Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulungiselelo Lwempiliso

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    UThixo Uya Kuzibonela

    Abaninzi abazibiza ngokuba bangabalandeli bakaThixo banentliziyo enamaxhala, ekhathazekileyo kuba besoyika ukuziphosa kuThixo. Abakwenzi ukuzinikela okupheleleyo kuYe, kuba besoyika okuqukwa ziziphumo zokuzinikela okunjalo. Bengakwenzanga oku kuzinikela, abasokuze balufumane uxolo.UL 387.3

    Baninzi abantliziyo zabo zisentlungwini phantsi komthwalo wokukhathazeka kuba bezama ukufikelela kumgangatho wehlabathi. Bakhethe ukulikhonza, bamkele iingxaki zalo, benze namasiko alo. Ngenxa yoko, isimilo sabo singcolisekile baza nobomi babo benziwa indinisa. Ukusoloko bekhathazekile kuyawagqiba amandla obomi. INkosi yethu ilangazelela ukuba bayibeke bucala le dyokhwe yobukhoboka. Iyabamema ukuba bamkele idyokhwe yayo; ithi, “Idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” Ixhala aliboni laye lingakwazi ukuliqonda ikamva; kodwa uYesu ubona isiphelo kwasekuqaleni. Kuyo yonke inzima, unayo indlela yaKhe elugiselwe ukuzisa ukukhululeka. “Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo.” Mateyu 11:30; INdumiso 84:11.UL 387.4

    UBawo wethu wasezulwini unamawaka eendlela zokusibonelela esingazi nto thina ngazo. Abo bamkela umthetho-omnye kuphela wokwenza umsebenzi kaThixo ube mkhulu, uya kufumana izinto eziphazamisayo zisithi shwaka, kuvele indlela egudileyo phambi kweenyawo zakhe.UL 388.1

    Ukwenziwa ngokuthembeka imisebenzi yanamhlanje kokona kulungiselela kulunge kakhulu izilingo zangomso. Musa ukuqokelela ndawonye wonke amatyala namaxhala angomso ukuhlanganise konke kumthwalo wanamhlanje. “Buyanele imini leyo obayo ububi.” Mateyu 6:34.UL 388.2

    Masibe nethemba nesibindi. Ukuphelelwa lithemba emsebenzini kaThixo kusisono kwaye akunangqondo. Uyazazi zonke iintswelo zethu. Kumandla onke kaKumkani weekumkani, uThixo wethu ongumgcini womnqophiso umanya ububele nenkathalo yomalusi onothando. Amandla waKhe aphelele, kwaye sisibhambathiso saKhe sokuzalisekiswa okuqinisekileyo kwamadinga aKhe kubo bonke abathembela kuYe. Unawo amacebo okususa yonke inzima, ukuze abo bamsebenzelayo bewahlonipha amacebo awasebenzisayo bakwazi ukuxhaswa. Uthando lwaKhe luphakame kakhulu kunalo lonke olunye uthando njengoko amazulu ewuphakamele umhlaba. Ubalusile abantwana baKhe ngothando olungenamlinganiselo nolungunaphakade.UL 388.3

    Ngeyona mihla imnyama, xa imbonakalo ingavumi, kholelwa kuThixo. Usebenza intando yaKhe, ezilungisa zonke izinto ngenxa yabantu baKhe. Amandla abo bamthandayo bemsebenzela aya kuhlaziywa imihla ngemihla.UL 388.4

    Unako kwaye ekulungele ukubanika abakhonzi baKhe lonke uncedo abaludingayo. Uya kubunika ubulumko obufuneka kuzo zonke izidingo zabo ezahlukeneyo.UL 388.5

    Owayephekisisiwe, umpostile uPawulos, wathi, “Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.” 2 Korinte 12:9, 10.UL 389.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents