezulu, uKumkani wozuko, uMlawuli womkhosi wazo zonke iingelosi wazitoba ukuba amkele buntu, wathi emva koko wakhetha ubomi bobuhlwempu nokuthotyelwa phantsi. Wangenawo amathuba abangenawo abangamahlwempu. Ukusebenza nzima, ubunzima, nokuphatheka kakubi zizinto ezaziyinxalenye yamava emihla ngemihla. “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.” Luka 9:58.UL 146.3

    UYesu akazange afune kuthandwa okanye ukunconywa ngabantu. Akazange akhokele mkhosi. Akazange alawule bukumkani bomhlaba. Akazange amkele ukuthandwa ngabazizityebi nokuhlonitshwa lihlabathi. Akazange abange sikhundla phakathi kweenkokeli zohlanga. Wahlala phakathi kwabaphantsi. Wakwenza into engento ukubaluleka kokwenziwa ekuhlaleni. Ukuphakama kokuzalwa, ubutyebi, italente, imfundo, umgangatho, konke akakuhoyanga.UL 147.1

    Waye eliTshawe lezulu, ukanti akazange akhethe abakhethe abafundi baKhe phakathi kwabomthetho abafundileyo, kubaphathi, kubabhali, okanye kubaFarisi. Wabadlula bone aba, kuba babezidla ngokufunda nezikhundla. Babe zinzile kwizithethe kwakunye neenkolo zabo. Lowo wayenako ukuzifunda zonke iintliziyo wakhetha abalobi abathobekileyo ababe nentumekelelo ukuba bafundiswe. Watya nababuthi berhafu naboni, waxubana nabantu bonke, kungekho ukuze abe phantsi ngowasemhlabeni nabo, kodwa ukuze athi ngokomthetho nomzekelo abanike imithetho-siseko elungileyo, nokuba abaphakamise ekuthandeni kwabo umhlaba nokuba phantsi.UL 147.2

    UYesu wazama ukulungisa umgangatho ongalunganga wehlabathi wokumisa ixabiso labantu. Wathabatha indawo yaKhe kunye namahlwempu, ukuze alisuse kwintlupheko ibala elabekwa lihlabathi kuko. Ubhunyule kuko ngonaphakade ungcikivo lokugculelwa, ngokusikelela abangamahlwempu, iindlalifa zobukmkani bukaThixo. Usalathisa kwindlela awayihambayo, esithi, “Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.” Indima 23.UL 147.3

    Abasebenzi abangamaKristu kufuneka bahlangane nabantu apho bakhoyo, babafundise, hayi ngekratshi, kodwa ngokwakhiwa kwesimilo. Mabafundiswe indlela awasebenza ngayo uKristu wazilandula. Mabancedwe ukuba bafunde kuYe izifundo zokulumkela ukuziyekela ekuvumelaneni nezinto zexesha. Ubomi buxabiseke kakhulu, buzele kakhulu yimithwalo enendili, nengcwele, ukuba bungachithwa ekukholiseni umna.UL 147.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents