Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukungeniswa Komoya Nelanga

    Ekwakhiweni kwezindlu, kubaluleke ngendlela eyodwa ukuba kubekho ukungena komoya nelanga okuninzi. Makubekho umsinga womoya nokukhanya okuninzi kwigumbi ngalinye endlwini. Amagumbi okulala kufuneka alungiswe ngendlela yokuwenza ukuba abe nomoya ojikeleza ngokukhululekileyo emini nasebusuku. Alikho igumbi elikufaneleyo ukuhlalwa njengelokulala ngaphandle kokuba linako ukuvulwa yonke imihla ukuba kungene umoya nelanga. Kumazwe amaninzi amagumbi okulala kudingeka ukuba afakelwe izixhobo xokuwenza afudumale, ukuze akwazi ukufudumala omiswe nokomiswa ngokwaneleyo ngemeko zezulu ezibandayo okanye ezimanzi.UL 212.1

    Igumbi labahambi kufuneka likhathalelwe ngokufanayo namaye amagumbi alungiselwe ukusetyenziswa rhoqo. Njengamanye amagumbi, kufuneka libe nomoya nelanga, lize lenzelwe nendlela yokufudunyezwa, nokulomisa njengelo kuhlalwa kulo eliya lithande ukufuma. Wonke olala kwigumbi elingenalo ilanga, okanye osebenzisa umandlalo ongakhange womiswe ubethwe nangumoya ngokwenene, ukwenza oko ngokubeka impilo yakhe engozini, ngokunjalo nobomi bakhe.UL 212.2

    Xa besakha, abaninzi baqinisekisa ukuba benza umsindleko wendawo yokubeka izityalo neentyatyambo. Indlu yohlaza okanye ifestile ebekelwe bucala ukusetyenziswa xa kushushu, kukho nelanga, kuba, ngaphandle kokufudumala, umoya nelanga, izityalo aziyi ziphile ziqhame. Ukuba ezi meko ziyafuneka kubomi bezityalo, kobeka phi ukufuneka ngakumbi kweyethu impilo nakweyeentsapho zethu kunye nabahambi!UL 212.3

    Ukuba singathanda ukuba amakhaya wethu abe ziindawo zokuhlala kwempilo nolonwabo, kufuneka ngaphezulu komoya nenkungu yeendawo ezisezanzi, zezinike ukungena lula kwezenzeleleli zezulu ezinika ubomi. Makwahlukanwe neemidiyadiya enzima, makuvulwe iifestile kunye nemilengalenga enqanda ukungena kwelanga, kungavunyelwa izityalo ezinabayo zenze ithunzi ezifestileni, kungayekwa imithi ime kufuphi nendlu ivalele ukukhanya kwelanga. Ukukhanya kwelanga kusenokonakalisa umbala wemidiyadiya, kwenze neekhaphethi zimbatshe, nemifanekiso igqole; kodwa kuya kuzisa ubuhle bempilo ezidleleni zabantwana.UL 213.1

    Abo kufuneka bekhathalele abantu abadala [abagugileyo] kufuneka bakhumbule ukuba aba, ngendlela eyodwa, bafuna amagumbi afudumeleyo anolonwabo. Ukuqhathula kuyancipha ngokuhamba kweminyaka, kushiye kukuncinane ukuba namandla okumelana neempembelelo ezingenampiliso; kungoko kufuneka kakhulu ukuba abadala bafumane ilanga elininzi, nomoya omhle nococekileyo. UL 213.2

    Ukucoceka okungahlalwa nayimpukane kuyafuneka kwimpilo yasemzimbeni nasengqondweni. Umzimba uthi rhoqo ukhuphe izinto ezingcolileyo ngesikhumba. Inyambalala yeentunja zesikhumba iya khawuleza ukuvaleka ngaphandle kokuba igcinwe icocekile ngokuhlanjwa rhoqo. Ukungcola ekufuneka kuphume emzimbeni ngesikhumba kuba ngumthwalo owongeziweyo kwamnye amalungu ancedisa ekukukhupheni.UL 213.3

    Abantu abaninzi banako ukuzuza ulutho ngokuhlamba kumanzi apholileyo okanye adikidiki yonke imihla, kusasa okanye ngokuhlwa. Endaweni yokwandisa ithuba lokungenwa yingqele, ukuhlamba okwenziwe ngendlela eyiyo, kuyayikhusela ingqele, kuba ikhulisa ukuhamba kwegazi; igazi liziswa apha phezulu esikhumbeni, kubekho nokuhamba okulula okungenawo amagingxi-gingxi. Ingqondo kunye nomzimba ziyahlaziyeka emandleni. Izihlunu zisebenze lula, ingqondo ibe nobukrelekrele. Ukuhlamba kuyayithambisa imithambo-luvo. Ngaxeshanye ukuhlamba kunceda amathumbu, isisu, kunye nesibindi, ukuba ilungu ngalinye lifumane impilo namandla, kusebenze kakuhle nokusilwa kokutya.UL 213.4

    Kubalulekile nokuba impahla igcinwe icocekile. Iimpahla ezinxiywayo ziyakugcina ukungcola okuphuma apha kwiintunja zesikhumba; ukuba azitshintshwa rhoqo zihlanjwe, ukungcola kuya kuphinda kubuyele emzimbeni.UL 214.1

    Lonke uhlobo lokungacoceki lukekelela kwisifo. Iintsholongwane ezibanga ukufa zithanda kakhulu iindawo ezimnyama, iikona ezingahoywanga, inkunkuma ebolayo, ukufuma, ukuvunda nencindi. Imifuno emidala namagqabi awa emithini zizinto emazingavunyelwa ukuba zifumbe apha ngasendlwini zibole zonakalise umoya. Makungabikho nto imdaka nebolayo emayiyekwe phakathi kwekhaya. Ezidolophini okanye ezixekweni, kwiindawo ezithatyathwa ngokuba zinempilo entle, kulapho izifo ezikhulu zeefiva ekuthi kwakulandwa kufumaniseke ukuba ziqale kwizinto ezibolileyo ezingasezindlwini zabanini bamakhaya abangakhathaliyo.UL 214.2

    Ucoceko olupheleleyo, ilanga elininzi, ingqwalaselo ngononophelo ekugutyulweni kwazo zonke iindidi kubomi basekhaya, zizinto ezifunekayo ekukhululekeni kwisifo, nasekuhlaleni kukho ulonwabo nodlamko kubahlali basekhaya.UL 214.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents